Back to LanguagesPrevious ChapterNext Chapter
Xhosa - Chapter 21 - Al-Anbiya
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink
Verse 1 — Surah Al-Anbiya 21:1
Sele kusondele kubantu ukuba baphendule (ngezenzo zabo), lo gama bona betshikila bengakhathali
Verse 2 — Surah Al-Anbiya 21:2
Akukho nkumbuzo intsha (isiTyhilelo) efikayo kubo esuka eNkosini yabo koko bona bayiphulaphula ngendlalo
Verse 3 — Surah Al-Anbiya 21:3
Ngeentliziyo zabo eziphambukileyo. Abo benza ububi bayazifihla iintetho zabo zasekhusini, (besithi): “Ingaba (lo Mprofeti) uyenye into engaphezulu kunokuba ngumntu njengani? Niza kuzinikela emilingweni nijongile na?”
Verse 4 — Surah Al-Anbiya 21:4
Yena (uMuhammad) wathi: “INkosi yam Iyakwazi okuthethwa ngamazulu nomhlaba, yaye Yona nguSokuva uSokubona.”
Verse 5 — Surah Al-Anbiya 21:5
Kodwa bathi: “(isiTyhilelo se’Kur’ân) yingxubevange yamaphupha obuxoki. Unotshe, uyiqambile! Nakanye yimbongi! Makeze nomqondiso njengabamandulo kaloku ababethunyiwe (benemiqondiso).”
Verse 6 — Surah Al-Anbiya 21:6
Akukho nasinye isixeko kwezo Sazitshabalalisayo, esakholwayo ngaphambili kunabo, Ngoku ke baza kukholwa bona
Verse 7 — Surah Al-Anbiya 21:7
ASizanga ngaphambili kunawe Sithumele (nto yimbi) koko yayingamadoda eSawatyhilelayo. Ngoko ke buza abantu benkumbuzo (isiBhalo iTorah, iVangeli) ukuba akwazi
Verse 8 — Surah Al-Anbiya 21:8
Kananjalo aSizanga Sibadale (abaProfeti) ngemizimba engadli kudla bengazanga babe ngabantu abangafiyo
Verse 9 — Surah Al-Anbiya 21:9
Ukanti Sasizalisekisa kubo isithembiso. Sabasindisa bona ndawonye nabo Sathandayo (ukubasindisa), kodwa Sabatshabalalisa abenzi bobubi
Verse 10 — Surah Al-Anbiya 21:10
Inene Thina Sithumele iNcwadi (i’Kur’ân) kuni enenkumbuzo yenu. Ingaba aniyi kuqonda na
Verse 11 — Surah Al-Anbiya 21:11
Zingaphikhonaizixekoezazinogabadelo,eSazitshabalalisayo, Savelisa abanye abantu emveni kwazo
Verse 12 — Surah Al-Anbiya 21:12
Ke kaloku (abantu bazo) bathi besakuva iSohlwayo seThu, (bazama) ukusibaleka ngoko nangoko
Verse 13 — Surah Al-Anbiya 21:13
(Iingelosi zathi): “Sanukubaleka kaloku koko buyelani kobo bomi benu bobunewunewu (benibuphila), nasemizini yenu khon’ukuze nibuzwe.”
Verse 14 — Surah Al-Anbiya 21:14
Bathi bona: “Yeha kuthi! Inene, thina besingabenzi bobubi.”
Verse 15 — Surah Al-Anbiya 21:15
Eso sikhalo sabo asizanga siphele, Sada Sabenza banjengentsimi evuniweyo, batshabalala nya
Verse 16 — Surah Al-Anbiya 21:16
ASiwadalanga amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kuwo ukuba kube yindlalo
Verse 17 — Surah Al-Anbiya 21:17
Ukuba ngaba SaSifune ukuthabatha ukonwaba1, ngeSakuthabatha oko Sikukhupha kuThi, Ukuba SaSizimisele ukukwenza oko
Verse 18 — Surah Al-Anbiya 21:18
Ukusuka apho Sigibisela inyaniso ngokuchasene nobuxoki, ize ibutshabalalise, ke kaloku bona (ubuxoki) bunyamalale. Yeha kuni (ngobuxoki) enibubalela (kuAllâh)
Verse 19 — Surah Al-Anbiya 21:19
NgowaKhe nabani na osemazulwini nasemhlabeni. Yaye abo bakufuphi kuYe (iingelosi) abathintelwa yinkukhumalo ekuMnquleni Yena, bengadinwa nakudinwa (kukuMkhonza)
Verse 20 — Surah Al-Anbiya 21:20
BaMzukisa ubusuku nemini yaye abayekeleli
Verse 21 — Surah Al-Anbiya 21:21
Makube bazithabathele thixo bambi na emhlabeni (abakwaziyo) ukuvusa abafileyo
Verse 22 — Surah Al-Anbiya 21:22
Ukuba ngaba (emazulwini nasemhlabeni) bekukho oothixo ngaphandle koAllâh, bebeya kutshabalala. Ngoko ke makazukiswe uAllâh, iNkosi yeTrone mayela noko bakubalela kuYe
Verse 23 — Surah Al-Anbiya 21:23
Yena Akabuzwa ngoko Akwenzayo, kodwa bona baza kubuzwa
Verse 24 — Surah Al-Anbiya 21:24
Okanye mhlawumbi bazithabathele thixo bambi na ngaphandle kwaKhe? Yithi (Muhammad): “Velisani ubungqina kaloku. Le (‘Kur’ân) yinkumbuzo kwabo bakunye nam ikwayinkumbuzo kwabo bangaphambili kunam. Kodwa abaninzi kubo abayazi inyaniso, ngoko ke ngabachasi
Verse 25 — Surah Al-Anbiya 21:25
Kananjalo aSizanga Sithumele Mthunywa ngaphambi kwakho (Muhammad) koko Samtyhilela ukuba: akukho thixo wumbi ngaphandle kwaM, Khonzani Mna ke
Verse 26 — Surah Al-Anbiya 21:26
Ukanti bathi: “USolubabalo Uzele unyana.” Makazukiswe Yena, ukusuka apho bona abo kuthiwa ngoonyana baKhe, zizicaka zaKhe ezihloniphekileyo
Verse 27 — Surah Al-Anbiya 21:27
Bona (abo bazizicaka zaKhe) abathethi kuqala kunaYe de kuthethe Yena yaye benza ngokomyalelo waKhe
Verse 28 — Surah Al-Anbiya 21:28
Uyakwazi okungaphambili kubo, nokungasemva kwabo, ukanti angekhe bacengele nabani na ngaphandle kwalowo Akholisekileyo nguye. Kananjalo bema phambi kwaKhe ngentlonipho ngenxa yokuMoyika Yena
Verse 29 — Surah Al-Anbiya 21:29
Ke kaloku nabani na kubo ongathi: “Inene mna ndinguthixo ngaphandle kwaKhe (uAllâh),” Lowo Singambuyekeza ngesiHogo. Sibabuyekeza kanjalo ke abagabadeli
Verse 30 — Surah Al-Anbiya 21:30
Ingaba abo bangakholwayo abaqondi na ukuba amazulu nomhlaba ayedityanisiwe eyinto enye. Saza Thina Sawahlukanisa, Senza yonke into ephilayo ngamanzi, kanti abakholwa na
Verse 31 — Surah Al-Anbiya 21:31
Kananjalo Sibeke emhlabeni iintaba eziqinileyo, kuba hleze (umhlaba) uphephuke nabo. Saza Sabeka apho iindlela ezinkulu ekugqithwa ngazo khon’ukuze bakhokeleleke
Verse 32 — Surah Al-Anbiya 21:32
Ke kaloku Senza isibhakabhaka saba luphahla olukhuselekileyo, kodwa bona, kwimiqondiso yaso bayatshikila bafulathele
Verse 33 — Surah Al-Anbiya 21:33
Yaye nguYe Odale ubusuku nemini, nelanga nenyanga, nganye kuzo ijikeleza kwisijikelezisi sayo
Verse 34 — Surah Al-Anbiya 21:34
Kananjalo aSizanga senze namnye kubantu ukuba angafi ngaphambili kunawe (wena Muhammad). Ingaba usakufa wena baza kuphila ngonaphakade bona
Verse 35 — Surah Al-Anbiya 21:35
Wonke umntu uza kukungcamla ukufa, kananjalo Siya kwenza uvavanyo kuni ngokungendawo nangokulungileyo. Ukanti kuThi kulapho (niza) kubuyela khona
Verse 36 — Surah Al-Anbiya 21:36
Ke bona abo bangakholwayo xa bekubona, (Muhammad) abakuthatheli ntweni ngaphandle kokukugxeka, (besithi): “Ingaba lo ngulowo ukhankanya oothixo benu?” Ukanti bona xa kukhankanywa uSozinceba, abakholwa
Verse 37 — Surah Al-Anbiya 21:37
Umntu wadalwa waba sisingxami, (wangabi namonde). Ndiza kunibonisa ke imiqondiso yaM (impindezelo), ningaNdiceli ngokungxama
Verse 38 — Surah Al-Anbiya 21:38
Kananjalo bathi: “Siya kuba nini na esi sithembiso, ukuba nithetha inyaniso?”
Verse 39 — Surah Al-Anbiya 21:39
Akwaba abo bangakholwayo bebelazi ixesha abangayi kukwazi ngalo ukubuyisa umva uMlilo ebusweni babo okanye emiqolo yabo kwanokuba abayi kuncedwa nakuncedwa
Verse 40 — Surah Al-Anbiya 21:40
Ukusuka apho liya kubafikela bengalindelanga libamangalise, yaye abayi kukwazi ukulishenxisa, bengayi kumelwa nakumelwa
Verse 41 — Surah Al-Anbiya 21:41
Inene abaThunywa (abaninzi) bagculelwa ngaphambi kwakho (wena Muhammad) kodwa abagculeli (abo) baye barhangqelwa ngoko kugculela kwabo
Verse 42 — Surah Al-Anbiya 21:42
Yithi: “Ngubani na onganikhusela ebusuku okanye emini kuSozinceba?” kodwa bona bayayifulathela inkumbulo yeNkosi yabo
Verse 43 — Surah Al-Anbiya 21:43
Ingaba banabanye oothixo abanokubakhusela kuThi? Abanawo nje amandla okubakhusela, bengekhe (kwabona) bakhuseleke kuThi
Verse 44 — Surah Al-Anbiya 21:44
Nakanye, Thina Sinike ubunewunewu bobomi beli hlabathi kula madoda noyise bawo lada ixesha laya liba lide kubo. Ababoni na bona ukuba siya siwucutha ngokuwucutha umhlaba ngokwemida yawo? Ingaba ngabo na abaza kuba noloyiso
Verse 45 — Surah Al-Anbiya 21:45
Yithi (Muhammad): “Mna ndilumkisa kuphela ngesiTyhilelo (esivela kuAllâh) kodwa izithulu aziluva ubizo xa zilunyukiswa
Verse 46 — Surah Al-Anbiya 21:46
Ke kaloku xa umfutho (nje) wesohlwayo seNkosi yakho unokubarheca, angekhe bangathi, “Yeha kuthi! Inene, thina besingabenzi bobubi.”
Verse 47 — Surah Al-Anbiya 21:47
Ke kaloku Siza kumisela umthetho wokulingana wobulungisa ngoMhla woVuko, yaye akukho bani uza kuphathwa ngokungenabulungisa nangantoni na. Ke kaloku ukuba kuthe kwakho ubunzima (bezenzo ezilungileyo nokuba zezingalunganga) obungangobekhozo lwemostadi. Siya kubuzisa (obo bunzima ngaphambili). Sanele Thina Sisedwa ukufaka embuzweni
Verse 48 — Surah Al-Anbiya 21:48
Inene Thina Sanika uMûsâ noHârûn inqobo (yokwahlula phakathi kokulungileyo nokungalunganga), nokukhanya okukhazimlayo nenkumbuzo kumalungisa
Verse 49 — Surah Al-Anbiya 21:49
Abo bayoyikayo iNkosi yabo bengaYiboni nokuYibona, bona bayayoyika neYure
Verse 50 — Surah Al-Anbiya 21:50
Le ‘Kur’ân ngumyalezo osikelelekileyo eSiwuthumele phantsi (emhlabeni). Ingaba niza kuyiphika
Verse 51 — Surah Al-Anbiya 21:51
Kananjalo inene Thina Sanika uIbrâhîm ugwebo olulungileyo mandulo, yaye Thina Sasisazi kakhulu ngaye
Verse 52 — Surah Al-Anbiya 21:52
Yabona wathi kutata wakhe nakubantu bakubo: “Yeyantoni na le mifanekiso iqingqiweyo nizinikele kangaka kuyo?”
Verse 53 — Surah Al-Anbiya 21:53
Bathi bona: “Thina safumana oobawo bethu bekhonza yona.”
Verse 54 — Surah Al-Anbiya 21:54
Wathi yena: “Inene nina noobawo benu nanisekulahlekeni okucacileyo.”
Verse 55 — Surah Al-Anbiya 21:55
Bathi bona: “Ingaba wena usizele nenyaniso na, okanye ungomnye wabo bagculelayo kusini na?”
Verse 56 — Surah Al-Anbiya 21:56
Wathi yena: “Nakanye ukusuka apho, iNkosi yenu yiNkosi yamazulu nomhlaba, Eyadala bona, mna ke mayela noko ndingomye wamangqina.”
Verse 57 — Surah Al-Anbiya 21:57
Ke kaloku (mna ndifunga) ngoAllâh, ndiya kuqulunqa icebo ngokuchasene nemifanekiso eqingqiweyo yenu nisakuba nimkile nina
Verse 58 — Surah Al-Anbiya 21:58
Wayaphula ke (loo mifanekiso iqingqiweyo) yaba ziingceba (yonke) kwashiyeka owona mkhulu kuyo, khona ukuze babuyele kuwo (ngemibuzo)
Verse 59 — Surah Al-Anbiya 21:59
Bathi bona: Ngubani owenze le nto koothixo bethu? Inene yena ngomnye wabagabadeli.”
Verse 60 — Surah Al-Anbiya 21:60
Bathi: “Sikhe seva enye indodana ithetha ngokuchasene nabo, ebizwa ngokuba nguIbrâhîm.”
Verse 61 — Surah Al-Anbiya 21:61
Bathi: “Mziseni phambi kwamehlo wabantu, ukuze babe nobungqina.”
Verse 62 — Surah Al-Anbiya 21:62
Bathi: “Ingaba wena ungulo wenze le nto (imbi kangaka) koothixo bethu, hini na wena Ibrâhîm?”
Verse 63 — Surah Al-Anbiya 21:63
Wathi yena: “Nakanye, ingasuka nje ibe ngulo umkhulu kunabo owenze loo nto, ngoko ke buzani kubo ukuba (bayakwazi) ukuthetha
Verse 64 — Surah Al-Anbiya 21:64
Ke kaloku bajongana bathi omnye komnye: “Inene nina ningabenzi bobubi.”
Verse 65 — Surah Al-Anbiya 21:65
Baphinda barhoxa (besithi) “Uyayazi nje (nawe) into yokuba ezi (zithixo) azithethi!”
Verse 66 — Surah Al-Anbiya 21:66
Wathi yena: “Ke ngoku nina niyikhonza (njani) endaweni ka-Allâh into engenaluncedo ingekhe inenze bungozi konke- konke?”
Verse 67 — Surah Al-Anbiya 21:67
Mkani nina nezo nto nizinqulayo ngaphandle koAllâh! Kanti aninangqondo na?”
Verse 68 — Surah Al-Anbiya 21:68
Bathi bona: “Mtshiseni nincedise oothixo benu ukuba kukho into ekufuneka niyenzile
Verse 69 — Surah Al-Anbiya 21:69
Thina (SinguAllâh) Sathi: “Phola wena mlilo, usindise uIbrâhîm!”
Verse 70 — Surah Al-Anbiya 21:70
Ke kaloku babefuna ukumonzakalisa, kodwa Thina Sabenza baba ngabona balahlekelwa kakhulu
Verse 71 — Surah Al-Anbiya 21:71
Samhlangula ke yena (uIbrâhîm) noLût Sabasa kwilizwe eSalithamsanqelisela indalo yonke
Verse 72 — Surah Al-Anbiya 21:72
Ke kaloku Sampha uIs-hâ’k (uIsake) nomzukulwana uYa’kûb (uYakobi) ngamnye kubo Samenza waba ngcwele
Verse 73 — Surah Al-Anbiya 21:73
Kananjalo Sabenza iinkokeli, bakhokela (uluntu) ngomyalelo weThu, yaye Satyhila kubo ukwenziwa kwemisebenzi elungileyo, ukumiselwa kweSalâh nokunikelwa kweZakâh yaye babengabanquli beThu
Verse 74 — Surah Al-Anbiya 21:74
Ukanti uLût, Samnika ukugweba nolwazi, Samsindisa esixekweni esasisenza izenzo ezingcolileyo. Inene, bona babengabantu bokungcola, bengathobeli konke-konke
Verse 75 — Surah Al-Anbiya 21:75
Ke kaloku Samngenisa encebeni yeThu. Inene, yena wayengomnye wamalungisa
Verse 76 — Surah Al-Anbiya 21:76
Yabona wathi uNûh esakukhala (kuAllâh) mandulo Samphendula, Samsindisa yena nosapho lwakhe kwisibetho esikhulu (unogumbe)
Verse 77 — Surah Al-Anbiya 21:77
Kananjalo Samncedayena(ukumkhupha) kubantuababephika imiqondiso yeThu. Inene bona yayingabantu ababengcolile, ngoko ke Sabarhaxisa bonke
Verse 78 — Surah Al-Anbiya 21:78
NoDâwûd (uDavide) noSulaymân (uSolomon) xa babenika isigwebo kwityala lentsimi eyadliwa zizimvu zabantu abathile ngobusuku; Thina ke SaSikho ekugwebeni kwabo
Verse 79 — Surah Al-Anbiya 21:79
Ke kaloku Samenza uSulaymân ukuba aliqonde ityala; ukanti ngamnye kubo Samnika ugwebo nolwazi. Kananjalo Senza iintaba ukuba (ziSidumise) kunye noDâwûd ndawonye neentaka. Kanti Sakwenza (oko)
Verse 80 — Surah Al-Anbiya 21:80
Thina ke Samfundisa ukwenziwa kwezigcina-sifuba (impahla yokulwa) khona ukuze nizikhusele kutshaba lwenu emfazweni. Ngoko ke ingaba niza kubulela
Verse 81 — Surah Al-Anbiya 21:81
Ukanti kuSulaymân Senza umoya ovuthuza ngamandla ukuba uhambe ngokomyalelo wakhe ukuya ngasemhlabeni esasiwusikelele. Yaye Thina Sazi zonke izinto
Verse 82 — Surah Al-Anbiya 21:82
Kanti kumashayâtîn (ooSathana) kwakukho lawo ayemntywilela3 esenza neminye imisebenzi engaphandle kwalowo. Ke kaloku Thina SaSingabakhuseli bawo
Verse 83 — Surah Al-Anbiya 21:83
Kanti ke uAyyûbh (uYobhi), ukukhala kwakhe eNkosini yakhe (esithi), “Imbandezelo indifumene Wena ke UnguSozinceba wabo banenceba.”
Verse 84 — Surah Al-Anbiya 21:84
Ke Thina Samphendula Sakususa oko kwakumthwaxa kuyimbandezelo. Sambuyisela kwakhona usapho lwakhe kunye nezinye izinto ezinjengezo, oko kwaba yinceba evela kuThi nenkumbuzo kubo bonke abo bakhonza Thina
Verse 85 — Surah Al-Anbiya 21:85
Kananjalo uIsmâ’îl (uIshmayeli), noIdrîs (uEnoki) noDthul- kifl (uIsaya): bonke be babengabanye ababenomonde, (benyamezela)
Verse 86 — Surah Al-Anbiya 21:86
Ke kaloku Sabangenisa encebeni yeThu. Inene bona babengabakumalungisa
Verse 87 — Surah Al-Anbiya 21:87
Nendoda yentlanzi (uYûnus), ukuhamba kwakhe enomsindo, ecinga ukuba aSinakummisela nantoni na. Ke kaloku yena wakhala esithokothokweni sobunyama, (wathi): “Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKho; uzuko lolwaKho. Inene mna ndibe ngomnye wabenzi bobubi.”
Verse 88 — Surah Al-Anbiya 21:88
Samphulaphula ke Samsindisa embandezelweni. Siwasindisa kanjalo ke amakholwa
Verse 89 — Surah Al-Anbiya 21:89
NoZakariyyâ (uZakariya) ukukhala kwakhe eNkosini yakhe: “O Nkosi yam! Ungandiyeki ndindedwa (ndingenamntwana) Ekubeni ukuba Wena Uyeyona Ndlamafa Ilungileyo kwiindlamafa.”
Verse 90 — Surah Al-Anbiya 21:90
Samphendula ke kwisikhalo sakhe, Sampha uYahyâ (uYohane), Samphilisa umkakhe (wakwazi ukufumana umntwana) wakhe. Inene, bona babengxama ukwenza izenzo ezilungileyo, bethandaza kuThi benethemba noloyiko yaye kuThi babezinikele ngokuzithobileyo
Verse 91 — Surah Al-Anbiya 21:91
(Khankanya) nalowo wabugcinayo ubunyulu bakhe (uMaryam), Thina ke Savuthela okomoya wethu kuye4 Saza Samenza yena nonyana wakhe baba ngumqondiso endalweni
Verse 92 — Surah Al-Anbiya 21:92
Inene esi sizwe senu yinkolo enye yaye Mna ndiyiNkosi yenu, khonzani Mna ke
Verse 93 — Surah Al-Anbiya 21:93
Kodwa baqhekeka bahlukana phakathi kwabo ngokuphathelene nenkolo yabo. (Kanti) baza kubuyela kuThi bonke
Verse 94 — Surah Al-Anbiya 21:94
Ke kaloku lowo wenza izenzo ezilungileyo lo gama ekholwa, imizamo yakhe ayiyi kuphikwa, yaye inene Thina SingabaBhali bayo
Verse 95 — Surah Al-Anbiya 21:95
Akuvumelekanga nasiphi na isixeko kwesazitshabalalisayo ukuba zingaphinda zibuyele (ebomini) kwakhona
Verse 96 — Surah Al-Anbiya 21:96
De uYa’jûj (uGogi) noMa’jûj (uMagogi) bakhululwe baze behle kuzo zonke iinduli
Verse 97 — Surah Al-Anbiya 21:97
Ke kaloku isithembiso senene siza kuya sisondela, kananjalo niya kuwabona amehlo abangakholwayo ejamile ndlaa ngoloyiko (besithi): “Yeha kuthi! Inene thina zanga sikunanze oku nakanye thina sasingabenzi bobubi.”
Verse 98 — Surah Al-Anbiya 21:98
Inene nina bangakholwayo noko nikunqulayo ngaphandle koAllâh, niya kuba ziinkuni (zoMlilo) wesiHogo yaye niya kungeniswa kuso
Verse 99 — Surah Al-Anbiya 21:99
Ukuba ngaba ezi zithixo bezingoothixo (bokwenyani) bebengazi kungeniswa kuso (isiHogo), yaye bonke baya kuhlala apho kuso (ngonaphakade)
Verse 100 — Surah Al-Anbiya 21:100
Kuso, apho baya kuphefumla ngesingqala nomgqumo ukanti phakathi apho abayi kuva nto (ngeendlebe)
Verse 101 — Surah Al-Anbiya 21:101
Inene bona abo umvuzo wabo olungileyo uya kuba uphumile kuThi. Ke bona kuwo (uMlilo wesiHogo) baya kususwa babe kude lee
Verse 102 — Surah Al-Anbiya 21:102
Abayi kuva nesincinane isandi sawo (uMlilo wesiHogo), lo gama baya kuba behleli apho imiphefulo yabo inqwenela ukuhlala khona
Verse 103 — Surah Al-Anbiya 21:103
Uloyiko olukhulu (loMhla wokugqibela) aluyi kubaxhalabisa bona, yaye iingelosi ziya kudibana nabo, (zisithi): “Le yiloo Mini yenu enanithenjiswe ngayo”
Verse 104 — Surah Al-Anbiya 21:104
IMini apho Siya kulisonga izulu libe ngathi liphepha lokubhala elisongwayo. Njengoko Saqala indalo yokuqala, Siya kuyiphinda kwakhona. Sisithembiso esisisibophelelo kuThi (eso). Inene, Thina Siya kukwenza oko
Verse 105 — Surah Al-Anbiya 21:105
Ke kaloku Sele Sibhalile eNcwadini (yeeNdumiso) emva kokuba sele kukhankanyiwe okokuba ilizwe (lasePaladesi) liya kudliwa ilifa zizicaka zaM ezingamalungisa
Verse 106 — Surah Al-Anbiya 21:106
Inene kule (‘Kur’ân) kukho umyalezo kubantu bonqulo
Verse 107 — Surah Al-Anbiya 21:107
Kananjalo wena (Muhammad) aSikuthumelelanga nto yimbi ngaphandle kokuba ube yinceba kwi-’Alamin (ebantwini bonke nakwindalo ngokubanzi)
Verse 108 — Surah Al-Anbiya 21:108
Yithi, “Kutyhiliwe kum okokuba uThixo wenu nguThixo Omnye (jwi); ingaba ke nina niza kuba ngawo amaMuslim?”
Verse 109 — Surah Al-Anbiya 21:109
Kodwa ke ukuba bayatshikila bafulathele, yithi wena, “Mna ndivakalisile kuni nonke ngokulinganayo. Kananjalo andazi nokuba kusekude okanye sele kukufutshane na oko nithenjiswe ngako. (kusisohlwayo)
Verse 110 — Surah Al-Anbiya 21:110
Inene Yena Uyakwazi okuthethwayo, Ekwazi noko nikufihlayo
Verse 111 — Surah Al-Anbiya 21:111
Yaye andazi mna, mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba kuthi kanti luvavanyo lwenu (olu) nolonwabo lwethutyana.”
Verse 112 — Surah Al-Anbiya 21:112
(UMprofeti) wathi yena: “Nkosi yam, gweba (phakathi kwethu) ngenyaniso. Kananjalo iNkosi yethu nguSolubabalo, lolwaKhe uncedo olufunwayo ngokuchasene noko nikuchazayo6.”