Back to Languages

Xhosa - Chapter 32 - As-Sajdah

Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink

Verse 1 — Surah As-Sajdah 32:1

Verse 2 — Surah As-Sajdah 32:2

(Esi) sisityhilelo seNcwadi ekungekho ntandabuzo ngayo, sivela kwiNkosi yamaphakade

Verse 3 — Surah As-Sajdah 32:3

Okanye mhlawumbi bathi: “UMuhammad Uyiqambe ngokwakhe?” Ukusuka apho yona iyinyaniso evela eNkosini yakho, khon’ukuze ulumkise abantu abangazanga baba naMlumkisi uzayo (kubo) ngaphambili kunawe, ukuze bakhokeleleke

Verse 4 — Surah As-Sajdah 32:4

NguAllâh Owadala amazulu nomhlaba nako konke okuphakathikwawongeentsukuezintandathu;WazaWazimisa ngentla kweTrone. Nina ngaphandle kwaKhe aninamkhuseli okanye umthetheleli; ngoko ke aniyi kukhumbuzeka na

Verse 5 — Surah As-Sajdah 32:5

Yena Ucwangcisa yonke into esemazulwini nasemhlabeni; ukanti iza kuphinda inyukele kuYe ngeMini ebude bayo buyiminyaka eliwaka yaleyo niyibalayo

Verse 6 — Surah As-Sajdah 32:6

LoWo nguMazi wokungabonwayo, nongqinelwayo, uSobunganga, uSozinceba

Verse 7 — Surah As-Sajdah 32:7

Yena Wafezekisa zonke izinto Awazidalayo Waza Wayila indalo yomntu ngodongwe

Verse 8 — Surah As-Sajdah 32:8

Waza Wenza ukwanda kwakhe ngolwelo olunyanyekayo (imbewu yomntu)

Verse 9 — Surah As-Sajdah 32:9

Wambumba ngomlinganiselo ofanelekileyo, Wamphefumlela umoya wobomi, Wanenzela ukuva nokubona nentliziyo (ingqiqo); kuncinane enibulela ngako

Verse 10 — Surah As-Sajdah 32:10

Kananjalo bathi: “Sisakuba sele sinyamalele emhlabeni, ingaba ngenene siza (kuphinda sidalwe) sibe kwindalo entsha?” Eneneni bona kwindibano yabo neNkosi yabo abakholwa

Verse 11 — Surah As-Sajdah 32:11

Yithi: “Ingelosi yokufa yona nibekwe phantsi kohoyo lwayo, iza kunithatha. Ke kaloku eNkosini yenu kulapho niza kubuyiselwa khona.”

Verse 12 — Surah As-Sajdah 32:12

Akwaba ubungakhe ubone xa abenzi bobubi beza kujingisa iintloko zabo phambi kweNkosi yabo, (besithi): “Nkosi yethu, Sibonile, seva nokuva, ngoko ke sibuyisele (emhlabeni); siya kusebenza imisebenzi yobulungisa. Inene thina ngoku siqinisekile.”

Verse 13 — Surah As-Sajdah 32:13

Ke kaloku ukuba beSithanda, beSinganika umphefumlo ngamnye isiKhokelo sawo, kodwa ke ilizwi elivela kuM liza kwenzeka (elokuba) Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngejinni nabantu ndaweninye

Verse 14 — Surah As-Sajdah 32:14

Ngoko ke ngcamlani (isohlwayo) kuba nina naye nalibala ngendibano yangayo le Mini yenu; naThi Silibele ngani. Ngcamlani isohlwayo sanaphakade ke ngenxa yoko nakwenzayo (ehlabathini).”

Verse 15 — Surah As-Sajdah 32:15

Iya kuba ngabo bakholwa kwiiVesi zeThu kuphela, abathi xa bekhunjuzwa ngazo, bawe baqubude bazukise (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yabo, yaye bona abanankukhumalo

Verse 16 — Surah As-Sajdah 32:16

Amacala abo ashiya iimandlalo zabo, baye kuthandaza eNkosini yabo benoloyiko nethemba, yaye bona bayanikela kumalizo ngoko Sibaphe kona

Verse 17 — Surah As-Sajdah 32:17

Akukho mntu waziyo ukuba yintoni na ayifihlelweyo eya kubavuyisa njengomvuzo woko bakwenzayo

Verse 18 — Surah As-Sajdah 32:18

Ingaba lowo ulikholwa uyafana na nalowo ungumenzi wobubi? (Nakanye) Abafani

Verse 19 — Surah As-Sajdah 32:19

Abo bakholwayo, benza izenzo, ezilungileyo, okwabo iya kuba yiMiyezo yokhuseleko nobubele ngenxa yoko bakwenzayo

Verse 20 — Surah As-Sajdah 32:20

Ke bona abo bangabenzi bobubi, ikhaya labo sisiHogo, ngalo lonke ixesha befuna ukuphuncula kuso baya kubuyiselwa kuso kusithiwa kubo: “Ngcamlani isohlwayo soMlilo kaloku eso nanidla ngokusiphika.”

Verse 21 — Surah As-Sajdah 32:21

Ke kaloku Siya kubenza basingcamle isohlwayo esikufuphi , phambi kokufika kwesohlwayo esikhulu khon’ukuze babuyele (eNdleleni)

Verse 22 — Surah As-Sajdah 32:22

Ngubaninaowenzaubugwenxaukugqithakulowoukhunjuzwa ngeeVesi zeNkosi yakhe; aze yena azitshikilele? Inene Thina kwizaphula-mthetho siza kuthabatha impindezelo

Verse 23 — Surah As-Sajdah 32:23

Inene Thina Sanika uMûsâ isiBhalo, ngoko ke wena musa ukuba neentandabuzo ngendibano yakhe (nawe). Ke kaloku Thina Senza (isiBhalo iTorah) ukuba ibe sisiKhokelo kubaNtwana bakwaSirayeli

Verse 24 — Surah As-Sajdah 32:24

Kananjalo inene Thina Senza phakathi kwabo (aBantwana bakwaSirayeli) kwabakho iinkokeli ezikhokela ngomyalelo weThu, zabe zinomonde, zaye ziqinisekile ngemiqondiso yeThu

Verse 25 — Surah As-Sajdah 32:25

Inene iNkosi yenu Iza kugweba phakathi kwabo ngoMhla woVuko mayela noko babephikisana ngako

Verse 26 — Surah As-Sajdah 32:26

Kanti akukacaci na kubo okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo ngaphambili kunabo, (njengoko) zazihamba-hamba phakathi kwemizi yazo? Inene kuko oku kukho imiqondiso; kanti abeva na

Verse 27 — Surah As-Sajdah 32:27

Ababonanga na ukuba Siqhuba amanzi (emafini) Siwase emhlabeni oludlolo Size Sivelise ngawo apho izityalo ethi nemfuyo yabo idle kuzo (kanti) nabo ngokwabo? Ababoni na

Verse 28 — Surah As-Sajdah 32:28

Ke kaloku bathi: “Luya kuba nini na olu loyiso, ukuba nithetha inyaniso

Verse 29 — Surah As-Sajdah 32:29

Yithi wena: “NgoMhla woloyiso ukhololo lwabo babengangakholwa (ngaphambili) aluyi kubanceda nto, bengayi kumelwa nokumelwa.”

Verse 30 — Surah As-Sajdah 32:30

Ngoko ke wena swayela ecaleni kubo, ulinde, inene, nabo oku kwabo balindile