Back to LanguagesPrevious ChapterNext Chapter
Xhosa - Chapter 39 - Az-Zumar
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink
Verse 1 — Surah Az-Zumar 39:1
IsiTyhilelo sale Ncwadi (i’Kur’ân) sivela kuAllâh, uSomandla, uSobulumko
Verse 2 — Surah Az-Zumar 39:2
Sithumele i’Kur’ân kuwe (Muhammad) ngenyaniso: ngoko ke wena nqula uAllâh, wenze izenzo zenkolo ngokunyanisekileyo ngenxa ka-Allâh
Verse 3 — Surah Az-Zumar 39:3
Inene inkolo yeka-Allâh kuphela. Abo bazithabathela bancedi bambi ngaphandle kwaKhe (besithi): “Sibanqulela ukuba basisondeze kuAllâh kuphela.’’ Inene uAllâh Uza kugweba phakathi kwabo mayela noko baphikisana ngako. Inene Akamkhokeli lowo ulixoki nongumchasikholo
Verse 4 — Surah Az-Zumar 39:4
UkubauAllâhWayethandileukubanonyana,ngeWayemkhethe kwabo Wabadalayo kodwa Makazukiswe Yena. NguAllâh, Mnye, Yena akanakuphikiswa
Verse 5 — Surah Az-Zumar 39:5
Yena Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso. Wenza ubusuku bumke emini ize nemini imke ebusuku kananjalo Wenza ilanga nenyanga ukuba nganye kuzo ibaleke ixesha elibekelweyo. Inene Yena nguSomandla, nguMxoleli
Verse 6 — Surah Az-Zumar 39:6
Wanidala (nonke) ngesiqu (somntu) omnye (uAdam); Waza ngaye (lowo) Wenza umfazi wakhe, kananjalo Yena Unithobele izibini ezisibhozo (zezilwanyana zemfuyo). Yena Unidale ezibelekweni zoomama benu (Wenza) indalo emva kwendalo kwizigqubuthelo ezithathu zobumnyama. Lowo ke nguAllâh: iNkosi yakho. BobaKhe ubukumkani, akukho Thixo ngaphandle kwaKhe yintoni na eniphambhukisileyo
Verse 7 — Surah Az-Zumar 39:7
Ukuba niye anakholwa, inene Yena uAllâh akukho nto Anifuna yona, Akakuthandi ukungakholwa ezicakeni zaKhe. Kananjalo ukuba niyabulela, Uyakuthanda oko kuni. Akukho mthwali wamithwalo uza kuthwaliswa umthwalo womnye. Ukanti eNkosini yenu kulapho niza kubuyela khona. Yaye Iza kunixelela ngezinto enazenzayo. Inene Yena nguMazi woko kusezifubeni (zabantu)
Verse 8 — Surah Az-Zumar 39:8
Kanti ke xa umntu echukunyiswa bubuhlungu, uye athandaze eNkosini yakhe, abuyele kuYo ngenguquko: Kodwa Esakumbonelela ngezibele zaKhe, alibale ngoko ebekuthandazele ngaphambili, aze abe nabaphikisi baka Allâh khona ukuze baphambukise abanye abantu eNdleleni yaKhe. Yithi: “Kuvuyeleni ukungakholwa kwenu okwethutyana: inene nina ningabanye babo bangabahlali baseMlilweni!”
Verse 9 — Surah Az-Zumar 39:9
Ingaba lowo uthobela uAllâh, uqubudayo okanye eme ngeenyawo (athandaze) ngeeyure zobusuku, esoyika uBomi oBuzayo, enethembalencebayeNkosiyakhe,(uyafananalowo ungakholwayo na)? Yithi: “Ingaba abo baziyo bayafana nabo bangaziyo?” Inene ngabantu bengqiqo kuphela abaya kukhumbula (bathabathe isifundo kwiiVesi ze’Kur’ân)
Verse 10 — Surah Az-Zumar 39:10
Yithi (Muhammad): “Hini na zicaka zam ezikholwayo! Yoyikani iNkosi yenu, nenze amaxanduva wenu kuYo, mhle (umvuzo) wabo benza okulungileyo kweli hlabathi, ukanti umhlaba ka-Allâh uphangalele1. Ngabo banomonde kuphela abaza kufumana umvuzo wabo ngokugcweleyo ngaphandle kokumiswa ematyaleni
Verse 11 — Surah Az-Zumar 39:11
Yithi: “Inene mna ndiyalelwe ukuba ndinqule uAllâh Yedwa ngokuthi ndiMthobele, ndenze izenzo zenkolo ngenxa yaKhe kuphela
Verse 12 — Surah Az-Zumar 39:12
Kananjalo mna ndiyalelwe (oku) khon’ukuze ndibe ngowokuqala kwabo (bazinikelayo kuAllâh) bangama Muslim.”
Verse 13 — Surah Az-Zumar 39:13
Yithi (Muhammad): “Inene ukuba ndingangayithobeli iNkosi yam, ndoyika isohlwayo seMinikazi eNkulu
Verse 14 — Surah Az-Zumar 39:14
Yithi: “NguAllâh Yedwa endimnqula ngokwenza izenzo zenkolo ngokunyanisekileyo ngenxa yaKhe kuphela
Verse 15 — Surah Az-Zumar 39:15
Ke ngoko khonzani loo nto nithande ukuyikhonza ngaphandle kwaKhe Yithi (Muhammad): “Abalahlekelwa (bokwenene) ngabo baza kulahlekelwa ziziqu zabo neentsapho zabo ngoMhla woVuko. Inene leyo iya kuba yilahleko ecacileyo.’’
Verse 16 — Surah Az-Zumar 39:16
Baya kuba nezigqumathelo zoMlilo phezu kwabo nezigqumathelo zoMlilo nangaphantsi kwabo Ngako oku uAllâh Woyikisa izicaka zaKhe: “Hini na zicaka zaM, yoyikani Mna ke ngoko.’’
Verse 17 — Surah Az-Zumar 39:17
Abo bazikhwebulayo kwizinto ezingcolileyo bangazikhonzi baze babuyele kuAllâh okwabo ziindaba ezivuyisayo, ngoko ke vakalisa iindaba ezilungileyo kwizicaka zaM
Verse 18 — Surah Az-Zumar 39:18
Ke bona abo baliphulaphulayo ilizwi, balandele okulungileyo kulo. Abo ngabo uAllâh Abakhokeleyo yaye abo ngabantu bengqiqo
Verse 19 — Surah Az-Zumar 39:19
Ingaba lowo ummiselo wesohlwayo umfaneleyo (uyafana nalowo uzikhwebulayo ekungcoleni? Ingaba wena Muhammad uza kukwazi ukumhlangula lowo useMlilweni)
Verse 20 — Surah Az-Zumar 39:20
Kodwa abo bayoyikayo iNkosi yabo (uAllâh) benze imisebenzi yeemfanelo zabo kuYe, okwabo ngamagumbi aphakamileyo abawakhelwayo, elinye phezu kwelinye, ekumpompoza imilambo phantsi kwawo: Esi sisithembiso sika-Allâh; yaye uAllâh Akasileli kwisithembiso (saKhe)
Verse 21 — Surah Az-Zumar 39:21
Akuboni na ukuba uAllâh Uthumela amanzi (emvula) esuka esibhakabhakeni, Awenze angene emhlabeni, eyimithombo? Aze emva koko Enze kuhlume iimveliso eziyimibala ngemibala zize emva koko zitshazwe (zibune), nizibone zijika ziba mthubi, Aze Azenze zome zibe zizijungqu ezaphukileyo? Inene kuko oku kukho inkumbuzo kubantu bengqiqo
Verse 22 — Surah Az-Zumar 39:22
Ingaba lowo usifuba sakhe uAllâh Asenze savuleka kwi-Islam khona ukuze abe sekukhanyeni kweNkosi yakhe (uyafana nalowo ungeloMuslim). Yeha ke kwabo bantliziyo zabo zilukhuni ekukhumbuleni uAllâh! Bona basekulahlekeni okucacileyo
Verse 23 — Surah Az-Zumar 39:23
UAllâh Uthumele eyona ntetho ilungileyo, iNcwadi (i’Kur’ân), enezahluko ezifanayo neziphinda-phindiweyo. Izikhumba zabo bayoyikayo iNkosi yabo ziyangcangcazela ngayo. Ke kaloku izikhumba zabo neentliziyo zabo zithambela inkumbulo ka-Allâh. Yena Ukhokela lowo Athande ukumkhokela ngayo. Ke lowo ulahlekiswe nguAllâh akayi kuba namkhokeli
Verse 24 — Surah Az-Zumar 39:24
Ingaba lowo uza kugagana ngobuso bakhe nesohlwayo esoyikekayo ngoMhla woVuko (uyafana na nalowo uza kungena eMyezweni)? Kananjalo kuya kuthiwa kubenzi bobubi: “Ngcamlani enakwenzayo.’’
Verse 25 — Surah Az-Zumar 39:25
Baphika abangaphambili kubo, saza isohlwayo seza kubo sivela kumacala ababengawacingelanga
Verse 26 — Surah Az-Zumar 39:26
Ngoko ke uAllâh Wabenza bangcamla ihlazo kobu bomi kodwa esikhulu sisohlwayo soBomi oBuzayo ukuba bebesazi
Verse 27 — Surah Az-Zumar 39:27
Ke kaloku Sinike umntu kule ‘Kur’ân zonke iintlobo zemizekeliso khon’ukuze bakhumbule
Verse 28 — Surah Az-Zumar 39:28
I’Kur’ân yesiArabhu, engenabugoso-goso (kuyo) khon’ukuze baphephe ukungcola uAllâh Abayalele ukuba bakuphephe, baMoyike, benze amaxanduva abo kuYe
Verse 29 — Surah Az-Zumar 39:29
uAllâh Wenza umzekeliso: indoda (esisicaka) yabantu abangamahlulelane amaninzi, axambulisanayo nendoda esisicaka senkosi enye kuphela: ingaba (ezi zicaka) zibini ziyafana xa zithelekiswa? Iindumiso mazibe kuAllâh! Kodwa uninzi lwabo alwazi
Verse 30 — Surah Az-Zumar 39:30
Inene wena (Muhammad) uza kufa, kanti nabo baza kufa
Verse 31 — Surah Az-Zumar 39:31
Ke kaloku ngoMhla woVuko niya kuphikisana phambi kweNkosi yenu
Verse 32 — Surah Az-Zumar 39:32
Ngubani na owenza obona bugwenxa bukhulu kunalowo uthetha ubuxoki ngoAllâh, aphike inyaniso isakuba ifikile kuye! Alikho siHogweni na ikhaya labangakholwayo
Verse 33 — Surah Az-Zumar 39:33
Kananjalo yena (uMuhammad) uze nenyaniso yaye abo bakholwayo kuyo ngabanyulu
Verse 34 — Surah Az-Zumar 39:34
Baya kukufumana konke abakufunayo eNkosini yabo, lowo ngumvuzo wabenzi bokulungileyo
Verse 35 — Surah Az-Zumar 39:35
Khon’ukuze uAllâh Abahlawulele ngokungcola abakwenzayo, Abanike umvuzo olingana noko (kulungileyo) bazama kangangoko ukukwenza
Verse 36 — Surah Az-Zumar 39:36
Akanelanga na uAllâh kwisicaka saKhe? Kodwa basazama ukunoyikisa ngabo babanqulayo ngaphandle kwaKhe! Lowo ulahlekiswe nguAllâh, akuyi kubakho mkhokeli kuye
Verse 37 — Surah Az-Zumar 39:37
Nabani na lowo uAllâh amkhokeleyo akuyi kubakho mlahlekisi. AyingoAllâh na uMnini mpindezelo
Verse 38 — Surah Az-Zumar 39:38
Ukanti ke xa unokubabuza: “Ngubani owadala amazulu nomhlaba? ‘’Ngokuqinisekileyo baza kuthi: nguAllâh (Owadalileyo)’’ Yithi wena: “Ndixeleleni ke ezi zinto nizinqulayo ngaphandle koAllâh ukuba uAllâh Angagqiba ekubeni Andenze ububi zingabususa zona ububi baKhe? Okanye ukuba (uAllâh) Angandenzela inceba yaKhe zingayithintela inceba yaKhe?’’ Yithi Wanele kum uAllâh; mababeke ithemba labo kuYe bonke abo bakholwayo
Verse 39 — Surah Az-Zumar 39:39
Yithi: “Hini na bantu bakuthi! Yenzani ngendlela yenu Mna ndenze (ngendlela yam). Yaye niza kwazi
Verse 40 — Surah Az-Zumar 39:40
Lowo uza kufikelwa sisohlwayo esilihlazo ngulowo uza kuhlelwa sisohlwayo sanaphakade
Verse 41 — Surah Az-Zumar 39:41
Sityhilele uluntu iNcwadi kuwe ngenyaniso, ngoko ke lowo wamkela isiKhokelo, usamkelela isiqu sakhe nalowo uphambukayo, uziphambukisela ilahleko yakhe, wena ke (Muhammad) awungomlondolozi wabo
Verse 42 — Surah Az-Zumar 39:42
NguAllâh Othabatha imiphefumlo yabo ngexesha lokufa kwabo, nabo bafa bengalelanga. Abo Amisele ukuba bafe, Uyababamba (bangabuyeli ebomini), kodwa bonke abanye Ubathumela (emizimbeni yabo) ixesha elimisiweyo inene kuyo le nto kukho imiqondiso kwabo bacamngcayo
Verse 43 — Surah Az-Zumar 39:43
Bazithabathele (thixo bambi) ukuba babe ngabathetheleli ngaphandle koAllâh kusini na? Yithi: “Nangona bengenamandla naphezu kwayiphi na into, bengenayo nengqondo?’’
Verse 44 — Surah Az-Zumar 39:44
Yithi: “Intethelelo yonke yeka-Allâh. BobaKhe ubukumkani bamazulu nomhlaba ukanti kukuYe apho niza kubuyiselwa khona.’’
Verse 45 — Surah Az-Zumar 39:45
Xa uAllâh Ekhankanywa Yedwa, iintliziyo zabo bangakholwayo kuBomi Obuzayo zizala kukucaphuka kodwa xa (ezinye izithixo) zikhankanywa ngaphandle kwaKhe, yabona, baba nochulumanco
Verse 46 — Surah Az-Zumar 39:46
Yithi: “O Allâh! Mdali wamazulu nomhlaba! (Wena) Mazi wokungabonwayo nokubonwayo! Uza kugweba phakathi kwezicaka zaKho ngoko zaziphikisana ngako.’’
Verse 47 — Surah Az-Zumar 39:47
Abo benza ubugwenxa, ukuba bebenokuba nako konke okusemhlabeni, nangaphezulukunako, bebezakunikelangako njengentlawulo (yokuzikhulula) kwintlungu yesohlwayo ngeMini yoMgwebo: kodwa kukho into eza kugagana nabo evela kuAllâh, abebengayazi
Verse 48 — Surah Az-Zumar 39:48
Ke kaloku ukungcola kwezenzo zabo baza kukubona, yaye baza kurhangqelwa ngokupheleleyo koko babekugculela
Verse 49 — Surah Az-Zumar 39:49
Xa ububi bumchukumisa umntu, uthandaza kuThi (acele uncedo): (Sithi sisakumhlangula kobo bubi) sibujike bube luBabalo oluvela kuThi, (asuke) athi yena : “Kube ngenxa yolwazi lwam kuphela ukuze ndifumane oku,” Nakanye (olu) luvavanyo kuphela, kodwa uninzi lwabo alwazi
Verse 50 — Surah Az-Zumar 39:50
Abo bangaphambili kunabo batsho njalo, kodwa (konke) oko babe nako akuzanga kubancede nto
Verse 51 — Surah Az-Zumar 39:51
Ngoko ke iziphumo ezingcolileyo zoko bakwenzayo zabafumana, abenzi bobubi (besi sizukulwana) iziphumo ezingcolileyo zezenzo zabo ziza kubafumana (nabo), yaye abayi kuze bakwazi ukuphuncula
Verse 52 — Surah Az-Zumar 39:52
AbazinaukubauAllâh WandiselalowoAthandeukumandisela imbonelelo, Ancitshe (lowo Athande ukumncitsha) Inene kuko oku kukho imiqondiso kubantu abakholwayo
Verse 53 — Surah Az-Zumar 39:53
Yithi: Hini na zicaka zaM ezigabadeleyo ngokuchasene neziqu zazo! Musani ukulahla ithemba ngenceba ka-Allâh: kuba uAllâh Uxolela zonke izono: ngokuba Yena nguMxoleli, nguSozinceba
Verse 54 — Surah Az-Zumar 39:54
Kananjalo buyelani (kuAllâh) ngenguquko nangentobeko ngokholo lokwenene eNkosini yenu, nizithobe kuYo singekanifikeli isohlwayo, emva koko aniyi kuba sancedwa
Verse 55 — Surah Az-Zumar 39:55
Yaye landelani okona kulungileyo koko kuthunyelwe kuni kuvela eNkosini yenu, singekehli isohlwayo phezu kwenu ngequbuliso ningaqondanga
Verse 56 — Surah Az-Zumar 39:56
Kuba hleze umntu athi: “Kowu madoda, ndibuhlungu ngokungabi nahoyo ngoAllâh yaye ndasuka mna ndaba ngomnye wabo bagculelayo!’’
Verse 57 — Surah Az-Zumar 39:57
Okanye: athi “Ukuba uAllâh Wayendikhokele, ndandiya kuba ngomnye wamalungisa!’’
Verse 58 — Surah Az-Zumar 39:58
Okanye athi xa ngoko sele esibona isohlwayo: “Akwaba bendinokuphinda ndinikwe elinye ithuba inene bendiya kuba ngomnye wabenzi bokulungileyo!’’
Verse 59 — Surah Az-Zumar 39:59
(Impendulo iya kuba kuthiwe kuye): “Nakanye, iiVesi zaM zazifikile kuwe, kodwa wena wazala; waba nenkukhumalo, wangomnye wabo bangakholwayo.”
Verse 60 — Surah Az-Zumar 39:60
Kananjalo ngomhla woVuko uza kubabona abo baxokayo ngoAllâh ubuso babo buya kuba mnyama. Alikho siHogweni na kanene ikhaya labakhukhumeleyo
Verse 61 — Surah Az-Zumar 39:61
Ke kaloku uAllâh Uya kubasindisa abo banyulu, Abangenise ezindaweni zabo zempumelelo. Ukungcola akuyi kubachukumisa, bengayi kuxhalaba
Verse 62 — Surah Az-Zumar 39:62
UAllâh nguMdali wezinto zonke, yaye nguMlondolozi wezinto zonke
Verse 63 — Surah Az-Zumar 39:63
ZezaKhe izitshixo zamazulu nomhlaba. Ke kaloku abo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh, ngabo kanye abaya kuba ngabalahlekelwa
Verse 64 — Surah Az-Zumar 39:64
Yithi (Muhammad): “Nina niyalela mna ukuba ndikhonze (thixo bambi) ngaphandle koAllâh kusini na ziyathandini !’’
Verse 65 — Surah Az-Zumar 39:65
Ukanti kuye kwatyhilwa kuwe (Muhammad) njengoko kwakunjalo kwabakwandulelayo (kwathiwa): “Ukuba nithe nayamanisa abanye kunqulo luka-Allâh inene izenzo zenu ziya kuba lilize yaye inene niya kuba ngabanye babalahlekelwa.”
Verse 66 — Surah Az-Zumar 39:66
Ewe nje! Wena nqula uAllâh, ube kunye nabo banombulelo
Verse 67 — Surah Az-Zumar 39:67
Abenzanga mlinganiselo wabulungisa ufanelekileyo ngoAllâh, Kanti ngoMhla woVuko umhlaba wonke uza kufunjathwa siSandla saKhe. Yaye amazulu wona aya kusongwa eSandleni saKhe sokunene. Uzuko malube kuYe, Ungentla kwazo zonke izinto abazayamanisa naYe
Verse 68 — Surah Az-Zumar 39:68
Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze bonke abasemangcwabeni banyamalale, ngaphandle kwalowo uAllâh Athandileyo. Liya kuvuthelwa okwesibini, yabona, baya kuma bejongile (belindele okuza kwenzeka)
Verse 69 — Surah Az-Zumar 39:69
Nomhlaba uya kubengezela kukukhanya kweNkosi yawo, ize iNcwadi ibekwe (ivuliwe), baze abaProfeti namangqina baziswe ngaphambili, kuze kugwetywe phakathi kwabo ngokusenyanisweni, yaye abayi kwenziwa bugwenxa
Verse 70 — Surah Az-Zumar 39:70
Ke kaloku umntu ngamnye uya kuhlawula ngokugcweleyo ngako akwenzileyo. Yaye (uAllâh) Ukwazi kakuhle abakwenzayo
Verse 71 — Surah Az-Zumar 39:71
Kananjalo bona abo bangakholwayo baya kuqhutyelwa esiHogweni bengamaqela, de bafike kuso, amasango aso aya kuvulwa, ke kaloku abagcini baso baya kuthi: “Azanga abaThunywa bafike kuni na bephuma kwakuni, benicengcelezela iiVesi zenkosi yenu (uAllâh), benilumkisa ngale ndibano yaleMini yenu na?’’ Baya kuthi bona: “Ewe,’’ Kodwa lona ilizwi lesohlwayo liya kuthetheleleka ngokuchasene nabangakholwayo
Verse 72 — Surah Az-Zumar 39:72
Kuya kuthiwa (kubo): “Ngenani ke emasangweni esiHogo, nihlale apho. Inene, hayi ububi bekhaya lezikhukhumali
Verse 73 — Surah Az-Zumar 39:73
Ke bona abo bawenzayo umsebenzi wabo (wonqulo) eNkosini yabo baya kukhokelelwa eMyezweni bengamaqela, de bafike kuwo, amasango awo aya kuvulwa, ke kaloku abagcini bawo baya kuthi: “Salâmun ‘alaykum (uxolo malube nani), nenze kakuhle, ngenani ke ngoko nihlale apho ngaphakathi.”
Verse 74 — Surah Az-Zumar 39:74
Ke kaloku baya kuthi: “Iindumiso zonke nemibulelo mazibe kuAllâh, Ozalisekise isithembiso saKhe, Wasenza saba ziindlalifa zeli lizwe, singahlala ePaladesi naphi na apho sithande khona, onjani ukuba mhle wona umvuzo wabasebenzi (bokulungileyo)
Verse 75 — Surah Az-Zumar 39:75
Kananjalo uya kuzibona iingelosi zingqonge iTrone (ka- Allâh) macala onke, zizukisa iindumiso zeNkosi yazo (uAllâh). Ke kaloku zonke (izidalwa) ziya kugwetywa ngenyaniso yaye kuya kuthiwa: “Iindumiso nemibulelo yonke mayibe kuAllâh, iNkosi uMlondolozi wanaphakade