Back to Languages

Xhosa - Chapter 7 - Al-Araf

Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink

Verse 1 — Surah Al-Araf 7:1

Alif-Lâm-Mîm-Sâd

Verse 2 — Surah Al-Araf 7:2

INcwadi (i’Kur’ân) ithunyelwe kuwe, isifuba sakho masingacutheki ke ngenxa yoko, khon’ukuze ulumkise (abantu) ngayo, ibe yinkumbuzo kumakholwa

Verse 3 — Surah Al-Araf 7:3

(Yithi): “Landelani oko kutyhiliweyo kuni kuvela eNkosini yenu ningalandeli abahlobo (benu). Kuncinane oko nikukhumbulayo nina.”

Verse 4 — Surah Al-Araf 7:4

Zingaphi izixeko eSazitshabalalisayo (ngenxa yezono zazo)? Isohlwayo seThu sabafikela (ngequbuliso) ebusuku okanye besangqengqile emini (lihlab’umhlaba)

Verse 5 — Surah Al-Araf 7:5

Akukho sikhalo basenzayo ukufunyanwa kwabo sisohlwayo seThu ngaphandle kwesi: (“Yhoo)! Inene, thina besingabenzi bobubi!”

Verse 6 — Surah Al-Araf 7:6

Inene Siza kubabuza abo Sathumela kubo (iNcwadi) yaye Siza kubabuza nabaProfeti

Verse 7 — Surah Al-Araf 7:7

Kananjalo Siya kubaxelela ngako konke, ngolwazi yaye inene Asizanga khe Singabikho Thina

Verse 8 — Surah Al-Araf 7:8

Nokumetwa (kwezenzo esikalini ngeMini yoVuko) kuya kuba yinyaniso. Abo izenzo zabo ezilungileyo ziya kuba nzima baya kuba ngabaphumeleleyo

Verse 9 — Surah Al-Araf 7:9

Ke bona abo izenzo zabo (ezilungileyo) ziya kuba lula abo ngabo baya kulahlekelwa yimiphefumlo yabo kuba baya bala, baphika iiVesi zeThu

Verse 10 — Surah Al-Araf 7:10

Yaye inene, Thina Saninika igunya nina emhlabeni Sanibonelela ngesixhaso [sobomi benu, (kodwa)] mncinane umbulelo eniwunikayo

Verse 11 — Surah Al-Araf 7:11

Yaye kananjalo Thina Sadala nina, Saninika ukumila; Saza Sathi kwiingelosi; “Qubudani kuAdam.” Zaqubuda zona ngaphandle koIblîs, wala yena ukuba abe ngomnye wabo baqubudayo

Verse 12 — Surah Al-Araf 7:12

Wathi (uAllâh): “Yintoni na ekuthinteleyo wena (Iblîs) ukuba uqubude Ndakuba Ndikuyalele?” UIblîs wathi: “Mna ndingcono kunaye (uAdam), mna Undidale ngomlilo, yena wamdala ngodongwe.”

Verse 13 — Surah Al-Araf 7:13

Wathi(uAllâh):“Hinina Iblîs!Yihla, umkeapha,Ayikokwakho ukuba ukhukhumale apha. Phuma umke apha kuba wena (ngoku) ungomnye wabo banyelekileyo, bahlazekileyo

Verse 14 — Surah Al-Araf 7:14

(UIblîs) wathi: “Ndinike urhoxiselo lwesohlwayo kude kube (yiMini) yokuvuswa kwabafileyo

Verse 15 — Surah Al-Araf 7:15

Wathi (uAllâh): “Wena ungomnye wabo barhoxiselweyo isohlwayo.”

Verse 16 — Surah Al-Araf 7:16

(UIblîs) wathi: “Ngenxa yokuba Undibeke ekulahlekeni, inene mna ndiya (kuncathama) ndibalalele eNdleleni yaKho ethe Tye

Verse 17 — Surah Al-Araf 7:17

Kananjalo xa ndibafikele (ndabavela) ngaphambili nangemva kwabo, ekunene kwabo nasekhohlo kwabo. Wena akuyi kufumana uninzi lwabo lunombulelo (kuWe)

Verse 18 — Surah Al-Araf 7:18

Wathi (uAllâh): “Phuma umke apha uhlazekile ungogxothiweyo. Nabani na (ebantwini) oya kulandela wena, inene Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngani nonke

Verse 19 — Surah Al-Araf 7:19

Ke wena Adam! Hlala wena nomkakho ePaladesi, nidle nobabini apho nithande khona ukukudla kodwa, ningasondeli kuwo lo umthi, ngapha koko nobabini niya kuba ngabagabadeli”

Verse 20 — Surah Al-Araf 7:20

Waza uShaytân wabasebezela bobabini iingcebiso [zakhe (esenzela)] ukuveza oko kwakufihliwe kubo kuziindawo (zomzimba wabo) ezinqabileyo, wathi: “INkosi yenu Ayinalelanga nje (ukuba ningadli) kulo mthi koko nina nokusuka nibe ziingelosi kungenjalo nibe ngabaphila ngonaphakade.”

Verse 21 — Surah Al-Araf 7:21

Kananjalo (uShayatân) wafunga ngoAllâh kubo bobabini (wathi): “Inene mna ndingomnye wabaninqwenelela okuhle nobabini ngokunyanisekileyo.”

Verse 22 — Surah Al-Araf 7:22

Wabalahlekisakengokongenkohliso. Bathibesakukungcamla okomthi lowo, (kwasuka) oko kwakukade kufihlakele kubo kwabonakala kubo, baqalisa ukuzigquma ngamagqabi emithi yasePaladesi (ukufihla ubuze babo). Ke kaloku iNkosi yabo yabuza kubo: “Andinalelanga na ngalo mthi, Ndanixelela kananjalo ukuba ngenene uShaytân ulutshaba lwenu olucacileyo”

Verse 23 — Surah Al-Araf 7:23

Bathi bona: “Nkosi yethu sizonile. Ukuba Awunakusixolela Wena, Usenzele iNceba evela kuWe, inene thina siya kuba ngabalahlekelwa.”

Verse 24 — Surah Al-Araf 7:24

Wathi (uAllâh): “Yihlani phantsi, omnye kuni uya kuba lutshaba lomnye. Emhlabeni kuya kubakho indawo yokuhlala kwenu neyolonwabo okwethutyana.”

Verse 25 — Surah Al-Araf 7:25

Wathi: Apho niya kuphila, ukanti apho niya kufa, nize apho nikhutshwe (ngoMhla woVuko)

Verse 26 — Surah Al-Araf 7:26

Hini na Bantwana baka-Adam! Sininike isambatho nina sokuba nizigqume (ubuze benu) kwanokuba sibe sisihombo, ukanti isambatho sobulungisa sisona silungileyo. Leyo yeminye yemiqondiso ka-Allâh khon’ukuze bakhumbule

Verse 27 — Surah Al-Araf 7:27

Hini na Bantwana baka-Adam, musani ukumvumela uShaytân anikhohlise, njengoko (wakhohlisa) abazali benu wabakhupha ePaladesi, ebahluba izambatho zabo, ebabonisa ubuze babo. Inene yena namakhonza akhe bayanibona bona apho ningekhe nibabone khona nina. Inene Senze amashayâtîni ukuba abe ngabahlobo babo bangakholwayo

Verse 28 — Surah Al-Araf 7:28

Kananjalo xa (abangakholwayo) besenza ububi, bathi: “Savela oobawo bethu besenza oku, noAllâh Usiyalele ukuba sikwenze nathi”. Yithi wena: “Nakanye, uAllâh Asokuze Ayalele ububi, Kanti nithetha eningakwaziyo na ngoAllâh?”

Verse 29 — Surah Al-Araf 7:29

Yithi (Muhammad): “Eyam iNkosi Iyalele ubulungisa (Yathi) kananjalo jongisani ubuso benu kuYo Yodwa kuzo zonke iindawo zonqulo, emithandazweni, nibize kuYo Yodwa nenze inkonzo yenu ibe yenyanisekileyo kuYo, njengoko Yayinivelisile ekuqalekeni niya kubuyiswa nisekwanjalo.”

Verse 30 — Surah Al-Araf 7:30

Iqela elithile (labantu) uya kulikhokela, ukanti iqela elithile labo lifanelwe kukuba libe sekulahlekeni, (ngokuba) bona bathabatha amashayâtîni ukuba abe ngabalondolozi babo endaweni ka-Allâh, becinga ukuba bakhokelelekile

Verse 31 — Surah Al-Araf 7:31

Hini na Bantwana baka-Adam! Thabathani ubuhomba benu xa nisezimasjid, nidle nisele kodwa ningenzi inkcitho ngokudyakraza. Inene uAllâh Akabathandi abo banenkcitho

Verse 32 — Surah Al-Araf 7:32

Yithi (Muhammad): “Ngubani owalela ukwambathwa kweempahla azinikwe nguAllâh, Ezivezele izicaka zaKhe, nezinto ezilungileyo ezikukutya?” Yithi, “(ezi) zinto zikobu bomi balo mhlaba ukuba zibe zezabo bakholwayo, zezibe zezabo kuphela ngoMhla woVuko”. Sizichaza kanjalo ke iiVesi zeThu kubantu abanolwazi

Verse 33 — Surah Al-Araf 7:33

Yithi (Muhammad): “Izinto Ezingavumelekanga, eNkosini yam zizenzo zokungcola enokuba zenziwe elubala na okanye ekhusini, izono (zonke) zikukungcola, ingcinezelo nokwayamanisa izithixo kuAllâh Yena engakhanga Anike mvume ngako, nokuthetha izinto ngoAllâh eningenalwazi ngazo

Verse 34 — Surah Al-Araf 7:34

Uluntu ngalunye lunexesha elimiselwe lona, Lisakufika (ixeshaelo) alungekhelulibuyiseumvalungekheluligqithisele ngaphambili nangeyure enye

Verse 35 — Surah Al-Araf 7:35

Hini na Bantwana baka-Adam! Xa kufika abaThunywa bephuma phakathi kwenu, becengceleza iiVesi zaM kuni, lowo uya kuba nyulu, abe lilungisa, kwabo (banjalo) akuyi kubakho koyika kungayi kubakho kuxhalaba

Verse 36 — Surah Al-Araf 7:36

Ke abo bangazamkeliyo iiVesi zeThu, (basuke) bazithathe ngenkukhumalo, baya kuba ngabahlali baseMlilweni, baya kuhlala apho ngonaphakade

Verse 37 — Surah Al-Araf 7:37

Ngubani na intswela bulungisa egqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye ale iiVesi zaKhe?. Kwabanjalo isabelo sabo abasibekelweyo siya kubafumana sivela eNcwadini (yemimiselo), zide iziThunywa2 zeThu zifike kubo zize kuthabathaimiphefumloyabo, kezona(izithunywa) ziyakuthi: “Baphi na abo nanidla ngokubiza kubo nibanqule ngaphandle koAllâh?” Baya kuphendula bona bathi; “Banyamalele basishiya (sodwa)”. Baya kungqina ngokuchasene neziqu zabo bona, okokuba babe ngabangakholwayo

Verse 38 — Surah Al-Araf 7:38

Uya kuthi (uAllâh kubo): “Ngenani ke ebandleni lezizwe ezanandulelayo, (izizwe) zabantu neejinni, eMlilweni”. Ngalo lonke ixesha kungena isizwe esitsha, (singena) siqalekise isizwe esingumsakwaso esasingaphambili kunaso bade bonke baqundaniswe eMlilweni. Abokugqibela kubo baya kuthi ngabokuqala; “Nkosi yethu! Aba basilahlekisa, ke ngoko banike isohlwayo esiphindwe kabini soMlilo”. Athi Yena: “Ngamnye kuni apho unesohlwayo esiphindwe kabini koko anazi nina.”

Verse 39 — Surah Al-Araf 7:39

Abokuqala kubo baya kuthi kwabokugqibela: “Naningekho ngcono kunathi, ke ngoko ngcamlani isohlwayo soko nakusebenzelayo”

Verse 40 — Surah Al-Araf 7:40

Inene abo baphikisa iiVesi zeThu, bazithabathe ngenkukhumalo, kubo amasango ezulu akayi kuvulwa, yaye abayi kuyingena iPaladesi de inkamela ingene emthunjeni wenalithi. Sibabuyekeza kanjalo ke abenzi bobubi

Verse 41 — Surah Al-Araf 7:41

Okwabo iya kuba ngumandlalo (woMlilo) wesiHogo, ize phezu kwabo ibe zizigqubuthelo (zoMlilo wesiHogo). Sibabuyekeza kanjalo ke abenzi bobubi

Verse 42 — Surah Al-Araf 7:42

Ke bona abo bakholwayo, benza imisebenzi yobulungisa Thina Asimrhumisi umntu ngaphezulu kunoko anokumelana nako. Abo ke iya kuba ngabahlali basePaladesi. Baya kuhlala apho ngonaphakade

Verse 43 — Surah Al-Araf 7:43

Kananjalo siya kususa nayiphi na inzondwano nengqondo yokulimazanaezintliziywenizabo,imilamboiyakumpompoza phantsi kwabo, baya kuthi: “Iindumiso nemibulelo mayibe kuAllâh Osikhokeleyo saba lapha, besingekhe sisifumane isiKhokelo, ukuba uAllâh Ebengakhanga Asikhokelele Yena! Inene abaThunywa beNkosi yethu beza nenyaniso”. Kuya kumenyezwa kubo kuthiwe: Le yiPaladesi enaniyifuna ukuba ibe lilifa ngenxa (yemisebenzi elungileyo) enayenzayo.”

Verse 44 — Surah Al-Araf 7:44

Ke kaloku abahlali basePaladesi baza kukhwaza abahlali baseMlilweni (bathi): “Thina sikufumene kuyinyaniso oko sakuthenjiswa yiNkosi yethu; ingaba nani nikufumene kuyinyaniso oko iNkosi yenu yanithembisa ngako”? Baya kuthi bona: “Ewe” Umkhwazi uya kumemeza phakathi kwabo:“Isiqalekisosika-Allâhmasibephezukwabagabadeli.”

Verse 45 — Surah Al-Araf 7:45

Abathintela abantu ukuba bangangeni eNdleleni ka-Allâh, bezama ukuyenza ibonakale igoso, bona bengakholwa kuBomi oBuzayo

Verse 46 — Surah Al-Araf 7:46

Kananjalo phakathi kwabo kuya kubakho (umsantsa), umkhusane kuze kwiindonga eziphakamileyo kubekho abantu (Abazenzo zabo ezilungileyo zilingana nezenzo zabo ezigwenxa) abaza kubazi bonke (abahlali basePaladesi nabasesiHogweni) ngeempawu zabo. Baya kumemeza kubantu basePaladesi: “Salâmun ‘alaykum (uxolo malube nani)” ngelo xesha bona abantu abaphezu kweendonga eziphakamileyo) baya kuba bengekangeni (ePaladesi) kodwa baya kuba benethemba lokuyingena ngokuqinisekileyo

Verse 47 — Surah Al-Araf 7:47

Baya kuthi xa amehlo abo ejongiswa ngakubantu baseMlilweni, bathi: “Nkosi yethu! Ungasihlalisi nabantu abangabagabadeli.”

Verse 48 — Surah Al-Araf 7:48

Baze abantu abaphezu kweendonga eziphakamileyo babuze kubantu basesiHogweni ababaziyo ngeempawu zabo, bathi: “Ncedo luni na enaluzuza kubuninzi benu nenkukhumalo yenu

Verse 49 — Surah Al-Araf 7:49

Ingaba aba ngabo nanifunga nisithi uAllâh Akasokuze Abenzele nceba? (Kuya kuthiwa kubo): “Ngenani ePaladesi, kungabikho loyiko kuni ningabi nalo nexhala.”

Verse 50 — Surah Al-Araf 7:50

Abahlali baseMlilweni baya kubiza kubahlali basePaladesi: “Khanigalele phezu kwethu amanzi nokuba yintoni na eniphiwe yona nguAllâh.” Baya kuthi bona: “Zombini amanzi noko sikuphiweyo, uAllâh Uzalele kwabangakholwayo.”

Verse 51 — Surah Al-Araf 7:51

Abathabatha inkolo yabo bayenza into yokuhlekisa nendlalo, ubomi beli hlabathi bubakhohlisile.” Nathi ke ngayo le Mini Siya kubalibala njengoko nabo baya bayilibala indibano yale Mini, kanye njengoko baya bazala iiVesi zeThu

Verse 52 — Surah Al-Araf 7:52

Inene Thina Sibanikile iNcwadi (i’Kur’ân), esele Siyicacisile ngolwazi, (yona) isisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo

Verse 53 — Surah Al-Araf 7:53

Ingaba sele belindele inzaliseko yokugqibela yesiganeko? NgeMini inzaliseko yesiganeko ifezekiswa3, abo babengayikhathalelanga ngaphambili baza kuthi: “Inene, uMthunywa weNkosi yethu wayezile nenyaniso, ngoku ingaba bakhona na abathetheleli bethu khon’ukuze basithethelele? Okanye mhlawumbi siza kubuyiselwa emva (kubomi basemhlabeni) khon’ukuze sikwazi ukuveza izenzo ezingezizo ezo sasikade sizenza?” Inene, bona balahlekelwe yimiphefumlo yabo ukanti oko babedla ngokukuqamba kubashiyile kwemka kubo

Verse 54 — Surah Al-Araf 7:54

Inene iNkosi yenu nguAllâh, Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, Waza Waphakamela ngentla kweTrone. Uvelisa ubusuku bube sisigqubuthelo semini engxamayo ukubulandela, kanti (Yena Wadala) ilanga, inyanga neenkwenkwezi ziphantsi komyalelo waKhe. Inene, Yena yeyaKhe indalo nomthetho. Usikelelekile uAllâh, iNkosi yamaphakade

Verse 55 — Surah Al-Araf 7:55

Bizani (Celani) eNkosini yenu ngokuzithobileyo, emfihlakalweni. Yona Ayibathandi abangabagabadeli

Verse 56 — Surah Al-Araf 7:56

Kananjalo ningabenzi ubutshinga emhlabeni, emveni kokuba ucwangciswe ngendlela, Bizani kuYe ngoloyiko nethemba. Inene, inceba ka-Allâh isoloko ikufutshane kubenzi bokulungileyo

Verse 57 — Surah Al-Araf 7:57

Kananjalo nguYe Othumela imimoya ukuba ibe zizandulela zeendaba ezivuyisayo, (le mimoya) ihambe phambi kweNceba yaKhe de ithwale ilifu lemvula Thina Siyiqhubele emhlabeni ofileyo Senze amanzi ehle phezu kwawo. Sivelise ngawo zonke iintlobo zeziqhamo. Kanye ngolo hlobo ke, Siya kubavusa abafileyo, khon’ukuze nikhumbule kungenjalo (nihlale) nilumkile

Verse 58 — Surah Al-Araf 7:58

Izityalo zomhlaba olungileyo zihluma (lula) ngemvume yeNkosi yazo; ke wona ongalunganga, awuvelisi nto koko [iba yintwana encinane (oyivelisa)] kanzima. Siyicacisa kanjalo ke imiqondiso ebantwini khon’ukuze banike umbulelo

Verse 59 — Surah Al-Araf 7:59

Inene, Thina Sathuma uNûh4 ebantwini bakubo wathi (kubo): “Hini na Bantu bakuthi! Khonzani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Mna ndoyikisela nina kwisohlwayo seMini enkulu!”

Verse 60 — Surah Al-Araf 7:60

Iinkokeli zabantu bakubo zathi: “Inene, thina sibona wena usekulahlekeni okucacileyo.”

Verse 61 — Surah Al-Araf 7:61

Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Akukho kulahleka kum, koko mna ndinguMthunywa ovela kwiNkosi yamaphakade!”

Verse 62 — Surah Al-Araf 7:62

“Mna ndivakalisa iMiyalezo yeNkosi yam kuni, ndininika icebiso. Kananjalo mna ndiyakwazi okuvela kuAllâh eningakwaziyo nina.”

Verse 63 — Surah Al-Araf 7:63

“Ingaba iyanimangalisa na into yokuba kufike umkhumbuzi ovela eNkosini yenu oyindoda ephuma phakathi kwenu, eze kunilumkisa ukuze noyike uAllâh nifumane neNceba (yaKhe)?”

Verse 64 — Surah Al-Araf 7:64

Kodwa bamphikisa, Saza Thina Samsindisa yena ndawonye nabo babe kunye naye enqanaweni, Sabatshonisa emanzini abo baphikisa imiqondiso yeThu. Inene bona baba ziimfama (zokwenene)

Verse 65 — Surah Al-Araf 7:65

(Kubantu bakwa’Ad Sathumela) umntakwabo uHûd wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe, ingaba animoyiki na nina (uAllâh)”

Verse 66 — Surah Al-Araf 7:66

Abaziinkokeli kwabo babengakholwa kubantu bakubo bathi: “Inene thina sibona ubudenge apha kuwe yaye inene, thina sicinga ukuba ungomnye wamaxoki.”

Verse 67 — Surah Al-Araf 7:67

(UHûd5) wathi “Hini na bantu bakuthi! Akukho budenge kum, koko mna ndinguMthunywa ovela eNkosini yamaphakade

Verse 68 — Surah Al-Araf 7:68

Mna ndinivakalisela iMiyalezo yeNkosi yam, kananjalo mna ndingumcebisi wenu othembekileyo

Verse 69 — Surah Al-Araf 7:69

Ingaba iyanimangalisa na into yokuba kufike kuni inkumbuzo evela eNkosini yenu ngendoda ephuma phakathi kwenu, eze kunilumkisa? Khumbulani kananjalo okokuba Yona (iNkosi yenu) Yanenza naba ngabalandeli emva kwabantu bakwaNûh, Yanandisa kananjalo ngobude. Ke kaloku khumbulani izibabalo (enaziphiwayo) zivela kuAllâh ukuze nibe nempumelelo.”

Verse 70 — Surah Al-Araf 7:70

Bathi bona: “Wena uze kuthi ukuba sikhonze uAllâh Yedwa sishiye oko kwakukhonzwa ngoobawo bethu? Wena yiza ke naloo nto usigrogrisa ngayo ukuba uthetha inyaniso.”

Verse 71 — Surah Al-Araf 7:71

(UHûd) wathi: “Isohlwayo nengqumbo sele ihlile phezu kwenu ivela eNkosini yenu. Niphikisana nam na ngamagama (ezithixo zenu) enazithiya ngokwenu noobawo benu ningenagunya livela kuAllâh? Lindani ke, nam ndiya kuba kunye nani nabo balindileyo.”

Verse 72 — Surah Al-Araf 7:72

Samsindisa ke yena ndawonye nabo babekunye naye ngenceba evela kuThi, Sazinqumla iingcambu zabo baphikisa iiVesi zeThu kananjalo babengengomakholwa bona

Verse 73 — Surah Al-Araf 7:73

Kubantu bakwaThamûd Sathumela umzalwana wabo uSâlih6, Wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Inene umqondiso ocacileyo ufikile7 kuni, uvela eNkosini yenu. Le mazi yenkamela ka-Allâh ngumqondiso kuni; ke ngoko yiyekeni izidlele ingca emhlabeni ka-Allâh; ningayichukumisi ngabubi,(kuba) hleze nihlelwe sisohlwayo esikhulu

Verse 74 — Surah Al-Araf 7:74

Yabonani Yena Wanenza ukuba nibe ngabalandeli babantu bakwa-’Ad, Waninika iindawo zokuhlala emhlabeni, nazakhela iindawo emathafeni, naqingqa izindlu (zenu) ezintabeni. Ke kaloku khumbulani iziBele zika-Allâh, kananjalo ningahambi nisenza ubutshinga emhlabeni.”

Verse 75 — Surah Al-Araf 7:75

Iinkokeli zabo babezizikhukhumali phakathi kwabantu bakubo zathi kwabo babethathwa ukuba abanamandla ababekholwa: “Ingaba niyayazi na into yokuba uSâlih ungumntu othunyiweyo ovela eNkosini yakhe?” Bathi bona: “Siyakholwa thina ngenene kuko oko akuthunyiweyo.”

Verse 76 — Surah Al-Araf 7:76

Abo babezizikhukhumali bathi: “Inene, thina asikholwa koko nikholwa kuko nina.”

Verse 77 — Surah Al-Araf 7:77

Bayinqumla imisipha ke, (bayibulala) imazi yenkamela baba nendelelo, abawuthobela umyalelo weNkosi yabo, bathi: “Wena Sâlih! Yiza kaloku nezoyikiso zakho ukuba ungomnye wabaThunywa (baka-Allâh).”

Verse 78 — Surah Al-Araf 7:78

Ke kaloku inyikima yabafumana, balala (bafa) waca badunduluza emizini yabo

Verse 79 — Surah Al-Araf 7:79

USâlih wemka kubo, wathi: “Hini na bantu bakuthi! Mna ndiwuvakalisile ngenene uMyalezo weNkosi yam, ndaninika icebiso elilungileyo kodwa nina anibathandi abacebisi abalungileyo

Verse 80 — Surah Al-Araf 7:80

Kananjalo uLût wathi kubantu bakubo: “Ingaba nenza esona sono sibi esingazanga senziwe mntu kwabangaphambili kuni ehlabathini na

Verse 81 — Surah Al-Araf 7:81

Inene nina nanelisa iinkanuko zenu emadodeni endaweni yabafazi. Inene! Nina ningabantu abagabadele batsiba imida.”

Verse 82 — Surah Al-Araf 7:82

Impendulo yabantu bakubo yaba kukuba bathi: “Bakhupheni nibagxothe bemke esixekweni senu, aba inene ngamadoda afuna ukuzenza ngcwele.”

Verse 83 — Surah Al-Araf 7:83

Ke Thina Samsindisa yena nosapho lwakhe, ngaphandle komfazi wakhe, yena waba ngomnye wabo basala ngasemva

Verse 84 — Surah Al-Araf 7:84

Saza Sathoba imvula (yamatye). Khawujonge ke ukuba saba yintoni na isiphelo sabenzi bokungcola

Verse 85 — Surah Al-Araf 7:85

Kubantu bakwaMidiyani, (Sathumela) umzalwana wabo uShu’ayb. Yena wathi (kubo): “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninaye omnye uthixo ngaphandle kwaKhe.” Inene umqondiso ocacileyo ovela eNkosini yenu ufikile kuni; ke nikani umlinganiselo wesikali opheleleyo nobunzima obupheleleyo, ningaboni abantu ezintweni zabo, ningenzi butshinga emhlabeni emva kokuba ucwangciswe ngendlela, oko kolunga kuni, ukuba ningamakholwa

Verse 86 — Surah Al-Araf 7:86

Kananjalo musani ukuhlala ezindleleni zonke, nigrogrisa, nithintela abo bakholwayo kuYe (uAllâh) bangangeni eNdleleni ka-Allâh, nifune ukuyenza goso-goso. Khumbulani kananjalo okokuba nanibambalwa Waza Wanandisa nina. Khangelani nibone okokuba saba yintoni na isiphelo sabenzi bobubi

Verse 87 — Surah Al-Araf 7:87

“Ke kaloku ukuba (apha kuni) kukho iqela labakholwayo koko mna ndikuthunyiweyo kuze kubekho iqela labo bangakholwayo, lindani ke nibe nomonde Ade uAllâh Agwebe phakathi kwethu, yaye Yena UngoYena Mgwebi Ulungileyo.”

Verse 88 — Surah Al-Araf 7:88

IiNkosi zabo babezizikhukhumali phakathi kwabantu zathi: “Inene thina siya kukukhupha esixekweni sethu Shu’ayb, ndawonye nabo bakholwa kunye nawe, okanye nonke buyelani kwinkolo yethu.” Wathi yena: “Nokuba siyichasile na

Verse 89 — Surah Al-Araf 7:89

Siya kuba siqambe ubuxoki ngokuchasene noAllâh ukuba singabuyela enkolweni yenu, emva kokuba uAllâh Esihlangule kuyo. Yaye ayikokwethu ukubuyela kuyo ngaphandle kokuba uAllâh iNkosi yethu Uthandile. INkosi yethu Iziqulethe zonke izinto kulwazi lwaYo. Thina sibeke ithemba lethu kuAllâh (Yedwa). ‘Nkosi yethu! Gweba phakathi kwethu nabantu bakuthi ngenyaniso, kuba Wena UngoYena Ulungileyo kwabo bawisa isigwebo.”

Verse 90 — Surah Al-Araf 7:90

Abaziinkosi kwabo babengakholwa phakathi kwabantu bakubo bathi kubantu babo: “Ukuba nithe nalandela uShu’ayb, qinisekani kwinto yokuba niya kuba ngabalahlekelwa!”

Verse 91 — Surah Al-Araf 7:91

Ke kaloku inyikima yabahlasela, balala waca (bafa) bequngquluzile emakhayeni abo

Verse 92 — Surah Al-Araf 7:92

Abo babephikisa uShu’ayb baba ngathi abazanga bahlala apho. Abo babephikisa uShu’ayb baba ngabalahlekelwa

Verse 93 — Surah Al-Araf 7:93

Emkile ke uShu’ayb kubo wathi: “Hini na bantu bakuthi! Mna ndiwuvakalisile uMyalezo weNkosi yam kuni ndaninika icebiso elilungileyo. Ndiya kuthini na ke ngoko ukuba lusizi ngentshabalalo yabantu abangakholwayo.”

Verse 94 — Surah Al-Araf 7:94

Kananjalo Akukho Mprofeti Sakha Samthumela nakwesiphi na isixeko (bangamphikisi) kodwa Sabahlasela abantu baso (isixeko eso) ngentsokolo yobuhlwempu obunzima nelahleko yempilo, khon’ukuze bazithobe (baguquke)

Verse 95 — Surah Al-Araf 7:95

Saza saguqula okungendawo kwaba kokulungileyo, bada banda ngobuninzi nasebutyebini, bathi: Oobawo bethu bachukunyiswa kokungendawo nokulungileyo.” Sabahlasela ke Thina ngequbuliso bengalindelanga

Verse 96 — Surah Al-Araf 7:96

Ke kaloku ukuba abantu bezixeko babekholiwe baba noloyiko (luka-Allâh), inene Thina SaSiya kubavulela iintsikelelo ezivela ezulwini nasemhlabeni, kodwa basuka babaphikisa (abaThunywa) Sabahlasela ke Thina ngoko babekwenza

Verse 97 — Surah Al-Araf 7:97

Ingaba abantu bezixeko babeziva bekhuselekile na ngokuchasene nokuza kwesohlwayo seThu (kubo) ebusuku lo gama babesalele

Verse 98 — Surah Al-Araf 7:98

Makube mhlawumbi abantu bezixeko babeziva bekhuselekile na ngentlazane lo gama babesadlala, (bonwabile)

Verse 99 — Surah Al-Araf 7:99

Ingaba babeziva bekhuselekile na ngokuchasene necebo lika- Allâh? Akukho bani uziva ekhuselekile ngokuchasene necebo lika-Allâh ngaphandle kwabantu abangabalahlekelwa

Verse 100 — Surah Al-Araf 7:100

Kanti akude kucace na kwabo bawuphila ilifa umhlaba belandela emva kwabangaphambili kubo ababekuwo, okokuba, ukuba SaSithandile, ngeSaSibohlwayile ngezono zabo. Kananjalo Thina Siyazitywina iintliziyo zabo khon’ukuze bangeva nto

Verse 101 — Surah Al-Araf 7:101

Ezo zizixeko eSibalisa ibali lazo kuwe (wena Muhammad). Ke kaloku Inene kwafika abaThunywa bazo kuzo benemiqondiso ecacileyo, kodwa bona babengekhe bakholwe koko babesele bekwalile kwantlandlolo. Uzitywina kanjalo ke uAllâh iintliziyo zabangakholwayo

Verse 102 — Surah Al-Araf 7:102

Ke kaloku uninzi lwabo Salufumana lungenanyaniso kwiminqophiso yalo, endaweni yoko uninzi lwabo Salufumana ngenene lungabenzi bobubi

Verse 103 — Surah Al-Araf 7:103

Emva kwabo ke Sathumela uMûsâ nemiqondiso yeThu kuFir’awn neenkosi zakhe, kodwa ngobugwenxa (babo) azanga bayamkele. Jonga ke ukuba sabanjani na isiphelo sabenzi bobutshinga

Verse 104 — Surah Al-Araf 7:104

Ke kaloku uMûsâ wathi: “Hini na Fir’awn! Inene mna ndinguMthunywa ovela kwiNkosi yamaphakade.”

Verse 105 — Surah Al-Araf 7:105

Kolunga kum ukuba ndingathethi ngoAllâh koko ibe yinyaniso kuphela. Mna ndize kuwe ndisuka eNkosini yakho nomqondiso ocacileyo. Ke khulula aBantwana bakwaSirayeli bahambe nam.”

Verse 106 — Surah Al-Araf 7:106

UFir’awn wathi: “Ukuba uze nomqondiso, yiza nawo ngaphambili siwubone, ukuba ungomnye wabo banenyaniso.”

Verse 107 — Surah Al-Araf 7:107

Wajula intonga yakhe uMûsâ, khangela ke! (Nantso) iba yinyoka ngokucacileyo

Verse 108 — Surah Al-Araf 7:108

Waza wakhupha isandla sakhe, khangela ke (naso) sisiba mhlophe kwababesibukele

Verse 109 — Surah Al-Araf 7:109

Iinkosi zabantu bakwaFir’awn zathi: “Inene lo, yingcungela yomenzi wemilingo

Verse 110 — Surah Al-Araf 7:110

Yena ufuna ukunikhupha ezweni lenu, nicebisa ntoni na ke nina ngaye?”

Verse 111 — Surah Al-Araf 7:111

Bathi bona: “Mbekeni yena nomntakwabo bucala (okwethutyana), nithumele izigidimi ezixekweni ukuba ziqokelele

Verse 112 — Surah Al-Araf 7:112

Zize nazo zonke iingcaphephe zokwenza imilingo

Verse 113 — Surah Al-Araf 7:113

Bafika ke abenzi bemilingo kuFir’awn bathi: “Inene siya kuba nomvuzo omhle na ukuba sibe ngaboyisileyo?”

Verse 114 — Surah Al-Araf 7:114

Wathi yena (uFir’awn): “Ewe nje, ngapha koko nina niya kuba ngabasondeleyo kum (ngokwesikhundla).”

Verse 115 — Surah Al-Araf 7:115

Bathi bona: “Hini na Mûsâ! Ingaba nguwe okanye sithi na abaza kuqala bajule?”

Verse 116 — Surah Al-Araf 7:116

Wathi yena: “Julani (kuqala).” Bajula ke, bawathakatha amehlo abantu, bafaka uloyiko kubo, babonisa umlingo omkhulu (apho)

Verse 117 — Surah Al-Araf 7:117

Ke Thina Satyhila kuMûsâ (okokuba): “Jula eyakho intonga.” Khangela! Yabuginya ngoko nangoko bonke ubuxoki ababebubonisa (apho)

Verse 118 — Surah Al-Araf 7:118

Ngaloo ndlela yaba ke inyaniso iyangqineleka, kwaza konke oko babekwenzile akwabi nto yanto

Verse 119 — Surah Al-Araf 7:119

Ke kaloku baba ngaboyisiweyo, bemka apho behlazekile

Verse 120 — Surah Al-Araf 7:120

Abenzi bemilingo bawa phantsi baqubuda

Verse 121 — Surah Al-Araf 7:121

Bathi: “Siyakholwa thina kwiNkosi yamaphakade.”

Verse 122 — Surah Al-Araf 7:122

“INkosi kaMûsâ noHârûn.”

Verse 123 — Surah Al-Araf 7:123

UFir’awn wathi: “Nikholwe kuye ndinganinikanga mvume kusini na? Inene le, eli liqhinga eniliqulunqileyo esixekweni ukuze nikhuphe abantu baso (kuso), kodwa niza kwazi kungekudala

Verse 124 — Surah Al-Araf 7:124

Inene mna ndiya kuninqumla izandla zenu neenyawo ngokuphikisana kwamacala (isandla sokunene nonyawo lokhohlo), ndize ndinibethelele emnqamlezweni nonke.”

Verse 125 — Surah Al-Araf 7:125

Bathi bona: “Inene thina siya kubuyela eNkosini yethu.”

Verse 126 — Surah Al-Araf 7:126

Wena (Fir’awn) uyaziphindezela kuthi ngenxa yokuba sikholiwe kwimiqondiso yeNkosi yethu ethe yafika kuthi! Nkosi yethu thulula phezu kwethu ukunyamezela, usenze kananjalo sife singamaMuslim.”

Verse 127 — Surah Al-Araf 7:127

Iinkosi zabantu bakwaFir’awn zathi: “Ingaba niza kumyeka na uMûsâ nabantu bakhe basasaze ubutshinga ezweni, anishiye nina noothixo benu?” (UFir’awn) wathi: “Siza kubulala oonyana babo, sishiye iintombi zabo ziphila yaye thina inene sinamandla phezu kwabo angenakuphikiswa.”

Verse 128 — Surah Al-Araf 7:128

UMûsâ wathi kubantu bakubo: “Funani uncedo kuAllâh, nibe nomonde. Inene, umhlaba ngoka-Allâh. Uwunika lowo Athande ukumnika kwizicaka zaKhe. Ukuba ube lilifa kuye, kananjalo isiphelo sesabahlonela (uAllâh).”

Verse 129 — Surah Al-Araf 7:129

Bathi bona: “Thina sifumene ubunzima phambi kokuba wena uze kuthi, kanti kusenjalo nangoku sele wena ufikile kuthi.” Wathi yena; “Kungenzeka ukuba iNkosi yenu Izitshabalalise iintshaba zenu, Ize yenze nina nibe ziindlalifa emva kwazo ehlabathini, ukuze Inijonge ukuba niya kuqhuba njani na nina.”

Verse 130 — Surah Al-Araf 7:130

Kananjalo Sabohlwaya abantu bakwaFir’awn ngeminyaka yembalela nonqongophalo lweziqhamo (nezityalo) khon’ukuze bakhumbule (baqiqe)

Verse 131 — Surah Al-Araf 7:131

Kodwamaxaonkekufikaokulungileyokubobabedlangokuthi: “Oku kokwethu,” ze xa behlelwe kokubi bakuthabathe ukuba ngumhlola (weshwangusha) odibene noMûsâ nabo bakunye naye. Nakanye, inene imihlola ivela kuAllâh koko abaninzi kubo abazi

Verse 132 — Surah Al-Araf 7:132

Bathi kuMûsâ: “Enokuba ungeza nowuphi na umqondiso khon’ukuze wenze ubugqi kuthi, asisokuze sikholwe kuwe thina.”

Verse 133 — Surah Al-Araf 7:133

Ke kaloku Sathumela isikhukula kubo, iinkumbi, iintwala, amasele, negazi ukuba zibe yimiqondiso kubo kodwa bona bathi gqolo ukuba nenkukhumalo, kananjalo bona baya babangabo bangabenzi bobubi

Verse 134 — Surah Al-Araf 7:134

Ke kaloku sathi isohlwayo sisakuba phezu kwabo, (baqala) bathi: “Hini na Mûsâ sicelele eNkosini yakho ngenxa yesithembiso saYo kuwe. Ukuba usisusile isohlwayo kuthi, thina siya kukholwa kuwe inene nangeyaniso, yaye siya kubakhulula aBantwana bakwaSirayeli bahambe nawe.”

Verse 135 — Surah Al-Araf 7:135

Kodwa Sathi Sisakusisusa isohlwayo kubo ixesha elimiselweyo ekwakufuneke befikelele kulo, khangela ke! Basaphula isithembiso sabo

Verse 136 — Surah Al-Araf 7:136

Sathabatha impindezelo Thina kubo. Sabatshonisa elwandle, kuba baphikisa imiqondiso yeThu ababi nankathalo ngayo

Verse 137 — Surah Al-Araf 7:137

Kananjalo Senza abantu ababecingelwa ukuba akukho yabo yangaboabaphilailifaiziphalukazomhlabaeziseMpumalanga neziphaluka zawo eziseNtshonalanga eSasizisikelele. Ke kaloku ilizwi elilungileyo leNkosi yakho lazaliseka kuBantwana bakwaSirayeli, ngenxa yokunyamezela kwabo. Kananjalo Sayitshabalalisa yaphela nya imisebenzi emikhulu nezakhiwo zakwaFir’awn ezazakhiwe ngabantu bakhe

Verse 138 — Surah Al-Araf 7:138

Sabuyisa aBantwana bakwaSirayeli ngokunqumla ulwandle, (endleleni) badibana nabantu ababezinikele kunqulo lwabo lwezithixo. Bathi (aBantwawa bakwaSirayeli): “Hini na Mûsâ senzele nathi uthixo njengoko nabo benoothixo.” Wathi yena: “Inene, nina ningabantu abangazi nto.”

Verse 139 — Surah Al-Araf 7:139

“Aba bantu baza kutshatyalaliswa ngenxa yale nto bazinikele kuyo. Yaye yonke imisebenzi yabo ayinto yanto.”

Verse 140 — Surah Al-Araf 7:140

Wathi yena: “(Nina nithi) mandinifunele omnye uthixo ngaphandle koAllâh, ekubeni Yena Enenze nangentla kunendalo yonke?”

Verse 141 — Surah Al-Araf 7:141

Yabonani Thina Sanihlangula kubantu bakwaFir’awn, ababeningcungcuthekisa ngesona sibi isohlwayo, bebulala oonyana benu bashiye abasetyhini benu, olo lwaba luvavanyo olukhulu oluvela eNkosini yenu

Verse 142 — Surah Al-Araf 7:142

Ke kaloku satyumbela uMûsâ iintsuku ezingamashumi amathathu, Saza Songeza nezinye ezilishumi, walifeza ke uMûsâ ithuba (elo wayelityunjelwe) yiNkosi yakhe leentsuku ezingamashumi amane. Wathi uMûsâ kumntakwabo uHârûn: “Thabatha indawo yam wena kubantu bakuthi, wenze (izinto) ngeNdlela eLungileyo, ungalandeli indlela yabenzi bobubi.”

Verse 143 — Surah Al-Araf 7:143

Ekufikeni kukaMûsâ endaweni (leyo) yeThu nangexesha elalimiselwe SiThi, iNkosi yakhe Yathetha naye; wathi yena: “O Nkosi yam! Ndibonise uBuqu baKho khon’ukuze ndikubone.” Wathi uAllâh: “Awunako ukuNdibona Mna, kodwa jonga intaba (le); ukuba ithe yema ngxishi endaweni yayo, uya kuNdibona ke.” Yathi iNkosi yakhe Isakuvela entabeni, Yayenza yasabalaka yaba luthuli, uMûsâ wawa, wafa isiqaqa. Ke kaloku wathi esakubuyela ezingqondweni zakhe: wathi, “Uzuko malube kuWe, mna ndiguqukela kuWe yaye mna ndingowokuqala kwabo bakholwayo.”

Verse 144 — Surah Al-Araf 7:144

UAllâh Wathi: “Hini na Mûsâ, Mna Ndikukhethile wena phezu kwabantu, ngemiyalezo yaM nangokuthetha kwaM (kuwe) ke kubambe nkqi oko Ndikunike kona, kananjalo ube ngomnye wabo banombulelo.”

Verse 145 — Surah Al-Araf 7:145

Ke kaloku Sambhalela isifundo emacwecweni esiza kuboniswa kuzo zonke izinto nengcaciso yezinto zonke. Bambelela ke kwezi (mfundiso) womelele ngamandla, Uyalele abantu bakuni kananjalo ukuba bathabathe okulungileyo apho (kwezo mfundiso). Mna ndiya kunibonisa ikhaya labenzi bobubi

Verse 146 — Surah Al-Araf 7:146

Ndiya kubajika bemke kwimiqondiso yaM abo baziphatha ngenkukhumalo emhlabeni, ngokungekho lungelweni, kananjalo xa beyibona imiqondiso abayi kukholwa kuyo. Naxa bebona iNdlela yobungcwele abayi kuyithabatha njengendlela, kodwa xa bebona indlela yobugwenxa baya kuyithabatha loo ndlela, oku kungenxa yokuba beyalile imiqondiso yeThu bengenankathalo ngayo

Verse 147 — Surah Al-Araf 7:147

Ke kaloku abo baphika iiVesi zeThu nendibano yakwelizayo, ayinto yanto imisebenzi yabo. Ingaba ikhona na enye into abaza kubuyekezwa ngayo ngaphandle koko babekwenza

Verse 148 — Surah Al-Araf 7:148

Kananjalo abantu bakaMûsâ akungabikho (uMûsâ) bazenzela umfanekiso (oqingqiweyo) wethole ngezacholo zabo elalinesandi (elalisenza). Babengaboni na ukuba lalingekhe likwazi ukuthetha lingekhe libakhokele nokubakhokela eNdleleni ethe Tye? Balithatha (balinqula) lona baza baba ngabenzi bobubi

Verse 149 — Surah Al-Araf 7:149

Bathi ukuzisola kwabo sele bebona ukuba basekulahlekeni, (baqala) baguquka bathi: “Ukuba iNkosi yethu Ayinakuba nanceba kuthi, Isixolele, siya kuba ngabalahlekelwa.”

Verse 150 — Surah Al-Araf 7:150

Ke kaloku ekubuyeni kukaMûsâ ebuyela kwabakubo, enomsindo, ekhathazekile, wathi: “Yini na ukuba nenze into engcole kangaka8 ndakungabikho, nikhawuleze nangxama na naya phambili ngokuphathelene nomcimbi weNkosi yenu? “ Waza yena wawalahla phantsi amacwecwe, wabamba umntakwabo ngeenwele wamtsalela kuye. UHârûn wathi: “Hini na mntwana kamama! Inene abantu bandithabathe njengomntu ekungekho yakhe yaye bebesele beza kundibulala, musa ke ngoko ukwenza iintshaba zigcobe ngam, ungandidibanisi kananjalo mna nabantu abangabenzi bobubi.”

Verse 151 — Surah Al-Araf 7:151

UMûsâ wathi: “O Nkosi yam ndenzele inceba mna nomntakwethu, Usingenise kananjalo eNcebeni yaKho Wena Sozinceba wabo banenceba

Verse 152 — Surah Al-Araf 7:152

Inene abo bathabatha ithole (balinqula) ingqumbo yeNkosi yabo nokunyeliswa kuya kuza phezu kwabo kubomi beli hlabathi. Sibabuyekeza kanjalo ke abo baqamba ubuxoki

Verse 153 — Surah Al-Araf 7:153

Ke bona abo benza izenzo ezingcolileyo baza baguquka emva koko bakholwa nokukholwa inene, iNkosi yakho ngapha koko nguMxoleli uSozinceba

Verse 154 — Surah Al-Araf 7:154

Ke kaloku wathi umsindo kaMûsâ ukudamba kwawo, wawathabatha amacwecwe; kuwo apho kwakubhalwe isiKhokelo nenceba kwabo bayoyikayo iNkosi yabo

Verse 155 — Surah Al-Araf 7:155

UMûsâ wakhetha amadoda angamashumi asixhenxe (angawona alungileyo) kubantu bakubo. Ewakhethela ixesha leThu elityunjiweyo nendawo yokuhlangana, bathi bakuhlaselwa yinyikima evuthuzayo, (uMûsâ) wathi: “O Nkosi yam, ukuba Ubuthandile ngowusitshabalalisile ndawonye nam kwangaphambili; Uza kusitshabalalisa na ngenxa yezenzo zabazizidenge phakathi kwethu? Ukuba (oku) kulucikido Olahlekisa ngalo lowo Uthande ukumlahlekisa Ugcine Othande ukumgcina ekwisiKhokelo, Wena UnguMkhuseli wethu, Sixolele thina, Ube nenceba kuthi: kuba Wena UnguMxoleli Ongaphezulu kunabo baxolelayo.”

Verse 156 — Surah Al-Araf 7:156

“Yenza kube ngummiselo kuthi okulungileyo kweli hlabathi, nakuBomi oBuzayo. Inene thina siguqukela kuWe.” Wathi Yena: “Isohlwayo saM Ndohlwaya ngaso lowo Ndithe Ndathanda ukanti iNceba yaM igubungela izinto zonke. Yona Ndiya kuyenza ummiselo kwabanyulu, abanikela ngeZakâh nabo bakholwa kwimiqondiso yeThu.”

Verse 157 — Surah Al-Araf 7:157

Abo balandela, uMthunywa, onguMprofeti ongakwazi kufunda nakubhala9, yena kanye lowo bamfumana echazwe kwiTorah nakwi-Injîl. Yena ubayalela okulungileyo abalele okungendawo, abavumele okulungileyo okusemthethweni, aze abalele okungendawo okungekho mthethweni. Abakhulule kwimithwalo yabo enzima nakwizibophelelo ezabekwa phezu kwabo. Ke bona abo bakholwayo kuye baya kumhlonipha, bamncedise yena, balandele nokhanyiselo (lwe’Kur’ân) ethunyelwe kuye, ngabo ke abaya kuphumelela

Verse 158 — Surah Al-Araf 7:158

Yithi (Muhammad): “Hini na bantu! Inene mna ndithunyelwe kuni nonke njengoMthunywa ka-Allâh Olongamelo lwamazulu nomhlaba ilolwaKhe. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. NguYe Onika ubomi Enze ukufa. Ke kholwani kuAllâh noMthunywa waKhe ongakwazi kufunda nakubhala, (uMthunywa) okholwa kuAllâh namaZwi aKhe (i’Kur’ân), kananjalo mlandeleni yena khon’ukuze nikhokeleleke

Verse 159 — Surah Al-Araf 7:159

PhakathikwabantubakuloMûsâkukhoabantuababekhokelela (abantu) enyanisweni bamisele ubulungisa ngako oko

Verse 160 — Surah Al-Araf 7:160

Sabahlula baba zizizwe ezilishumi elinambini. Satyhila kuMûsâ ngethuba abantu bakubo babemcela amanzi, (Sathi kuye): “Betha idwala ngomsimelelo wakho,” kwatsawula imithombo elishumi elinambini kulo, qela ngalinye kubo layazi indawo yalo yamanzi. Sabakhusa (ngethunzi) lamafu Sabathumelela imana nezagwityi (Sathi): “Yityani izinto eSinipha zona.” Ke kaloku abazanga baSenze bubi Thina koko bazenza bona buqu

Verse 161 — Surah Al-Araf 7:161

Ke kaloku kwathi kusakuthiwa kubo: “Hlalani kwesi sixeko (iYerusalem) nitye naphi na apho nithande khona kuso, nithi, “(O Allâh)! Sixolele izono zethu; ningene elusangweni niqubude (ngokuzithoba), Siya kunixolela iziphoso zenu. Siwandisele (umvuzo) amalungisa.”

Verse 162 — Surah Al-Araf 7:162

Kodwa abo bangabenzi bobugwenxa phakathi kwabo, baliguqula ilizwi ababelinikiwe (ukuba balithethe). Ke Thina Sathumela isohlwayo emazulwini ngenxa yobugwenxa ababenzayo

Verse 163 — Surah Al-Araf 7:163

Khawubabuze (Muhammad) ngesixeko esasingaselwandle; ukugabadela kwabo ngokuphathelene nombandela weSabatha, ngexesha apho iintlanzi zabo zaya zaphuma zeza kubo ngomhla weSabatha, kodwa zingaphumi zize kubo ngemini ekungeyoSabatha. Salwenza lwaba njalo ke uvavanyo kubo, kuba babedla ngokuvukela imiyalelo ka- Allâh

Verse 164 — Surah Al-Araf 7:164

Bathi abanye abantu phakathi kwabo besakuthi: “Kanjani na ukuba nishumayeze abantu ngoAllâh Asele Eza kubatshabalalisa okanye Abohlwaye ngesohlwayo esibuhlungu? (Abashumayeli bathi): “Senzela ukuba (thina) singabi natyala eNkosini yenu [uAllâh, (kuba)] mhlawumbi baya kumoyika uAllâh.”

Verse 165 — Surah Al-Araf 7:165

Bathi ke besakuzilibala iinkumbuzo ezo babezinikiwe, Sabasindisa abo babesalela ukwenziwa kobubi, kodwa Sabahlasela abo babesenza ubugwenxa ngesohlwayo esibuhlungu kuba babedla ngokuba ngabavukeli bemithetho ka-Allâh

Verse 166 — Surah Al-Araf 7:166

Ke kaloku bathi besakugabadela bayitsiba imida yoko kwakungavumelekanga kubo, Sathi kubo, “Yibani ziinkawu, nideleke nichaswe.”

Verse 167 — Surah Al-Araf 7:167

Kananjalo iNkosi yakho Yathi Iza kumana Ithumela ngokuchasene nabo (abantu) abaza kubohlwaya ngesingcungcuthekiso esiya kuba lihlazo kude kube nguMhla woVuko. Inene iNkosi yakho Iyakhawuleza ngempindezelo (kwabangenantobeko) Ukanti InguMxoleli, uSozinceba

Verse 168 — Surah Al-Araf 7:168

Kananjalo Sabahlula-hlula baba ngamaqela-ngamaqela emhlabeni: Abanye kubo baba ngamalungisa, abanye kubo bakude kuloo nto. Sabalinga ke Thina ngokulungileyo nangokungalunganga khon’ukuze baguqukele (kuAllâh)

Verse 169 — Surah Al-Araf 7:169

Emva kwabo kwalandela isizukulwana (esingcolileyo) esaba nelifa lesiBhalo. Kodwa sasuka (esi sizukulwana) sazikhethela izinto zobomi beli phakade (abantu baso) besithi: “Siya kuxolelwa thina (ngabo bonke ubugwenxa esibenzileyo).” Kananjalobathixa(bephinda) bedibananezintoezikukungcola (zeli hlabathi abazithandayo) baphinde bazenze [kwakhona. (Kanti)], kwakungathatyathwanga mnqophiso weNcwadi na nabo wokuba abayi kuthetha nantoni na ngoAllâh ngaphandle kwenyaniso? Kodwa babekufundile nje okungaphakathi kuyo (iNcwadi). Ke lona ikhaya loBomi oBuzayo lilona lingcono kwabo bangamalungisa (ukuba) niyaqonda phofu

Verse 170 — Surah Al-Araf 7:170

Ke bona abo babambelela baqine eNcwadini, (benze iimfundiso zayo), benze iSalâh, Inene Asinakuze Siwulahle umvuzo wabo benza imisebenzi yobulungisa

Verse 171 — Surah Al-Araf 7:171

Nikhumbule kananjalo ukuba Sanyusa intaba phezu kwabo yange ngathi luphahla, babecinga ukuba iza kuwa phezu kwabo; Sathi thina: “Bambelelani niqine koko Sininike kona, nikhumbule okungaphakathi apho khon’ukuze noyike uAllâh niMthobele Yena

Verse 172 — Surah Al-Araf 7:172

Yabonani Yathi iNkosi yakho Isakukhupha imbewu kubantwana baka-Adam ezinqeni zabo, Yabenza (iNkosi yabo) bangqina ngokwabo (Isithi) AndiyoNkosi yenu na? Bathi bona: “Ewe! Siyangqina Thina,” (kuba hleze nithi ngeMini yomGwebo, “Inene thina besingazi nto ngako oku.”)

Verse 173 — Surah Al-Araf 7:173

Kungenjalo hleze nithi: “Yayingoobawo bethu mandulo kuphela abathabatha amahlulelane bawanqula noAllâh, thina siyinzala eyavela emva kwabo; Ingaba Uya kusohlwaya na ngenxa yezenzo zabantu ababelandela ubuxoki?”

Verse 174 — Surah Al-Araf 7:174

Sizicacisa kanjalo ke iiVesi ngengcombolo, khon’ukuze babuye (beze enyanisweni)

Verse 175 — Surah Al-Araf 7:175

Bacengcelezele (Muhammad) ibali lalowo Samnika imiqondiso yeThu, kodwa wasuka wayijula kude yena; Waza uShaytân wamlandela waba ngomnye wabo balahlekileyo

Verse 176 — Surah Al-Araf 7:176

Ukuba Sasithandile, ngeSamphakamisayo ngayo (imiqondiso leyo) kodwa yena wasuka wabambelela ehlabathini, walandela iinkanuko zakhe ezingento yanto. Ke kaloku umzekeliso wakhe ngumzekeliso wenja: ethi (xa uyigxotha ijingise ulwimi lwayo ngaphandle okanye uyiyeke, ibe isajingisa ulwimi lwayo ngaphandle). Lowo ngumzekeliso wabantu abala iiVesi zeThu. Babalisele amabali ke ngoko kuba hleze baqiqe

Verse 177 — Surah Al-Araf 7:177

Mbi (kanobom) umzekeliso wabantu abaphika iiVesi zeThu besenza ububi eziqwini zabo

Verse 178 — Surah Al-Araf 7:178

Abo bakhokelelwe nguAllâh, bakhokelelekile, ukanti abo Ababeke ekulahlekeni abo ngabalahlekelwa

Verse 179 — Surah Al-Araf 7:179

Kananjalo inene, Thina Sidale uninzi lweejinn nabantu sibadalela isiHogo. Bona baneentliziyo abangaqiqi nto ngazo, banamehlo abangaboni nto ngawo, baneendlebe abengeva nto ngazo. Banjengeenkomo, ewe, balahleke nangaphezulu kunazo; bona, bangabangaphulaphuliyo

Verse 180 — Surah Al-Araf 7:180

(Onke) amagama amahle ngaka-Allâh, ke kaloku bizani kuYe ngawo, nizikhwebule kwiimbutho zabo baphika amagama aKhe. Bona baza kubuyekezwa ngoko bakwenzayo

Verse 181 — Surah Al-Araf 7:181

Kananjalo phakathi kwabo Sibadalileyo kukho abantu abakhokelela (abanye) enyanisweni, bamisele ubulungisa ngayo

Verse 182 — Surah Al-Araf 7:182

Abo bala iiVesi zeThu, Siya kumana Sibahlasela, ngesohlwayo ngeendlela abangazicingi nokuzicinga

Verse 183 — Surah Al-Araf 7:183

Mna Ndibanika ixeshana; Inene isicwangciso saM sinamandla

Verse 184 — Surah Al-Araf 7:184

Kanti abaqondi na? Akukho kuphambana kuwabo (uMuhammad). Yena nguMlumkisi ocace gca

Verse 185 — Surah Al-Araf 7:185

Abaqwalaseli na kulongamelo lwamazulu nomhlaba nakuzo zonke ezinye izinto uAllâh Azidalileyo; kwanokuba kusenokwenzeka ukuba isiphelo sobomi bazo sele sikufutshane. Nguwuphi omnye uMyalezo emva kwalo abaza kukholwa kuwo

Verse 186 — Surah Al-Araf 7:186

Lowo uAllâh Amlahlekisileyo akukho bani unokumkhokela kananjalo Yena ubayeka bafathule ngobumfama ekugabadeleni kwabo

Verse 187 — Surah Al-Araf 7:187

Bakubuza ngeYure10 ukuba liya kuba nini na ixesha lenzaliseko yayo. Yithi wena: “Ulwazi loko luseNkosini yam, akukho mntu unokulityhila ixesha layo ngaphandle kwaKhe. Hayi ubunzima bomthwalo wayo ukususela emazulwini kuse emhlabeni. Ayiyi kufika kuni ngaphandle (kokufika) ngequbuliso.” Babuza kuwe ngokungengathi unolwazi olungcono ngayo. Yithi: “Ulwazi ngayo lukuAllâh (Yedwa) kodwa uninzi lwabantu alwazi nto.”

Verse 188 — Surah Al-Araf 7:188

Yithi (Muhammad): “Mna andinamandla akuzinceda nakuzonzakalisa ngaphandle koko uAllâh Akuvumeleyo. Ukuba bendinalo ulwazi lokungabonwayo, ngesele ndaziqokelelela imfumba yobutyebi kwaye bekungayi kubakho bubi bunokundihlela. Mna, kuphela ndinguMlumkisi nomzisi weendaba ezilungileyo kubantu abakholwayo.”

Verse 189 — Surah Al-Araf 7:189

NguYe Odale nina ngesiqu somntu omnye, Waza Wadala umfazi wakhe emkhupha kwakuye khon’ukuze onwabele uvuyo lokuhlala naye. Wathi esakwabelana naye ngesondo, wamitha wathwala umthwalo (lowo) ngokulula, kodwa wathi usakuya ubanzima (umthwalo) bathandaza kuAllâh iNkosi yabo bobabini (bathi): “Ukuba Ungasipha umntwana onyulu, siya kuba ngabanye babo banombulelo (kuWe).”

Verse 190 — Surah Al-Araf 7:190

Kodwa wathi Esakubapha umntwana onyulu, basuka bayamanisa amahlulelane11 kuYe (uAllâh) malunga noko Abaphe kona. Uphakamile Yena, Mkhulu Ungentla kwako konke oko bakwayamanisa naYe njengamahlulelane

Verse 191 — Surah Al-Araf 7:191

Ingaba babenza amahlulelane ka-Allâh na abo kungekho nto bayidalayo kodwa ingabo abadaliweyo

Verse 192 — Surah Al-Araf 7:192

Akukho luncedo banokubanika lona, bengekhe bazincede kwabona buqu

Verse 193 — Surah Al-Araf 7:193

Xa nibabizela kwisiKhokelo abanilandeli. Kuyafana kubo nokuba ungababiza okanye uthule cwaka

Verse 194 — Surah Al-Araf 7:194

Abo nibiza kubo ngaphandle koAllâh zizicaka nabo njengani. Bizani ke ngoko kubo baniphendule ukuba ninenyaniso

Verse 195 — Surah Al-Araf 7:195

Ingaba banazo iinyawo zokuhamba? Okanye banazo izandla zokubamba? Okanye banawo amehlo okubona okanye banazo iindlebe zokuva? Yithi (Muhammad) “Bizani loo mahlulelane enu, nakugqiba niqulunqe ngam, ningandimeli nokundimela!”

Verse 196 — Surah Al-Araf 7:196

Inene owam uMkhuseli nguAllâh, Othumele iNcwadi kwaye Yena Uyawakhusela amalungisa

Verse 197 — Surah Al-Araf 7:197

“Ke bona abo nibiza kubo ngaphandle kwaKhe abanako ukuninceda bengekhe bazincede kwabona buqu.”

Verse 198 — Surah Al-Araf 7:198

Xa nibabizela kwisiKhokelo, abeva, usuke ubabone bekuthe ndla ngamehlo, kodwa bengaboni

Verse 199 — Surah Al-Araf 7:199

Bonakalisa inceba (kubo), uyalele okulungileyo, uzikhwebule kwabazizidenge

Verse 200 — Surah Al-Araf 7:200

Ke kaloku xa umsebezi wokungcolileyo ekufikela evela kuShaytân, cela ukhuseleko ngoAllâh. Inene Yena nguSokuva, uSolwazi

Verse 201 — Surah Al-Araf 7:201

Inene abo bamoyikayo uAllâh, xa befikelwa yingcinga engcolileyo isuka kuShaytân, baye bakhumbule uAllâh baze emva koko babone (okuyinyaniso)

Verse 202 — Surah Al-Araf 7:202

Kodwa bona abantakwabo bagaxeleka (bangene) nzulu ekulahlekeni, yaye abapheleli kufutshane

Verse 203 — Surah Al-Araf 7:203

Kwaye ukuba awuzi nammangaliso kubo, bathi: “Kutheni ungezi nawo nje?” Yithi wena: “Mna ndilandela oko kutyhilwa kum kuvela eNkosini yam.” Le (‘Kur’ân) ayinto yimbi ngaphandle kokuba bubungqina obuvela eNkosini yenu, isisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo

Verse 204 — Surah Al-Araf 7:204

Ke kaloku xa icengcelezwa i’Kur’ân, yiphulaphuleni, nizole cwaka khon’ukuze nizuze ukwenzelwa inceba

Verse 205 — Surah Al-Araf 7:205

Yikhumbuleni iNkosi yenu ngaphakathi kuni ngentobeko nangoloyiko ngamazwi angakhwaziyo ekuseni, nangenjikalanga kananjalo musani ukuba ngabo bangenankathalo

Verse 206 — Surah Al-Araf 7:206

Inene abo bakunye neNkosi yakho abakhe bakukhukhumalele ukwenza izenzo zonqulo kuYo, koko bayaYizukisa Yona ngeendumiso zaYo, baqubude phambi kwaYo