Back to LanguagesPrevious ChapterNext Chapter
Xhosa - Chapter 72 - Al-Jinn
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink
Verse 1 — Surah Al-Jinn 72:1
Yithi (Muhammad), “Kuye kwatyhilwa kum okokuba iqela leejinni1 liye laphulaphula (ucengcelezo lwe’Kur’ân), lathi; “Inene thina sive i’Kur’ân engummangaliso
Verse 2 — Surah Al-Jinn 72:2
Ikhokelela eNdleleni elungileyo, kananjalo sikholiwe thina kuyo yaye asisayi kwayamanisa namnye eNkosini yethu
Verse 3 — Surah Al-Jinn 72:3
Kananjalo (yona ifundisa okokuba) Osenyangweni ngoYena UyiNkosi yethu Ehloniphekileyo; Yena Akathabathanga mfazi nanyana
Verse 4 — Surah Al-Jinn 72:4
Ke kaloku osisidenge phakathi kwethu (uSathana) ebekade ethetha ugabadelo olubi ngoAllâh
Verse 5 — Surah Al-Jinn 72:5
Ukanti thina besihleli sicinga okokuba abantu neejinni azimelanga kuthetha buxoki ngoAllâh
Verse 6 — Surah Al-Jinn 72:6
Kananjalo bekukade kukho ebantwini abo bafuna ukhuseleko kwiiJinni, zona ke zabongezelela ubudenge kuphela
Verse 7 — Surah Al-Jinn 72:7
Nazo bezicinga kanye njengoko benicinga zisithi uAllâh Akanakuze Athumele bani (ukuba abe nguMthunywa)
Verse 8 — Surah Al-Jinn 72:8
Kananjalo thina sazama ukuya ezulwini kodwa sasuka salifumana lizeliswe ngabalindi abanamandla namadangatya avuthayo
Verse 9 — Surah Al-Jinn 72:9
Ke kaloku thina sasidla ngokuncathama kwimimandla yezulu ukuya (kubisa) siphulaphule kodwa ophulaphulayo ngoku uya kufumana idangatya lomlilo limlalele
Verse 10 — Surah Al-Jinn 72:10
Kananjalo asazi nokuba kokungcolileyo na oko kuza kuhlela abo basemhlabeni, singazi nokuba iNkosi yabo Isingisele ekubabekeni eNdleleni elungileyo na
Verse 11 — Surah Al-Jinn 72:11
Bakhona abangamalungisa phakathi kwethu, babe abanye bengenjalo, singamaqela aneendlela ezahlukeneyo
Verse 12 — Surah Al-Jinn 72:12
Kananjalo sicinga ukuba asinako ukusiphepha isohlwayo sika-Allâh emhlabeni, singekhe siMphephe nangokubhabha
Verse 13 — Surah Al-Jinn 72:13
Ke kaloku thina ukusiva kwethu isikhokelo siye sakholwa kuso. Ke kaloku lowo ukholwa eNkosini yakhe akayi kuba naloyiko lwasinciphiso somvuzo wezenzo zakhe ezilungileyo okanye ukongezelelwa kwesohlwayo sezono zakhe
Verse 14 — Surah Al-Jinn 72:14
Kananjalo phakathi kwethu kukho abangamaMuslim kuze phakathi kwethu kubekho ama’kâsit (abangakholwayo), abo bamkele i-Islam, abanjalo bazifumanele iNdlela elungileyo.”
Verse 15 — Surah Al-Jinn 72:15
Ke wona ama’kâsit aya kuba ziinkuni zesiHogo
Verse 16 — Surah Al-Jinn 72:16
Ukuba ngaba bona (abangakholwayo) bebenokukholwa kuAllâh, bahambe eNdleleni elungileyo, beSiza kubapha indyebo yamanzi (imvula)
Verse 17 — Surah Al-Jinn 72:17
Ukuze Sibalinge ngawo. Ngoko ke lowo ukreqayo kwinkumbulo yeNkosi yakhe [i’Kur’ân, (iNkosi yakhe)] Iya kumenza angene kwisohlwayo esibuhlungu
Verse 18 — Surah Al-Jinn 72:18
Kananjalo Yona (Ityhile) okokuba iimasjid zezika-Allah, ngoko ke musani ukunqula wumbi (kuzo)
Verse 19 — Surah Al-Jinn 72:19
Ke kaloku ukuphakama kwesiCaka sika-Allâh (uMuhammad) sinqula iNkosi yaso emthandazweni, zona (iijinni) zenza isangqa ziyinyambalala zingathi enye ikhwele phezu kwenye (ukuza kuphulaphula)
Verse 20 — Surah Al-Jinn 72:20
Yithi (Muhammad): “Mna ndinqula iNkosi yam (kuphela) yaye andayamanisi mahlulelane kuYo.”
Verse 21 — Surah Al-Jinn 72:21
Yithi: “Akukho phantsi kwagunya lam ukuba nihlelwe bu bubi, okanye ukuningenisa eNdleleni elungileyo.”
Verse 22 — Surah Al-Jinn 72:22
Yithi (Muhammad): “Akukho namnye ongandikhusela kwisohlwayo sika-Allâh, ndingeze ndifumane lukhuseleko ngaphandle kwakuYe
Verse 23 — Surah Al-Jinn 72:23
Okwam kukuvakalisa okuvela kuAllâh nomyalezo waKhe. Nabani na lowo ungaMthobeliyo uAllâh noMthunywa waKhe, inene okwakhe lowo nguMlilo wesiHogo, uya kuhlala apho ngonaphakade.”
Verse 24 — Surah Al-Jinn 72:24
(Abayi kukholwa) de babone oko babethenjiswe ngako, baya kwazi ngoko ke ukuba ngubani na kanye ekungekho yakhe ngokubhekiselele kubancedisi, noyena ungento yanto mayela nenani (labancedisi)
Verse 25 — Surah Al-Jinn 72:25
Yithi (Muhammad): “Mna andazi nokuba oko nithenjiswe ngako sele kukufuphi na nokuba iNkosi yam Iya kukubekela ixesha elide kusini na
Verse 26 — Surah Al-Jinn 72:26
Yena Yedwa (uAllâh) nguSolwazi wokungabonwayo kwaye Akakubonisi nabani na okungabonwayo kwaKhe.”
Verse 27 — Surah Al-Jinn 72:27
Ngaphandle kwalowo Athande (ukumbonisa) kubaThunywa baKhe, Inene Yena Uthumela phambi kwakhe (umthunywa lowo waKhe) nasemva kwakhe abakhi-mkhanyo
Verse 28 — Surah Al-Jinn 72:28
(Yena uAllâh) Uyabakhusela (abaThunywa baKhe) Ade Abone okokuba bona (abaThunywa) bayivakalisile imiyalezo yeNkosi yabo (uAllâh), kwanokuba Yena Ugubungele konke oko kukunye nabo kwaye Yena (uAllâh) Ubala izinto zonke