Back to LanguagesPrevious ChapterNext Chapter
Xhosa - Chapter 83 - Al-Mutaffifin
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink
Verse 1 — Surah Al-Mutaffifin 83:1
Yeha kwabo banobuqhetseba
Verse 2 — Surah Al-Mutaffifin 83:2
Abo bathi xa kufuneka befumene into kwabanye abantu, bafune umlinganiselo ozeleyo
Verse 3 — Surah Al-Mutaffifin 83:3
Kodwa xa kufuneka ibe ngabo amabanike abanye abantu umlinganiselo onguwo, suke bona babanike omncinane kunofanelekileyo
Verse 4 — Surah Al-Mutaffifin 83:4
Abacingi na ukuba baza kuphinda bavuswe (baxoxiswe)
Verse 5 — Surah Al-Mutaffifin 83:5
NgoMhla oMkhulu
Verse 6 — Surah Al-Mutaffifin 83:6
UMhla abaya kuthi bonke abantu bame phambi kweNkosi yamazwe
Verse 7 — Surah Al-Mutaffifin 83:7
Yeha inene, imibhalo yezenzo zabangcolileyo igcinwe kwi- Sijjîn
Verse 8 — Surah Al-Mutaffifin 83:8
Yintoni na enokukucacisela okokuba iyintoni na iSijjiîn
Verse 9 — Surah Al-Mutaffifin 83:9
YiNcwadi ebhaliweyo
Verse 10 — Surah Al-Mutaffifin 83:10
Yeha kwabo baphikayo ngaloo Mini
Verse 11 — Surah Al-Mutaffifin 83:11
Abo baphika iMini yoMgwebo
Verse 12 — Surah Al-Mutaffifin 83:12
Akakho oyiphikayo ngaphandle komoni ogabadeleyo
Verse 13 — Surah Al-Mutaffifin 83:13
Lowo uthi xa efundelwa iziTyhilelo zeThu athi: “Ziintsomi zamandulo”
Verse 14 — Surah Al-Mutaffifin 83:14
Nakanye! (Banongcoliseko) lomhlwa ezintliziyweni zabo ngenxa yezenzo zabo
Verse 15 — Surah Al-Mutaffifin 83:15
Inene baya kusithwa bangayiboni iNkosi yabo ngaloo Mini
Verse 16 — Surah Al-Mutaffifin 83:16
Kwakhona, inene baya kuphoswa eMlilweni wesiHogo
Verse 17 — Surah Al-Mutaffifin 83:17
Yaye kuya kuthiwa (kubo): “Le yilaa (nyaniso) naniyiphika!”
Verse 18 — Surah Al-Mutaffifin 83:18
Inene iiNcwadi zezenzo zamalungisa zigcinwe kwi- ‘Iliyyûn
Verse 19 — Surah Al-Mutaffifin 83:19
Yintoni na enokukucacisela okokuba iyintoni na i-’Iliyyûn
Verse 20 — Surah Al-Mutaffifin 83:20
YiNcwadi ebhaliweyo
Verse 21 — Surah Al-Mutaffifin 83:21
Engqinwa ngabasondele kuAllâh
Verse 22 — Surah Al-Mutaffifin 83:22
Inene amalungisa aya kuba selonwabeni
Verse 23 — Surah Al-Mutaffifin 83:23
Ehleli ezihlalweni eziphakamileyo, emana ukujonga-jonga, (ebukela ubuhle bezinto eziseMyezweni)
Verse 24 — Surah Al-Mutaffifin 83:24
Uya kubona inkazimlo yochulumanco ebusweni bawo
Verse 25 — Surah Al-Mutaffifin 83:25
Unxano lwawo luya kuqatyulwa ngewayini enyulu, etywiniweyo
Verse 26 — Surah Al-Mutaffifin 83:26
Etywina layo liziziqholo zeMisk1: Nantsi ke into abanomnqweno abanokukhuphisana ngayo
Verse 27 — Surah Al-Mutaffifin 83:27
Ixutywe namanzi omthombo weTasnîm. okwabo iya kuba ngumvuzo ongasokuze ube nasiphelo
Verse 28 — Surah Al-Mutaffifin 83:28
Umthombo ekusela kuwo abo bakufuphi no Allâh
Verse 29 — Surah Al-Mutaffifin 83:29
Inene, aboni babedla ngokubahleka abo bakholwayo
Verse 30 — Surah Al-Mutaffifin 83:30
Ngalo lonke ixesha begqitha ecaleni kwabo (bakholwayo), baqobelane amehlo (begculela)
Verse 31 — Surah Al-Mutaffifin 83:31
Bathi bakufika kumawabo benze intlekisa
Verse 32 — Surah Al-Mutaffifin 83:32
Baze bathi lonke ixesha xa bebabona bathi: “Yabonani! Aba bantu balahlekile ngenene!”
Verse 33 — Surah Al-Mutaffifin 83:33
Ukanti babengathunywanga ukuba babe ngabalondolozi babo
Verse 34 — Surah Al-Mutaffifin 83:34
Ngale Mini ngabakholwayo abaya kuba behleka abangakholwayayo
Verse 35 — Surah Al-Mutaffifin 83:35
Behleli ezihlalweni (ezimfuma-mfuma), eziphakamileyo, bejonga-jonga
Verse 36 — Surah Al-Mutaffifin 83:36
Abamelanga kubuyekezwa na abangakholwayo ngoko bakwenzayo