Back to Languages

    Xhosa - Chapter 14

    Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

    Verse 1

    Alif-Lâm-Râ. Le yiNcwadi eSiyityhile kuwe (Muhammad) khon’ukuze ube nokukhokelela abantu baphume ebumnyameni bangene ekukhanyeni ngeMvume yeNkosi yabo, babe seNdleleni kaSomandla, uMnini weendumiso zonke

    Verse 2

    UAllâh lowo konke okusemazulwini ikokwaKhe nako konke okusemhlabeni! Yeha kwabangakholwayo kwisohlwayo esibuhlungu

    Verse 3

    Abo bakhetha ubomi beli hlabathi kunoBuzayo. Bathintele nabantu eNdleleni ka-Allâh (i-Islam), bafune ubugosogoso kuyo bona balahleke bakude lee

    Verse 4

    Kananjalo aSizanga Sithumele Mprofeti, Singamthumeli ngolwimi lwabantu bakubo, khon’ukuze enze umyalezo ucace kubo. Ke kaloku uAllâh Ulahlekisa lowo Athande ukumlahlekisa, Akhokele lowo Athande ukumkhokela. Yena nguSomandla, uSobulumko

    Verse 5

    Inene Sathumela uMûsâ nemiqondiso yeThu, (Sathi): “Khupha abantu bakuni ebumnyameni ubangenise ekukhanyeni, ubakhumbuze ngamabali eziganeko zika- Allâh. Inene apho kukho imiqondiso, kuye wonke umntu onomonde, onombulelo.”

    Verse 6

    Kananjalo wathi uMûsâ esakuthi kubantu bakubo: “Khumbulani iiMfefe zika-Allâh kuni, xa Wanisindisayo kubantu bakwaFir`awn ababenithuthumbisa ngesohlwayo esibuhlungu, begwinta oonyana benu bashiye abasetyhini benu bephila; ke kaloku olo yayiluvavanyo olukhulu oluvela eNkosini yenu

    Verse 7

    Yabonani! INkosi yenu Yathi: “Ukuba niyawenza umbulelo (kuM), Mna Ndiya (kunibabala) ngakumbi, kodwa ukuba anibuleli, inene isohlwayo saM sibuhlungu kanobom.”

    Verse 8

    Kananjalo uMûsâ wathi: “Ukuba anikholwa nina nabo bonke abantu ehlabathini, inene Yena uAllâh UsisiTyebi, UnguMnini wazo zonke iindumiso

    Verse 9

    Ingaba iindaba azifikanga na kuni, ezabo babengaphambili kunani, abantu bakwaNûh Nabakwa’Ad nabakwaThamûd? Nabo basemva kwabo? Akukho namnye obaziyo ngaphandle koAllâh. Kubo kweza abaProfeti babo benemiqondiso ecacileyo, kodwa babeka izandla zabo emilonyeni yabo, bathi: “Inene thina asikholwa koko nina nikuthunyiweyo yaye sikuthandabuza ngamandla oko nisimemela kuko nina (kuyi-Islam).”

    Verse 10

    AbaProfeti babo bathi: “(Nithini na!) Ingaba nineentandabuzo ngoAllâh, uMdali wamazulu nomhlaba? Yena Unibizela (ekuMthobeleni) khon’ukuze Anixolele izono zenu, Aze kananjalo Asirhoxise isohlwayo kuni, Asirhoxisele ixesha elimisiweyo.” Bathi bona: “Nina akukho nto niyiyo ngaphandle kokuba ngabantu abafana nathi! Nina nifuna ukusisusa koko oobawo bethu babekunqula. Yizani negunya elicacileyo kaloku.”

    Verse 11

    AbaProfeti bathi kubo: “Asiyinto yimbi thina ngaphezu kokuba ngabantu njengani kodwa uAllâh Uthoba uBabalo lwaKhe kulowo Athande ukuluthoba kuye kwizicaka zaKhe. Ayikokwethu ukuba size nomqondiso kuni ngaphandle kwemvume ka-Allâh. Kananjalo amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh

    Verse 12

    Singathini na ukungabeki ithemba lethu kuAllâh Esakuba Esikhokelele kwiindlela zethu? Yaye inene thina siya kubunyamezela ngomonde bonke ububi eniya kusenza bona, ke bona abo bakholwayo mababeke ithemba labo kuAllâh.”

    Verse 13

    Abo bangakholwayo bathi kubaProfeti babo: “Inene thina siya kunigxotha, sinikhuphe ezweni lethu kungenjalo niya kubuyela enkolweni yethu.” Ke kaloku iNkosi yabo (abaProfeti) yatyhila kubo (yathi): “Inene Thina Siza kubatshabalalisa abagabadeli.”

    Verse 14

    Kananjalo Thina Siza kwenza nina ukuba ibe nini abaza kulihlala (eli) lizwe emva kwabo. Oku kokwalowo woyika ukuma phambi kwaM (ngoMhla woVuko), esoyika nesilumkiso saM.”

    Verse 15

    Ke kaloku abaProfeti bafuna uloyiso noncedo eNkosini yabo (uAllâh), baza bonke abaqaqadeki nabaneenkani, nezikhukhumali ezingoozwilakhe, baba selahlekweni nasentshabalalweni

    Verse 16

    Phambi kwakhe (nawuphi na osisikhukhumali somgabadeli) sisiHogo, yaye uya kwenziwa ukuba asele amanzi abilayo agxwabhazelayo

    Verse 17

    Uya kuwasezwa engafuni, yaye uya kufumana ubunzima obukhulu ukuwaginya ehle ngomqala wakhe, kwaye ukufa kuya kuza kuye kuvela macala onke, kodwa akayi kufa yaye phambi kwakhe iya kuba sisohlwayo esikhulu

    Verse 18

    Umzekeliso wabo bangakholwayo eNkosini yabo, kukuba imisebenzi yabo ifana nothuthu, oluvuthuzwa ngumoya ngamandla ngemini enesichotho. Abayi kukufumana oko bakusebenzelayo. Oko kukulahleka (okwababeka) kude lee (eNdleleni ethe Tye)

    Verse 19

    Aniboni na ukuba uAllâh Wadala amazulu nomhlaba ngenyaniso? Ethanda Anganisusa Avelise indalo entsha (esikhundleni senu)

    Verse 20

    Kananjalo oko kuAllâh akunzimanga

    Verse 21

    Ke kaloku baza kuvela bonke phambi koAllâh (ngoMhla wokuGqibela); baze abo babengenamandla bathi kwabo babekhukhumele (abangabalawuli): “Inene thina sasilandela nina; ingaba ningasinceda nokuba kungantoni na ngo- kuchasene nesohlwayo sika-Allâh?” Baza kuthi bona: “Ukuba uAllâh Wayesikhokele thina, ngesasinikhokele nani. Akuyi kubakho mahluko kuthi (ngoku) nokuba singabhabhazela (ngumsindo) okanye sinyamezele (isohlwayo) ngomonde; akukho ndawo esinokuzifihla kuyo.”

    Verse 22

    Kwaye uShaytân uza kuthi usakuba umcimbi kufikelelwe esigqibeni ngawo, athi: “Inene nina uAllâh Wanithembisa isithembiso esiyinyaniso, kanti nam ndanithembisa, kodwa mna ndiningcatshile. Mna ndandingenagunya phezu kwenu ngaphandle kokuba mna ndandinibiza nize nina nisabele kum. Ke kaloku musani ukugxeka mna, zigxekeni nina, andinakuninceda nganto mna, kanti nani aninakundinceda nganto. Mna ndiyasiphika isenzo senu enasenzayo sokundayamanisa mna (Shaytân) nindenze ihlulelane lika- Allâh (ngokundiphulaphula)”. Inene sikhulu isohlwayo sabagabadeli (abenzi bezono)

    Verse 23

    Ke bona abo bakholwayo, benza izenzo zobulungisa, baya kungeniswa eMiyezweni ekumpompoza amanzi phantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade ngeMvume yeNkosi yabo. Umbuliso wabo apho uya kuba kukuthi: ‘Salâm’ (uxolo)

    Verse 24

    Awuboni na ukuba uAllâh Uwenza njani na umzekeliso? Ilizwi elilungileyo elinjengomthi olungileyo, ongcambu zawo zimile zaqina nkqi, amasebe awo aye kufika esibhakabhakeni

    Verse 25

    (Lo mthi) unika iziqhamo zawo maxa onke, ngeMvume yeNkosi yawo, ke kaloku, uAllâh Wenzela abantu imizekeliso khon’ukuze bakhumbule

    Verse 26

    Ke wona umzekeliso welizwi elingcolileyo unjengomthi ongcolileyo, oncothuliweyo ebusweni bomhlaba, ongenasizinzo

    Verse 27

    UAllâh Uza kubaqinisa abo bakholwayo, ngelizwi eliya kuma liqine kweli hlabathi, nakuBomi oBuzayo. Kananjalo uAllâh Uza kwenza kulahlekelwe abo bangabenzi bobubi, yaye uAllâh Wenza Athande ukukwenza

    Verse 28

    Awubabonanga na abo baguqule intsikelelo ka-Allâh bayenza ukungakholwa, benza abantu bakubo ukuba bahlale kwikhaya lentshabalalo

    Verse 29

    EsiHogweni kulapho baza kutsha khona, enjani yona ukungcola indawo yokulala

    Verse 30

    Kananjalo benzela uAllâh abavukeli, ukulahlekisa (abantu) endleleni yaKhe! Yithi (kubo): “Yonwabelani (ubonyana benu obufutshane)! Kodwa inene isiphelo sohambo lwenu siseMlilweni.”

    Verse 31

    Yithi (kwakhona) kubakhonzi baM, “Abakholiweyo, mabenze iSalâh, banikele kumalizo kwimbonelelo eSibaphe yona, emfihlakalweni okanye ekuhleni, ingekafiki iMini ekungayi kubakho ntengiselwano nabutshomi (ngayo).”

    Verse 32

    UAllâh nguYe Odale amazulu nomhlaba nothumela amanzi (emhlabeni) evela esibhakabhakeni Aze ngawo lawo Avelise iziqhamo ukuba zibe yimbonelelo yenu, Wenza iinqanawa kananjalo ukuba zibe luncedo kuni; ngokuthi ziwize (zidade) zinqumle ulwandle ngoMyalelo waKhe, Wenza nemilambo ukuba ibe luncedo kuni

    Verse 33

    Wenze ilanga nenyanga ukuba zombini zilandele iindlela zazo rhoqo, (khon’ukuze zibe luncedo kuni), kananjalo Wenze ubusuku nemini ukuba zibe luncedo kuni

    Verse 34

    Waphinda Waninika konke oko nikucelayo, ke kaloku ukuba ningazibala iintsikelelo zika-Allâh anisokuze nikwazi ukuzibala. Inene umntu ngumenzi wobugwenxa wokwenene, akakholwa

    Verse 35

    Yabonani uIbrâhîm wathi: “O Nkosi yam! Yenza esi sixeko (iMakkah) ibe sisixeko soxolo nokhuseleko, Undigcine mna noonyana bam kude nokunqula izithixo (izinyanya njl-njl)

    Verse 36

    “O Nkosi yam! Inene bona bakhokelele abantu abaninzi ekulahlekeni, kodwa lowo ulandela mna inene yena uya kuba ungowam, ke lowo ungandithobeliyo. Wena Uya kuhlala UnguMxoleli, uSozinceba

    Verse 37

    O Nkosi yethu! Mna ndenze enye yenzala yam ukuba ihlale entilini engalinywayo, ngaseNdlwini yaKho eNgcwele (iKa’bha) khona ukuze bona Nkosi yethu bakwazi ukwenza iSalâh. Ke kaloku zalisa iintliziyo zabathile kubantu ngothando mayela nabo. Kananjalo Wena babonelele ngeziqhamo khon’ukuze banike umbulelo (kuWe)

    Verse 38

    O Nkosi yethu! Inene Wena Wazi esikufihlayo nesikuvezayo. Akukho nto emhlabeni, nasezulwini efihlakeleyo (kuWe) Allâh

    Verse 39

    Iindumiso zonke nemibulelo zifanele uAllâh. Ondiphe uIsmâ`îl ebudaleni bam noIs-hâ`k. Inene! INkosi yam ngokwenene Yona nguMphulaphuli wemithandazo

    Verse 40

    O Nkosi yam! Ndenze ndibe ngumntu owenza iSalâh, nenzala yam, Nkosi yethu yamkela umthandazo wam

    Verse 41

    Nkosi yethu ndixolele mna nabazali bam, nawo onke amakholwa ngomhla wokumiselwa kwamatyala.”

    Verse 42

    Musani ukucinga ukuba uAllâh Akakwazi oko kwenziwa ngabenzi bobubi koko Ubarhoxisela isohlwayo kude kube yiloo Mini amehlo aza kujama (athi nta) ngenxa yexhala

    Verse 43

    Bengxamele phambili iintamo bezirhole (ziyiminkabankaba), iintloko ziqwanyele phezulu, ukubona kwabo kungabuyeli kubo neentliziyo sele zingamaphanga

    Verse 44

    Ke wena (Muhammad) lumkisa abantu ngeMini isohlwayo esiya kubafikela; baze ngoko abenzi bobubi bathi: “Nkosi yethu! Khawusirhoxisele isohlwayo okwethutyana, siya kulusabela ubizo lwaKho, sibalandele nabaThunywa [baKho!” (kuze kuthiwe kubo)]: “Akwaba naningazanga nifunge mandulo okokuba anisokuze nishiye (ihlabathi ngenxa yoBomi oBuzayo)

    Verse 45

    “Yaye nina nanihlala kwiindawo zabo bazona imiphefumlo yabo, kananjalo kwakucacile kuni ukuba Saye Senza njani na ngabo. Yaye Thina Sinenzele imizekeliso (emininzi)”

    Verse 46

    Inene baqulunqa iyelenqe labo bona, ukanti iyelenqe labo laba kuAllâh, nangona iyelenqe labo lalingelilo elinokususa iintaba ezindaweni zazo

    Verse 47

    Musani ukucinga ukuba uAllâh Uza kusilela ukuzalisekisa isithembiso, saKhe kubaProfeti baKhe inene uAllâh nguSomandla, Okwaziyo ukuthabatha impindezelo

    Verse 48

    NgeMini ihlabathi liya kuguqulwa libe lelinye ihlabathi, kube njalo nasemazulwini, zize (izidalwa zonke) zivele phambi koAllâh, Omnye, Ongenakuphikiswa

    Verse 49

    Nize nibabone abenzi bobubi (bebotshelelwe ndaweninye ngamatyathanga)

    Verse 50

    Izambatho zabo ziya kuba mnyama thsu, ukanti uMlilo uya kubagquma ubuso babo

    Verse 51

    Khon’ukuze uAllâh Abuyekeze umntu ngamnye ngoko akusebenzeleyo. Inene uAllâh Uyakhawuleza ngesohlwayo

    Verse 52

    (Le ‘Kur’ân) nguMyalezo ebantwini khon’ukuze balumkiseke ngayo, ukuze kananjalo bazi okokuba Yena (uAllâh) nguYe Yedwa uThixo, ukuze nabantu bengqiqo bathabathe ingqalelo