Back to Languages

    Xhosa - Chapter 3

    Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

    Verse 1

    Alif-Lâm-Mîm

    Verse 2

    UAllâh! Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, Ophila ngonaphakade, OnguMondli, Olondoloza izinto zonke

    Verse 3

    NguYe Owatyhila iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ngenyaniso, ingqina oko kwatyhilwa ngaphambili kunayo. Kananjalo Wathoba iTorah neInjîl (iVangeli)

    Verse 4

    Kwilixa elingaphambili, ukuba zibe sisiKhokelo eluntwini. Kananjalo Wathoba inqobo (yokwahlula phakathi kokulungileyo nokugwenxa). Inene abo bangakholwayo kwimiqondiso ka-Allâh siya kuba sikhulu isohlwayo sabo. Yaye uAllâh nguSomandla, Othabatha impindezelo

    Verse 5

    Inene akukho nto ifihlakeleyo kuAllâh, emhlabeni nasezulwini

    Verse 6

    NguYe Onibumbayo ezibelekweni nibe yiloo nto Athanda ukuba nibe yiyo. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, uSomandla, uSobulumko

    Verse 7

    NguYe Othumele kuwe isiBhalo (i’Kur’ân). Apho kuso kukho iiVesi ezicace gca, zona zisisiseko sesiBhalo kubekho nezinye ezintsonkothileyo. Kodwa abo bantliziyo zabo zineentandabuzo bafuna ezo zintsonkothileyo (kuba) bezama ukwenza iyantlukwano ngokufuna ukuzicacisa. Akukho bani uyaziyoingcacisoyazongaphandlekoAllâhnabobamilenzulu elwazini, abathi: “Siyakholwa kuyo (i’Kur’ân) yaye sikholwa kuyo yonke (iiVesi zayo ezicacileyo nezintsonkothileyo) zivela eNkosini yethu”. Yaye akukho mntu unokufumana ululeko ngaphandle kwabantu bengqiqo

    Verse 8

    (Bathi): “Nkosi yethu! Ungazenzi iintliziyo zethu ziphambuke emva kokuba sele Usinikile isiKhokelo, Senzele inceba evela kuWe. Inene Wena UnguSobubele

    Verse 9

    NguWe Nkosi yethu, Oza kuhlanganisela ndaweninye abantu bonke ngeMini leyo kungekho ntandabuzo ngayo. Inene uAllâh Azanga Wasaphula isithembiso saKhe.”

    Verse 10

    Inene abo bangakholwayo, ubutyebi babo nabantwana babo abuyi kubanceda nto ngokuchasene noAllâh; kwaye ngabo abaza kuba sisivuthisi soMlilo

    Verse 11

    Njengendlela yokuziphatha yabantu bakwaFir’awn nabo bangaphambili kubo, baziphika iiVesi zeThu, Waza uAllâh Wabatshabalalisa ngenxa yezono zabo, kwaye uAllâh Wohlwaya kabuhlungu

    Verse 12

    Yithi kwabo bangakholwayo: “Nina niza koyiswa niqundaniswe ndaweninye, nisiwe esiHogweni, Hayi ukubambi kwaloo ndawo yokuhlala”

    Verse 13

    Sele niwufumene umqondiso nina (maYuda) kwimikhosi emibini eyaqubisana (edabini). Omnye wawusilwa eNdleleni ka-Allâh, omnye wawungowabangakholwayo. (Umkhosi wabakholwayo) wabona ngawawo amehlo umkhosi wabangakholwayo (Umkhulu) ngokuphindwe kabini kunowabo. UAllâh Uxhasa lowo Amthandileyo ngoloyiso lwaKhe. Inene apha kule nto kukho isifundo kwabo babonayo

    Verse 14

    Okuhonjiswe kwakuhle emadodeni luthando lwezinto ezinqwenelekayo kuwo; abafazi, abantwana, igolide nesilivere eninzi, amahashe amahle anemitshiso. Iinkomo namasimi alinyisisiweyo, (konke) oku zizinto ezonwabisayo zeli hlabathi; kodwa Yena uAllâh Uneyona mbuyekezo intle (Ayigcine) kuYe

    Verse 15

    Yithi: “Ndinixelele ezona zinto zingcono kunezo? Okwamalungisa iya kuba yiMiyezo evela eNkosini yawo, ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, elo iya kuba likhaya labo lanaphakade, nabalingane abanyulu, uAllâh Uyazibona izicaka zaKhe”

    Verse 16

    Abo bathi: “Nkosi yethu! siyakholwa thina ngenene, sixolele izono zethu, Usisindise esohlwayweni soMlilo”

    Verse 17

    (Bona) bangabo banomonde, banyanisekileyo, banentobeko nokuzinikela ngokunyanisekileyo ekunquleni uAllâh. Abo banikela ngeZakâh namalizo eNdleleni ka-Allâh, nabo bathandaza bacele itarhu kuAllâh kwiyure yokugqibela yobusuku

    Verse 18

    UAllâh Uyangqina okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, kanti neengelosi, nabo banolwazi (banika ubungqina obukwanjalo). UAllâh Ulondoloza indalo yaKhe ngobulungisa. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, uSomandla, uSobulumko

    Verse 19

    Inene inkolo (eyamkelekileyo) kuAllâh yi-Islam. Abo babenikwe isiBhalo (amaYuda namaKhristu) azanga babe neyantlukwano, ngaphandle kokumonelana, emva kokuba ulwazi lwalusele lufikile kubo. Nabani na ongakholwayo kwiiVesi zika-Allâh, inene uAllâh Uyakhawuleza ukufaka (umntu) embuzweni

    Verse 20

    Ke ngoko ukuba bayakuphikisa yithi: “Mna ndizinikezele kuAllâh ndawonye nabo bandilandelayo”. Kananjalo yithi kwabo babenikwe isiBhalo nakwabo bangafundanga: “Ingaba nina niyazinikezela na kuAllâh?” Ukuba benza njalo, ke baya kuba bakhokelelekile eNdleleni eLungileyo, kodwa ukuba bathe bakreqa, owakho umsebenzi kukuvakalisa uMyalezo, uAllâh Uyazibona izicaka (zaKhe)

    Verse 21

    Inene abo bangakholwayo kwimiqondiso ka-Allâh babulale nabaProfeti ngokungekho lungelweni, babulale nabo (bantu) bayalela ukwenziwa kokulungileyo eluntwini, vakalisa isohlwayo esibuhlungu kubo

    Verse 22

    Bona bangabo imisebenzi yabo iya kulahleka kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo ukanti abayi kufumana bancedi

    Verse 23

    Awubabonanga na abo babenikwe inxalenye yesiBhalo? Bamenyelwa kwiNcwadi ka-Allâh ukuphelisa impikiswano, lasuka iqela labo lagwilika langabachasi

    Verse 24

    Oku kungenxa yokuba bathi: “UMlilo awuyi kusichika thina koko uya (kusichika) iintsukwana nje ezimbalwa.” Ke kaloku okuyaa bakuqambayo ngenkolo yabo kubakhohlisile

    Verse 25

    Kazi kuya kuba njani na kubo xa Sibahlanganisela ndawonye ngeMini leyo kungekho ntandabuzo ngayo. Kwaye umntu uza kuhlawulwa ngokuzeleyo ngoko akusebenzeleyo. Abazi kuphathwa ngentswela bulungisa

    Verse 26

    Yithi: O Allâh! Mnini bukumkani, Wena Unika ubukumkani kulowo Uthande ukuMnika, ukanti Uyabuhlutha ubukumkani kulowo Uthande ukubuhlutha kuye, Unika intlonipheko kulowo Uthande ukumnika, Uhlazise lowo Uthande ukumhlazisa. ESandleni saKho kukho okulungileyo. Inene Wena Uyakwazi ukwenza izinto zonke

    Verse 27

    Wena Wenza ubusuku bungene kwimini, Wenze imini ingene kubusuku, Ubuyisa abaphilileyo Ubakhuphe kwabafileyo, Ubuyise abafileyo Ubakhuphe kwabaphilileyo. Wena Unika ubutyebi nesondlo kulowo Uthande ukumnika ngaphandle komlinganiselo

    Verse 28

    Abakholwayo mabangathabathi abangakholwayo (babenze) iitshomi endaweni yabakholwayo. Nabani na owenze loo nto akasokuze ancedwe nguAllâh nangantoni na, ngaphandle kokuba woyikisela ubungozi kubo, Ke Yena uAllâh Uyanilumkisa ngaYe. Kwaye ekugqibeleni kukuAllâh apho kuza kubuyelwa khona

    Verse 29

    Yithi (Muhammad): “Enokuba ningakufihla okusezifubeni zenu okanye nikuveze, uAllâh Uyakwazi, kwaye Wazi nokusemazulwini nokusemhlabeni. UAllâh Unamandla ngaphezulu kweezinto zonke.”

    Verse 30

    NgeMini apho wonke umntu aya kujongana nako konke okulungileyo awakwenzayo, nako konke okungcolileyo awakwenzayo, uya kunqwenela ukuba akwaba bekunokubakho umgama omkhulu phakathi kwakhe nezenzo zakhe ezingendawo. UAllâh Uyanilumkisa ngaYe yaye uAllâh Unenceba kwizicaka (zaKhe)

    Verse 31

    Yithi (ebantwini): “Ukuba niyaMthanda uAllâh landelani mna, uAllâh Uya kunithanda, Anixolele izono zenu. UAllâh nguMxoleli uSozinceba

    Verse 32

    Yithi: “Thobelani uAllâh noMthunywa”. Kodwa ukuba bayatshikila, (bayishiye inkolo) uAllâh Akabathandi abangakholwayo

    Verse 33

    UAllâh Wakhetha uAdam, uNûh, nosapho luka’Ibrâhim, nosapho luka’Imrân phezu kwendalo yonke

    Verse 34

    Abanye baba ngumnombo wabanye, uAllâh nguSokuva, uSolwazi

    Verse 35

    Khumbula okokuba wathi umka’Imrân: “O Nkosi yam! Ndenze isifungo kuWe sokuba okusesibelekweni sam ndiya kukunikela kuWe, ke ngoko kwamkele oku kum. Inene, Wena unguSokuva, uSolwazi.”

    Verse 36

    Akumzala (uMaryam wakhe) wathi: “O Nkosi yam! Ndizele umntwana oyintombi, uAllâh Ukwazi ngcono Akuvezileyo kananjalo indoda ayifani nowasetyhini, ke ngoko ndimthiye igama lokuba nguMaryam (uMariya), kananjalo ndicela ukhuseleko ngaWe (Allâh), (ndilucelela) yena nenzala yakhe kuShaytân owaqalekiswayo.”

    Verse 37

    Yamamkela ke iNkosi yakhe (uAllâh) ngolwamkelo olulungileyo. Wamenza ukuba akhule enesimilo esihle. Wamgcina phantsi kohoyo lukaZakariyah. Wayethi qho (uZakariyah) xa engena kwigumbi lakhe lokuthandazela, (uMaryam) amfumane eziselwe ukutya. Athi: “Hini na Maryam: Ukufumene phi na oku?” Athi yena: “Oku kuvela kuAllâh. Inene uAllâh Ubonelela ngesixhaso lowo Athande ukumbonelela ngaphandle komlinganiselo.”

    Verse 38

    Ngelo xesha kanye ke uZakariya wathandaza eNkosini yakhe: “O Nkosi yam! Ndiphe inzala elungileyo evela kuWe. Inene Wena UnguMphulaphuli wezicelo”

    Verse 39

    Ke kaloku iingelosi zambiza, esamile, ethandaza kwindawo yokuthandazela. (Zathi kuye): “UAllâh Ukunika iindaba zovuyo zikaYahya (uYohane), oya kungqinela iLizwi lika- Allâh, abe ngohloniphekileyo, azigcine kude ekwabelaneni ngesondo nabafazi, uya kuba nguMprofeti, wakumalungisa”

    Verse 40

    Wathi: “O Nkosi yam! Ndingaba nomntwana njani na sele ndimdala kangaka, nomfazi wam eludlolo?” (UAllâh Wathi): “Yena uAllâh Uyakwenza Athande ukwenza”

    Verse 41

    Wathi (uZakariya): “O Nkosi yam! Ndenzele umqondiso” Wathi (uAllâh): “Umqondiso wakho kukuba wena akuyi kuthetha ebantwini iintsuku ezintathu ngaphandle kokuthetha ngezandla. (Ke ngoko wena hlala) ukhumbula iNkosi yakho kakhulu uYizukise ukujika kwelanga. Ngokuhlwa nasekuseni.”

    Verse 42

    Kananjalo iingelosi zathi: “Wena Maryam! Inene, uAllâh ukukhethile wena wakuhlambulula, Wanyula wena phakathi kwabo bonke abafazi

    Verse 43

    Wena Maryam! Zinikele ngentobeko eNkosini yakho, uqubude kuYo, uzithobe kunye nabo bazithobayo.”

    Verse 44

    Ezi zezinye zeendaba zoko kungabonwayo, eSizityhila kuwe. Wena (Muhammad) wawungekho kunye nabo, xa babesenza amaqashiso ngamasiba abo okubhala mayela nokuba mayibe ngubani na (phakathi kwabo) oza kuba ngumgcini kaMaryam. Wawungekho kunye nabo xa babephikisana

    Verse 45

    Kananjalo iingelosi zathi: “Wena Maryam! Inene, uAllâh Ukunika iindaba zovuyo zelizwi (elingu) nyana kaMaryam, ophuma kuYe (uAllâh), igama lakhe liya kuba nguMesiya, u’Isa (uYesu), oya kuhlonipheka kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Yaye uya kuba ngomnye wabo basondeleyo kuAllâh

    Verse 46

    Uya kuthetha ebantwini eseyimveku1 naxa sele eyindoda kwaye uya kuba ngomnye wabangamalungisa.”

    Verse 47

    Wathi yena (uMaryam) “O Nkosi yam! Ndingaba nomntwana njani na kungekho ndoda indichukumisileyo”. Yathi (enye yazo): “Kuya kuba njalo kuba uAllâh Udala oko Athande ukukudala. Xa Emisela into Usuka Athi kuyo: ‘Yibakho!’ Ibekho

    Verse 48

    Kananjalo Yena (uAllâh) Uza kumfundisa (u’Isâ) iNcwadi nobulumko, iTorah neInjîl (iVangeli)

    Verse 49

    Amenze (u’Isâ) uMthunywa kuBantwana bakwaSirayeli (aze athi kubo): ‘Mna ndize kuni nomqondiso ovela eNkosini yenu, wokuba ndinixonxele ngodongwe umfuziselo wentaka, ndiphefumle kuwo, ize ibe yintaka ngamandla ka-Allâh; ndiphilise abazelwe beziimfama, nabaneqhenqa, ndize kananjalo ndivuse abafileyo ngamandla ka-Allâh, kwaye ndiya kunixelela eniza kukudla nenikugcinileyo komawenu. Inene, apha koku kukho umqondiso ukuba niyakholwa (ngenene)

    Verse 50

    Kananjalo ndizele ukuza kungqina oko (kwafika) ngaphambili kunam iTorah, nokwenza inxalenye yoko kwakungavumelekanga kuni kuvumeleke. Yaye ndiza (kuni) ndinobungqina obuvela eNkosini yenu, ngoko ke Moyikeni uAllâh nindithobele

    Verse 51

    “Inene! UAllâh yiNkosi yam EkwayiNkosi yenu, ke ngoko khonzani Yena (Yedwa) le yiNdlela ethe Tye.”

    Verse 52

    Ke kaloku u’Isâ wathi esakukuqaphela ukungakholwa kwabo wathi (kubo): “Ngobani na abaza kuba ngabancedisi bam eNdleleni ka-Allâh?” Abafundi bakhe bathi: “Sithi abancedisi baka-Allâh; siyakholwa kuAllâh, siyangqina kananjalo okokuba singamaMuslim

    Verse 53

    Nkosi yethu! Siyakholwa koko Ukutyhilileyo, kwaye silandela uMthunywa (u’Isâ) ke ngoko sibhale ndawonye nabo bangqinayo (okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh)”

    Verse 54

    Baza abangakholwayo baqulunqa iyelenqe lokumbulala u’Isâ, naYe uAllâh Waqulunqa. UAllâh yiNtshatsheli kubaqulunqi

    Verse 55

    Kananjalo uAllâh Wathi: “Hini na ‘Isâ! Mna Ndiya kukwenza ufe2, Ndikuhlambulule (kwizityholo) zabo bangakholwayo, Ndenze abo bakulandelayo babe ngentla kunabo bangakholwayo kude kube yiMini yoVuko. Nize nibuyele kuM, Mna Ndigwebe phakathi kwenu mayela noko naniphikisana ngako”

    Verse 56

    Ngokuphathelene nabo bangakholwayo, Ndiya kubohlwaya ngesohlwayo esibuhlungu kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo yaye abayi kuba nabancedisi”

    Verse 57

    Ngokuphathelene nabo bakholwayo, benza imisebenzi yobulungisa, uAllâh Uza kubahlawula umvuzo wabo ngokugcweleyo. Ukanti uAllâh Akabathandi abagabadeli

    Verse 58

    Oku koko Sikucengceleza kuWe (Muhammad) kuziiVesi neSikhumbuzo sobulumko

    Verse 59

    Inene, imfano ka’Isâ phambi koAllâh inqwa nemfano ka- Adam. (UAllâh) Wamdala (uAdam) ngothuli, Wathi kuye: “Yibakho!” Wabakho

    Verse 60

    (Le) yinyaniso evela eNkosini yakho, ke wena uze ungabi ngomnye wabo bathandabuzayo

    Verse 61

    Nabani na ophikisana nawe ngokuphathelene no’Isâ, emveni kokuba ulwazi lufikile kuwe yithi: “Yizani sibize oonyana bethu noonyana benu, abafazi bethu nabafazi benu, thina buqu nani buqu, sithandazeni, sicele (ngokunyanisekileyo) ukuba isiqalekiso sihle phezu kwabo baxokayo”

    Verse 62

    Inene! Le yingcaciso eyinyaniso (ngembali ka’Isâ) yaye akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko

    Verse 63

    Ukuba bayatshikila bemke, Inene uAllâh Wazi konke ngabo benza ubutshinga

    Verse 64

    Yithi: “Hini na Bantu beNcwadi; khanizeni (sihlanganeni) ngelizwi elifanayo phakathi kwethu nani, okokuba singanquli mntu ngaphandle koAllâh (Yedwa), singayamanisi mahlulelane kuYe, kananjalo kungabikho namnye kuthi othabatha abanye abenze iiNkosi ngaphandle koAllâh.” Ukuba bayatshikila bemke, yithani kubo: “Ngqinani ke ukuba thina singamaMuslim”

    Verse 65

    Hini na bantu beNcwadi! Kungani na ukuba niphikisane ngoIbrâhîm kodwa iTorah neInjîl zazingekatyhilwa de kwaba semveni kwakhe? Aninangqiqo na

    Verse 66

    Inene nina (nifanele) ukuphikisana ngento eninolwazi ngayo. (Kodwa) kutheni na niphikisana ngento eningenalwazi ngayo nje? NguAllâh Owaziyo, nina anazi

    Verse 67

    UIbrâhîm wayengengomYuda engenguye noMkhristu kodwa wayeliMuslim lokwenene UmHanîfa3. Yena wayengengomnquli wazithixo

    Verse 68

    Inene phakathi koluntu abona bantu banebango ngoIbrâhîm ngabo bamlandelayo (uIbrâhîm), nalo Mprofeti (uMuhammad) nabo bakholwayo (amaMuslim) kananjalo uAllâh nguMlondolozi wamakholwa

    Verse 69

    Iqela laBantu beNcwadi linqwenela ukuniwexula, kodwa abayi kulahlekisa namnye ngaphandle kokuzilahlekisa kwabona kwaye abaqondi

    Verse 70

    “Hini na Bantu beNcwadi kutheni na ningakholwa kwiiVesi zika-Allâh kodwa kwanina ninobungqina (ngenyaniso) yazo

    Verse 71

    Hini na Bantu beNcwadi! Kutheni na nigquma inyaniso ngobuxoki, nifihle inyaniso niyazi

    Verse 72

    Iqela laBantu beNcwadi lithi: “Kholwani ekuseni koko kutyhilwe kumakholwa (amaMuslim), nikulahle ekupheleni kwemini khon’ukuze akreqe

    Verse 73

    Kananjalo musani ukukholwa nakubani na ngaphandle kokuba ngolandela inkolo yenu.” Yithi wena (Muhammad): “Inene! IsiKhokelo esilungileyo sisiKhokelo sika-Allâh.” Kananjalo musani ukukholwa kwinto yokuba nabani na ongomnye angakufumana okunjengoko nikufumeneyo nina ngaphandle kokuba ulandela inkolo yenu, ngapha koko baza kunifaka engxoxweni phambi kweNkosi yenu. Yithi (Muhammad): “Zonke iziBele ziseSandleni sika-Allâh; Unika lowo Athande ukumnika kwaye uAllâh nguMlondolozi weentswelo zezidalwa zaKhe ngokwaneleyo, nguSolwazi

    Verse 74

    Ukhetha ukwenzela inceba yaKhe lowo Athande Ukumkhetha kwaye uAllâh nguMnini buBele OMkhulu.”

    Verse 75

    Phakathi kwaBantu beNcwadi kukho lowo, uthi ukuba ugciniswe inani elikhulu lobutyebi, alihlawule ngokukhawuleza kalula. Ukanti phakathi kwabo kukho lowo uthi, xa egciniswe ingqekembe enye yesilivere, angayihlawuli ngaphandle kokuba umana uquqa kuye, uyifuna, kuba bathi: “Akukho gxeke kuthi ngokungcatsha, sithabathe ingqwebo yabangafundanga”. Kodwa bathetha ubuxoki ngoAllâh lo gama besazi

    Verse 76

    Ewe lowo uzalisekisa isibhambathiso sakhe, oyike uAllâh kakhulu, inene uAllâh Uyabathanda abo banyulu

    Verse 77

    Inene abo bathenga inzuzo encinane ngexabiso loMnqophiso ka-Allâh nezifungo zabo, abayi kuba nasabelo kuBomi oBuzayo. Engayi kuthetha nokuthetha nabo uAllâh, Engayi kubajonga kwa-ukubajonga ngoMhla woVuko, Engayi kubahlambulula nokubahlambulula. Yaye baya kufumana isohlwayo esibuhlungu

    Verse 78

    Inene phakathi kwabo, kukho iqela eliqamba iNcwadi ngamalwimi alo, ukuze ucinge ukuba wena (loo nto) bayithethayo bayifumana eNcwadini, baze bathi: “Oku kuvela kuAllâh,” kodwa kube kungaveli kuAllâh, kananjalo bathetha ubuxoki ngoAllâh ngoku besazi

    Verse 79

    Asinto inokwenziwa nanguwuphi na umntu onikwe iNcwadi nguAllâh nobulumko nobuProfeti ukuba athi ebantwini: “Yibani ngabanquli bam endaweni yokuba ngabaka-Allâh”. Ukusuka apho angasuka athi: “Yibani ngabanquli bokwenene baka-Allâh kuba ningabafundisi beNcwadi nikwangabo nabafundi bayo.”

    Verse 80

    Engekhe aniyalele ukuba nithabathe iingelosi nabaProfeti ukuba babe ziiNkosi [oothixo (benu)]. Anganiyalela ukuba ningakholwa emveni kokuba sele nizinikele entandweni ka- Allâh

    Verse 81

    Yabonani! uAllâh Wathabatha uMnqophiso nabaProfeti, othi: “Thabathani nantoni na eNdininika yona, evela esiBhalweni nasebulumkweni4, emva koko kuza kufika kuni uMthunywa oya kungqinela oko kukuni, kufuneka nikholwe ke nina kuye nimncedise”. Wathi uAllâh: “Niyavuma na. Niya kuwuthabatha na uMnqophiso waM?” Bathi bona: “Siyavuma”. Wathi Yena: “Ngqinani ke yaye Mna Ndiya kuba nani phakathi kwamangqina

    Verse 82

    Ke kaloku abaya kukreqa emva kwako oku, baya kuba ngabenzi bobubi.”

    Verse 83

    Ingaba bafuna (inkolo) eyiyenye ngaphandle kwenkolo ka- Allâh lo gama zizinikela kuYe zonke izidalwa emazulwini nasemhlabeni, zithanda, zingathandi. Yaye zonke ziza kubuyela kuYe

    Verse 84

    Yithi: “Thina sikholwa kuAllâh nakoko kwatyhilwa kuIbrâhîm, kuIsmâ’îl, kuIs-hâk, kuYa’kûb nakwizizwe, nakoko kwatyhilwa kuMûsâ, ku’Isâ nabaProfeti kuvela eNkosini yabo, Asenzi mahluko phakathi komnye nomnye kubo, kananjalo thina sizinikele kuYe. (uAllâh).”

    Verse 85

    Lowo uzifunele nkolo yimbi ngaphandle kweIslam, ayiyi kwamkelwa kuye, kananjalo kuBomi oBuzayo uya kuba ngomnye wabalahlekelwa

    Verse 86

    Angabakhokela njani uAllâh abantu abalahla ukholo emva kokukholwa nasemva kokuba bebengqinile okokuba uMthunywa unyanisile nasemva kokuba imiqondiso ecacileyo ibifikile kubo? UAllâh Akabakhokeli abantu abanogabadelo (abakhonzi bezithixo nabenzi bobubi)

    Verse 87

    Bona ngabo imbuyekezo yabo ikukuba, phezu kwabo kuhlale isiqalekiso sika-Allâh, eseengelosi nesabantu bonke

    Verse 88

    Baya kuhlala apho ngonaphakade (esiHogweni), isohlwayo sabo asiyi kwenziwa lula, singayi kurhoxiswa

    Verse 89

    Ngaphandle kwabo baguqukayo emva kokuba benze loo nto, benze izenzo zobulungisa. Inene, uAllâh nguMxoleli, Onenceba

    Verse 90

    Inene abo bangakholwayo emva kokukholwa kwabo baze baqhubeke nokungakholwa kwabo ayisokuze yamkeleke inguquko yabo yaye bona bangabo balahlekileyo

    Verse 91

    Inene abo bangakholwayo, bade bafe bengekakholwa. Enokuba banganikela ngegolide ezalise ihlabathi ayiyi kwamkelwa kuye nawuphi na kubo enokuba bebenganikela ngayo njengentlawulo yokuzikhulula. Okwabo bona sisohlwayo esibuhlungu kwaye abayi kuba nabancedisi

    Verse 92

    Nakanye! Ukuba ningazuza ubungcwele ningathanga ninikele kumalizo ngoko nikuthandayo. Kananjalo nantoni na (elungileyo) eninikela ngayo uAllâh Uyazi kakuhle

    Verse 93

    Konke ukutya kwakuvumelekile ngokoMthetho kuBantwana bakwaSirayeli, ngaphandle koko kwenziwa kwangavumeleki nguSirayeli buqu ingekatyhilwa iTorah. Yithi: “Yizani neTorah apha, niyicengceleze ukuba ninenyaniso

    Verse 94

    Emva koko nabani na ke oya kuqamba ubuxoki ngoAllâh, abenza loo nto baya kuba ngabenzi bobubi ngenene.”

    Verse 95

    Yithi: “UAllâh Uthethe inyaniso; landelani inkolo kaIbrâhîm, uMhanîfa, yena wayengenguye omnye wabakhonzi bezithixo

    Verse 96

    Inene, iNdlu yokuqala yonqulo eyenzelwa uluntu yayiyiBhakkah (iMakkah), ezele ziintsikelelo, nesiKhokelo sendalo yonke

    Verse 97

    Kuyo apho kukho imiqondiso ebonakalayo, (umzekelo), iMa’kâm Ibrâhîm5, nabani na lowo ungena kuyo, ufumana ukhuseleko. Ke kaloku iHajji kwindlu ka-Allâh luxanduva olulityala elibanjwa uAllâh luluntu, abo banako ukumelana neendleko zayo. Ke lowo ungakholwayo (kwiHajji) ungongakholwayo kuAllâh, ukanti Yena uAllâh akukho nto Anokuyenzelwa yindalo (yaKhe)

    Verse 98

    Yithi: “Hini na Bantu beNcwadi! Kungani na ukuba ningazamkeli iiVesi zika-Allâh lo gama uAllâh EliNgqina loko nina nikwenzayo?”

    Verse 99

    Yithi: “Hini na Bantu beNcwadi nibanqandelani na abo bakholwayo, bangangeni eNdleleni ka-Allâh, nisuke nifune ukuyenza ijongeke goso-goso, lo gama ningamangqina (enyaniso) kwaye ayingaba Akakwazi uAllâh oko nina nikwenzayo.”

    Verse 100

    Hini na nina bakholwayo! Ukuba ninokuthobela iqela labo babenikwe isiBhalo, inene banganenza nibe ngabangakholwayo emva kokuba nikholiwe

    Verse 101

    Ningathini ukungakholwa lo gama kucengcelezwa iiVesi zika-Allâh kuni, naphakathi kwenu kukho uMthunywa? Nabani na othe wabambelela nkqi kuAllâh, lowo uya kuba seNdleleni ethe Tye

    Verse 102

    Hini na nina bakholwayo! Yoyikani uAllâh njengoko Efanelwe kukoyikwa, ningafi ningengawo amaMuslim

    Verse 103

    Bambelelani nkqi, nonke, entanjeni ka-Allâh, ningabi zontlaba zahlukane phakathi kwenu, nikhumbule kananjalo uBabalo luka-Allâh Awanenzela lona, kuba naniziintshaba omnye komnye kodwa Yena Wazimanya iintliziyo zenu (zaba ntonye) khon’ukuze ngobabalo lwaKhe, nibe ngabazalwana, kananjalo nina nanisele nisemngciphekweni wokungena edikeni loMlilo Waza Wanisindisa Yena kuwo. Wenza njalo ke uAllâh ukwenza imiqondiso yaKhe icace kuni, khon’ukuze nikhokeleleke

    Verse 104

    Ke kaloku kuni makuphume iqela labantu elimemela (abantu) kuko konke okulungileyo, liyalele ukwenziwa kokulungileyo lalele ukwenziwa kokungalunganga; ngabo ke abaya kuphumelela

    Verse 105

    Ningabi njengabo baba ziintlaba zahlukane, baphikisana emva kokuba imiqondiso ecacileyo (yayisele) ifikile kubo. Ke kaloku ngabo kanye abaza kufumana intuthumbo ebuhlungu

    Verse 106

    NgeMini apho ubuso babanye buya kuba mhlophe buze ubuso babanye bube mnyama, ke kaloku abo ubuso babo buya kuba mnyama (kuya kuthiwa kubo): “Nina nalahla ukholo emveni kokulwamkela? Ke ngoko ngcamlani intuthumbo, yokulahla kwenu ukholo!”

    Verse 107

    Ke kaloku abo ubuso babo buya kuba mhlophe, baya kuba seNcebeni ka-Allâh (ePaladesi), bahlale apho ngonaphakade

    Verse 108

    Ezi ziiVesi zika-Allâh: eSizicengceleza kuwe ngenyaniso, kananjalo uAllâh Akazimiselanga kwenza lugabadelo endalweni yaKhe

    Verse 109

    Zezika-Allâh zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni kananjalo zonke izinto zibuyela kuYe

    Verse 110

    Nina ningabona bantu balungileyo baveliselwe uluntu, niyalela (ukwenziwa) kokulungileyo nalele (ukwenziwa) kokungalunganga yaye nikholwa kuAllâh. Ukanti ukuba aBantu beNcwadi babekholiwe kwakuya kulunga oko kubo; phakhathi kwabo kukho abo banokholo, kodwa uninzi lwabo ngabenzi bobubi

    Verse 111

    Akukho ngozi banokuyenza kuni, (bagxwala nje emswaneni), ukuba bathe balwa nani baza kuphinda kwabona banibonise imiqolo yabo kwaye abayi kuncedwa

    Verse 112

    Ihlazo lithiwe wambu phezu kwabo naphi na apho bakhoyo, ngaphandle kwamaxa bephantsi komnqophiso wokhuseleko luka-Allâh, nolwabantu; bona bazibizele ingqumbo ka- Allâh nentshabalalo ibekwe phezu kwabo. Oku kungenxa yokuba abakholwa kwiiVesi zika-Allâh, babulala nabaProfeti ngokungekho lungelweni. Oku kungenxa yokuba basuka bangaMthobeli uAllâh, bagabadela, batsiba imida

    Verse 113

    Abanjalo bonke; iqela elithile kuBantu beNcwadi limele okulungileyo, bayazicengceleza iiVesi zika-Allâh phakathi kwiiyure zobusuku, baqubude bathandaze

    Verse 114

    Bayakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela; Bayalela ukwenziwa kokulungileyo, balele ukwenziwa kokungalunganga baze bangxame ukwenza okulungileyo ke bona bangabanye bamalungisa

    Verse 115

    Ke kaloku nantoni na elungileyo abayenzayo akukho nto ingayi kwamkelwa kubo; kuba uAllâh Ubazi kakuhle abo bamoyikayo (Yena)

    Verse 116

    Inene abo bangakholwayo, ubutyebi babo nenzala yabo ayiyi kubanceda (nganto) kuAllâh. Bona ngabahlali baseMlilweni, apho kulapho baya kuhlala khona ngonaphakade

    Verse 117

    Imfano yoko bakuchitha (kumalizo kweli hlabathi ifana nomoya obanda ceke; obetha isivuno sabantu abenza ubugwenxa kwiziqu zabo usitshabalalise, uAllâh Azanga Enze bugwenxa kubo, koko ngabo abazenza ubugwenxa (ngokwabo)

    Verse 118

    O nina bakholwayo! Musani ukuthabatha abo bangaphandle kwenkolo yenu ukuba babe ngabacebisi benu, njengoko bengasokuze basilele ukwenza konke okusemandleni abo ukunonakalisa. Bona banqwenela ukunonzakalisa ngamandla. Inzondo (yabo) sele izibonakalisile ngemilomo yabo. Ukanti okufihlakele ezifubeni zabo kungcole ngakumbi. Inene Thina Sizicacisile iiVesi kuni ukuba ningabaqondayo

    Verse 119

    Eneneni! Nini abathanda bona kodwa bona abanithandi, Ukanti nina nikholwa kuso sonke isiBhalo. Bona xa bedibana nani bathi, “Siyakholwa”. Kodwa xa behlangene bodwa, banimuncela iintupha zabo, bezele ngumsindo. Yithi: “Tshabalalani kuloo misindo yenu.” Inene uAllâh Uyakwazi oko kusezifubeni

    Verse 120

    Xa nihlelwe kokulungileyo, iba buhlungu loo nto kubo, ze kuthi nakuhlelwa kokubi kubavuyise oko. Kodwa ukuba ninokuba nomonde nihlale nimoyika uAllâh akukho nento le abanokunenza yona ngamayelenqe abo. Inene uAllâh Ukurhangqele konke oko bakwenzayo

    Verse 121

    Ukhumbule kananjalo wena (Muhammad) okokuba washiya umzi wakho ukuya kukhaphela amakholwa kwizikhululo zedabi6 UAllâh Waba nguSokuva uSolwazi

    Verse 122

    Kwathi xa amaqela amabini phakathi kwenu ayesele etyhafa, uAllâh Waba nguMkhuseli, kananjalo amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh

    Verse 123

    UAllâh sele Enenze nanoloyiso eBadr7, ngethuba nina naningumkhosana omncinane ongenamandla. Ke ngoko Moyikeni uAllâh kakhulu ukuze nibe nombulelo

    Verse 124

    (Khumbula) wena (Muhammad) wathi kumakholwa, “Ingaba akwanelanga na ukuba iNkosi yenu (uAllâh) Inincedise ngeengelosi ezingamawaka amathathu, Izithobe (zize kuni”) na

    Verse 125

    “Ewe, ukuba nibambelela ekunyamezeleni nasebungcweleni utshabaluzakuzakunilumbonzelekile; iNkosiyenu Inincedise ngeengelosi ezingamawaka amahlanu, zineempawu (zentshabalaliso).”

    Verse 126

    UAllâh Akakwenzanga ukuba kube yinto yimbi oku ngaphandle kokuba kube ziindaba zovuyo nesiqinisekiso ezintliziyweni zenu, kananjalo alukho olunye uloyiso ngaphandle koluvela kuAllâh, uSomandla, uSobulumko

    Verse 127

    (UAllâh) Usenganqamla inxalenye yabo bangakholwayo, kungenjalo Ababeke ehlazweni, ukuze baphinde emva bedanile

    Verse 128

    Isigqibo ayisosakho koko sesika-Allâh; enokuba ubuya ngenceba na kubo, okanye ubohlwaye; bona ngenene bangabenzi bobubi

    Verse 129

    Konke okusemazulwini nasemhlabeni kokuka-Allâh. Uxolela lowo Athande ukumxolela, Ohlwaye lowo Athande ukumohlwaya, kwaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba

    Verse 130

    Hini na nina bakholwayo! Musani ukutya iRibâ8 ephindwe kabini nakaninzi, koko yoyikani uAllâh khon’ukuze nibe nempumelelo

    Verse 131

    Kananjalo yoyikani uMlilo, olungiselelwe abangakholwayo

    Verse 132

    Ke kaloku thobelani uAllâh noMthunywa (waKhe uMuhammad) ukuze nizuze (ukwenzelwa inceba)

    Verse 133

    Yiyani phambili eNdleleni (ekhokelela) kuxolelo lwezono oluvela eNkosini yenu, nasePaladesi ebubanzi bayo bungangamazulu nomhlaba, ilungiselelwe abamoyikayo uAllâh

    Verse 134

    Abo banikela [ngamalizo (eNdleleni ka-Allâh)], benendyebo naxa bephantsi kwembandezelo. Abacinezela imisindo (yabo), baxolele abantu; inene, uAllâh Uyabathanda abenzi bobulungisa

    Verse 135

    Nabo bathi xa benze ububi okanye bezenze ubugwenxa ngokwenza ukungcola, bakhumbule uAllâh, bacele itarhu ngezono zabo; yaye akukho wumbi onokuxolela izono ngaphandle koAllâh bangaqhubeki nokwenza (obo bubi) babenzileyo, besazi

    Verse 136

    Umvuzo wabanjalo luxolelo lwezono oluvela eNkosini yabo, neMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, baze bahlale apho ngonaphakade. Onjani wona ukuba mhle umvuzo kubenzi (bokulungileyo)

    Verse 137

    Iimeko9 ezinjengezi zenu, zahlela izizwe ezingaphambili kunani, ke ngoko hamba-hambani umhlaba wonke, nibone ukuba saba yintoni na isiphelo sabo bangakholwayo

    Verse 138

    Le ‘Kur`ân yinkcazo ecacileyo kubantu, isisiKhokelo nemfundiso kwabo bamoyikayo uAllâh

    Verse 139

    Musani ukuba yeke-yeke ke ngoko (ngokuchasene neentshaba zenu), ninganxunguphali yaye niza kuba ngentla (kwazo) ukuba ningamakholwa ngokwenene

    Verse 140

    Ukuba inxeba linichukumisile nina, qinisekani okokuba inxeba elikwanjalo libachukumisile nabo (enilwa nabo). Kananjalo oko ziintsuku eSizinika abantu ngokubolekisana kwazo, khon’ukuze uAllâh avavanye abo bakholwayo, ukuze uAllâh Athathe abafelukholo phakathi kwenu. Ukanti uAllâh Akabathandi abagabadeli

    Verse 141

    Kananjalo uAllâh Uvavanya amakholwa, Atshabalalise abangakholwayo

    Verse 142

    Nicinga ukuba niza kungena ePaladesi ningakhanga nilufumane ucikido luka-Allâh na? Abo benu balwayo nabo benu banonyamezelo

    Verse 143

    Inene nina benikunqwenela ukufa (nifele ukholo) ningekadibani nako. Ngoku nikubone ngamehlo enu

    Verse 144

    UMuhammad akanto yimbi ngaphandle kokuba nguMthunywa, kananjalo (baninzi) abaThunywa abamandulelayo bafa phambi kwakhe. Ukuba yena uye wabulawa ingaba niza kukreqa? Lowo ubuya umva, akukho nobungakanani na ububi anokubenza kuAllâh; uAllâh Uza kunika umvuzo abo banombulelo

    Verse 145

    Futhi akunakwenzeka ukuthi umuntu afe ngaphandle kwemvume ka Allah esinqumweni esinqunyiwe. Futhi noma ngubani ofisa umvuzo walomhlaba - Sizomnika wona; futhi noma ngubani ofisa umvuzo wakusasa - Sizomnika wona Futhi sizoklomelisa ababongayo

    Verse 146

    Kananjalo baninzi abaProfeti abalwayo, ecaleni koMprofeti (ngamnye) kwakuba lihlokondiba lamadoda anemfundo. Kodwa zanga bazenze ethe-ethe ngokungxwelerheka abakufumanayo eNdleleni ka-Allâh, begazanga bazithobe isidima sabo, kwaye uAllâh Uyabathanda abanonyamezelo

    Verse 147

    Kananjalo ayikho enye into ababeyithetha ngaphandle kokuthi: “O Nkosi yethu! Sixolele izono zethu nezigqitho zethu, yomeleza iinyawo zethu, Usinike uloyiso phezu kwabo bangakholwayo.”

    Verse 148

    Ke ngoko uAllâh Wabanika umvuzo weli hlabathi, nowona mvuzo mhle woBomi oBuzayo. UAllâh Uyabathanda abenzi bokulungileyo

    Verse 149

    Hini na nina bakholwayo! Ukuba ninokuthobela abo bangakholwayo, banganibuyisela umva, kwaye niya kukreqa (elukholweni) nibe ngabalahlekelwa

    Verse 150

    Nakanye, uAllâh nguMlondolozi wenu yaye UngoYena Mncedi Ulungileyo

    Verse 151

    Siya kufaka uloyiko ezintliziyweni zabo bangakholwayo, kuba bona bayamanisa abanye (oothixo) kunqulo luka-Allâh, Angazanga Wabanika gunya ngabo; ikhaya labo liya kuba nguMlilo, hayi ububi bekhaya labenzi bobubi

    Verse 152

    UAllâh ngenene Wasizalisekisa isithembiso saKhe kuni xa nina nanibabulala ngemvume yaKhe; nada naphelelwa kukuzithemba, nawa kwimpikiswano ngomyalelo, anathobela, Esakuba Enibonise ixhayelo enilithanda kunene. Phakathi kwenu kukho abo banqwenela (izinto) zeli hlabathi kubekho abo banqwenela uBomi oBuzayo. Ke yena Wanenza nabaleka nemka kubo, ukuze Anicikide. Kodwa inene Wanixolela Yena, kwaye uAllâh Unofefe kwabo bakholwayo

    Verse 153

    Yabonani nina nabaleka ninganyeki nokunyeka, waba uMthunywa engemva kwenu, enikhwaza ukuba nibuye. Apho uAllâh Waninika unxunguphalo emva konxunguphalo ngendlela yembuyekezo, Enifundisa ukuba ningabi buhlungu ngoko kuniphosileyo, nangoko kunihleleyo. UAllâh Ukwazi konke oko nikwenzayo

    Verse 154

    Emva konxunguphalo Wanithumelela ukhuseleko. Ubuthongo bongamela abanye benu, lo gama abanye benu babecinga ngeziqu zabo befuna ukuzisindisa, (bengakhathali ngemeko yoMprofeti neyabanye abantu) becinga gwenxa nangoAllâh iingcinga zokungazi, besithi, “Sinanxaxheba ni na thina kulo mcimbi?” Yithi ke wena (Muhammad): “Inene umcimbi wonke ngoka-Allâh.” Bakufihla phakathi kwabo oko bangafuniyo ukuba kwaziwe nguwe, besithi: “Ukuba besinento yokwenza nalo mcimbi ngekungekho namnye kuthi obuleweyo apha”. Yithi: “Nokuba beniye nahlala emizini yenu, abo ukufa kumiselweyo kubo bebeza kuphuma baye endaweni enokufa kwabo kodwa uAllâh Unako ukuku vavanya oko kusezifubeni zenu, Ahlambulule noko kusezintliziyweni zenu. UAllâh nguMazi woko kusezifubeni zenu.”

    Verse 155

    Abo benu baye barhoxa ngemini apho imikhosi emibini yayihlangene, nguShaytân owabenza ukuba babuye umva ngenxa yezono ezithile abazenzayo, kodwa uAllâh Wabaxolela, inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba

    Verse 156

    Hini na nina bakholwayo! Musani ukuba njengabangakholwayo, abathi kubazalwana babo xa beseluhambeni, (becanda amathafa) okanye besiya kulwa: “Ukuba bebethe bahlala nathi, ngebengafanga okanye babulawe,” ukuze uAllâh Enze oko kungunobangela wokuzisola ezintliziyweni zabo. NguAllâh Onika ubomi, Adale ukufa, kananjalo uAllâh Ukubona konke oko nikwenzayo

    Verse 157

    Ke kaloku ukuba niye nabulawa okanye nafa eNdleleni ka- Allâh, uxolelo lwezono nenceba oluvela kuAllâh lulungile kunako konke oko bakuqokelelayo (kububutyebi behlabathi)

    Verse 158

    Nokuba niye nafa okanye nabulawa, Inene, niza kuhlanganiselwa ndawonye nonke kuAllâh

    Verse 159

    Ke kaloku ngeNceba ka-Allâh, wabonisana nabo wena ngenyameko, ukanti ukuba wawuye waba gadalala, waba nentliziyo engqwabalala ngebakreqa bemka kuwe; ke yiba ngathi awuziboni iziphoso zabo, ubacelele itarhu, ubonisane nabo ngemicimbi. Yaye xa uthabatha isigqibo (ngento), beka ithemba lakho kuAllâh, inene, uAllâh Uyabathanda ababeka ithemba labo (kuYe)

    Verse 160

    Ukuba nincediswa nguAllâh, akukho bani unokunoyisa; ukanti ukuba Anganishiya Yena, ngubani ongomnye onganinceda? Ke kaloku amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh

    Verse 161

    Akulolungelo lakhe nawuphi na uMprofeti ukuba athabathe inxalenye yexhayelo ngokungemthetho, nabani na okhohlisa oogxa bakhe ngokunxulumene nexhayelo, ngoMhla wokuGqibela uza kukubuyisa (konke) oko wakuthathayo. Ke kaloku umntu ngamnye uza kuhlawulwa ngokugcweleyo ngoko akusebenzeleyo, kwaye abazi kwenzelwa ntswela bulungisa

    Verse 162

    Ingaba lowo ulandela intando ka-Allâh uyafana na nalowo uzibizela ingqumbo ka-Allâh? Ikhaya lalowo lisesiHogweni, hayi ububi besiphelo solo hambo lwabo

    Verse 163

    Bona baziindidi ngeendidi kuAllâh kananjalo uAllâh Ukubona konke oko bakwenzayo

    Verse 164

    Inene uAllâh Wenzela amakholwa ubuBele obukhulu ngokuwathumelela uMprofeti ophuma phakathi kwabo, ebacengcelezelaiiVesiezivelakuYe(i’Kur`ân)ebahlambulula, ebafundisa ngeNcwadi (i’Kur`ân) nangobulumko. Lo gama mandulo babesekulahlekeni okucacileyo

    Verse 165

    Xa nihlelwe lishwangusha elinye nangona nizibethe (iintshaba zenu) ngokuphindwe kanye nakabini kunokuba zenzile zona, nisuka nithi nina: “Kuvela phi na (ngoku) oku kuthi?” Yithi (kubo), “Kuvela kuni buqu (ngenxa yezenzo zenu ezingcolileyo)” kananjalo uAllâh Unamandla ngaphezu kweento zonke

    Verse 166

    Ubuhlungu enabuvayo ngemini imikhosi emibini yayiqubisene kwakungemvume ka-Allâh, Esenzela ukuvavanya amakholwa

    Verse 167

    Nokuvavanya abahanahanisi, kwathiwa kubo: “Yizani kulwa eNdleleni ka-Allâh kungenjalo nize kuzikhusela”. Bathi bona: “Ukuba besazile okokuba kuza kuliwa, ngesikulandele ngenene.” Ngayo loo mini babekufuphi nokungakholwa kunokukholwa, bethetha ngemilomo yabo okungekho zintliziyweni zabo, kwaye uAllâh Unolwazi olupheleleyo ngoko bakufihlayo

    Verse 168

    (Bona) bangabo bathi ngabantakwabo ababuleweyo, lo gama bona babehleli emakhayeni abo: “Akwaba bebesiphulaphulile ngebengabulawanga” Yithi: “Nina nqandani ukufa kungezi kwezenu iziqu kaloku ukuba ninenyaniso”

    Verse 169

    Musani ukucinga ngabo babulewe eNdleleni ka-Allâh njengabafileyo. Nakanye, bona bayaphila, kunye neNkosi yabo, yaye bayazifumana iimbonelelo zabo

    Verse 170

    Bona bayavuyiswa koko uAllâh Abapha kona kuvela kwiziBele zaKhe baze bavuyele abo bangekahlanganiswa nabo, ababashiye ngemva (bengekafeli lukholo) kuba kubo akuyi kubakho koyika, kungayi kubakho kuxhalaba

    Verse 171

    Bayavuya ngoBabalo nobuBele obuvela kuAllâh, (bevuyiswa) nakukuba uAllâh Akayi kuwusingela phantsi umvuzo wamakholwa

    Verse 172

    Abo basabela ubizo luka-Allâh neloMthunywa (waKhe uMuhammad) emveni kokuba bengxwelerhekile, kuba abo ngabo benza izenzo ezilungileyo besoyika uAllâh, uya kuba mkhulu umvuzo wabo

    Verse 173

    Abo kwathiwa kubo ngabantu: “Inene abantu (abangakholwayo) bahlangene ngani, ke ngoko boyikeni.” Kodwa kwaba kungona oko kubongezelela ukholo, bathi: “UAllâh nguMkhuseli Owaneleyo kuthi.”

    Verse 174

    Ke ngoko babuya ngoBabalo luka-Allâh nobuBele baKhe. Akukho bubi babachukumisayo, ngokuba bona balandela intando ka-Allâh elungileyo. UAllâh nguMnini buBele, oMkhulu

    Verse 175

    NguShaytân kuphela oninika iingcebiso zokuba noyike abahlobo bakhe. Musani ukuboyika ke ngoko; koko yoyikani Mna, ukuba ningamakholwa

    Verse 176

    Ke kaloku ungazidubi umphefumlo wakho ngabo bagxalathelana ngokungakholwa; Inene akukho nobungakanani na ububi abanokubenza kuAllâh Ozimisele ukungabaniki sabelo kuBomi oBuzayo. Kananjalo siya kuba buhlungu kakhulu isohlwayo sabo

    Verse 177

    Inene, abo bathenga ukungakholwa ngexabiso lokholo, akukho nobungakanani na ububi abanokubenza kuAllâh okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu

    Verse 178

    Abangakholwayo mabangacingi ukuba ukurhoxiswa kwesohlwayo kuyinto elungileyo kubo. Siyasirhoxisa isohlwayo kuphela khon’ukuze baye benyukela ekwenzeni izono, kananjalo siya kuba sikhulu isohlwayo sabo

    Verse 179

    UAllâh Akanakuze Awayeke amakholwa kule meko nikuyo ngoku, de Abahlule abo bazizingcoli kwabanyulu. Engekhe uAllâh Atyhile kuni iimfihlelo zokungabonwayo kodwa uAllâh ukhetha kubaThunywa baKhe lowo Athande ukumkhetha. Ke ngoko kholwani kuAllâh nakubaThunywa baKhe. Kananjalo ukuba niyakholwa niMoyike uAllâh; uya kubamkhulu umvuzo wenu

    Verse 180

    Abo bankonya ngokunyoluka oko uAllâh Abaphe kona kuvela kwiziBele zaKhe mabangacingi okokuba (obo) bugogotya (babo buyinto) elungileyo. Nakanye, buya kuba bubi gqitha, izinto ababezibambile, bekhukhusheka nazo ngokunyoluka, ziza kubotshelelwa ezintanyeni zabo njengekhola ngoMhla woVuko. Kananjalo ilifa lamazulu nomhlaba lelika-Allâh; kwaye uAllâh Ukwazi kakuhle konke oko nikwenzayo

    Verse 181

    Inene uAllâh Uyivile intetho yaloo (maYuda) athi: “UAllâh lihlwempu, ukanti thina sizizityebi!” Siya kubhala phantsi oko bakutshoyo ndawonye nokugwinta kwabo abaProfeti ngokungemthetho, Siya kuthi: “Ngcamlani ke intuthumbo (yoMlilo) odwanguzayo.”

    Verse 182

    Oku kungenxa yoko kungcola kwenziwa zizandla zabo ngaphambili kunani. Inene uAllâh Azanga (Wenza) lugabadelo kwizicaka zaKhe

    Verse 183

    Loo (maYuda) athi: “Inene uAllâh Usamkele isithembiso sethu sokuba singakholwa nakuwuphi na uMthumnywa ngaphandle kokuba azise idini eliza kuthi lidliwe ngumlilo ovela ezulwini, (lizivuthele, litshe ngokwalo lingaphenjelwanga ngumntu)”. Yithi: “Inene, bafika abaThunywa kuni phambi kwam, benemiqondiso ecacileyo, Nditsho nalo nithetha ngawo; kwathini ke ukuze nibabulale bona ukuba nithetha inyaniso?”

    Verse 184

    Ukuba baye abakwamkela ke wena (Muhammad); baba njalo nakubaProfeti abangaphambili kunawe, ababefike nobungqina, nesiBhalo neNcwadi yokhanyiselo

    Verse 185

    Wonke umntu uza kukungcamla ukufa, kuya kuba ngoMhla woVuko kuphela apho niza kuhlawulwa umvuzo wenu ngokugcweleyo. Nabani na lowo uya kusindiswa eMlilweni angeniswe ePaladesi, lowo ngokwenene uya kuba usempumelelweni. Ubomi beli hlabathi lulonwabo lwenkohliso

    Verse 186

    Niya kucikidwa ngokwenene, nivavanywe ngobutyebi benu nezinto zenu neziqu zenu, kananjalo niya kuva okuninzi okuya kuninxunguphalisa (imiphefumlo) kuvela kwabo bafumana isiBhalo ngaphambili kunani, nakwabo bayamanisa amahlulelane kuAllâh; kodwa ukuba ninyamezele ngomonde naba ngabamoyikayo uAllâh, inene oko kuya kuba yinqobo yokugweba yonke imicimbi

    Verse 187

    Yabonani! UAllâh Wathabatha uMnqophiso kwabo babenikwe isiBhalo ukuba bawenze waziwe, ucace eluntwini hayi ukuba ufihlwe, kodwa basuka bawulahla emva kwabo, bathenga iinzuzwana ezingephi ngawo; inene kubi ngakumbi abakuthengayo

    Verse 188

    Ke kaloku musani ukucinga ukuba abo bavuyayo ngoko bakwenzileyo, bathande ukunconywa ngoko kungenziwanga ngabo musani ukucinga ukuba basindile esohlwayweni, kwaye siya kuba sikhulu isohlwayo sabo

    Verse 189

    Ulongamelo lwamazulu nomhlaba loluka-Allâh, uAllâh Unamandla ngaphezulu kweento zonke

    Verse 190

    Inene ekudalweni kwamazulu nomhlaba nasekubolekisaneni kwemini nobusuku, kwezo (zinto) kukho imiqondiso kwabo banengqiqo

    Verse 191

    Abo bakhumbula uAllâh, bemi ngeenyawo, behleli phantsi okanye bengqengqe ngamacala, baze bacamngce nzulu ngendalo yamazulu nomhlaba (bathi): “O Nkosi yethu! Wena Awukudalanga konke oku ngaphandle kwenjongo. Uzuko malube kuWe! Siphe usindiso kwintuthumbo yoMlilo

    Verse 192

    Nkosi yethu! Inene, lowo Umngenise eMlilweni, uhlazekile; kananjalo abenzi bobubi asokuze bafumane bancedi

    Verse 193

    Nkosi yethu! Inene thina siluvile ubizo lwakhe (uMuhammad) lowo ubizele abantu elukholweni (esithi): ‘Kholwani eNkosini yenu.’ Kananjalo sikholiwe thina. Nkosi yethu! Sixolele izono zethu, Usihlambulule kwizenzo zethu ezingcolileyo, Usenze sife nabo bamkelekileyo (kuWe)

    Verse 194

    Nkosi yethu! Siphe oko Wasithembisa ngako ngabaThunywa baKho, Ungasibeki ehlazweni ngoMhla woVuko, kuba Wena Awuzanga Usaphule isithembiso saKho.”

    Verse 195

    Ke kaloku INkosi yabo yasamkela isicelo sabo (Yathi): “Andisokuze nakanye Ndivumele umsebenzi wakhe nawuphi na kuni ukuba ulahleke. Oyindoda nokuba ngongowasetyhini na kuni. Omnye ngowomnye kuni, ke abo bafudukayo (ngenxa yokuba) babegxothiwe emizini yabo, bava ubunzima ngenxa yaM, nabo balwayo, babulawa (ngenxa yaM), inene, Mna Ndiya kubahlambulula ezonweni zabo Ndibangenise eMiyezweni ekumpompoza amanzi ngaphantsi kwayo; umvuzo ovela kuAllâh kananjalo kuAllâh kukho eyona mihle imivuzo”

    Verse 196

    Ubunewunewu babo bangakholwayo mabunganikhohlisi ezweni

    Verse 197

    (Obo bunewunewu babo) bululonwabo lwexeshana; isiphelo (sabo) sisiHogo; hayi ukubambi kwaloo ndawo (baya) kuphumla kuyo

    Verse 198

    Kodwa abo bayoyikayo iNkosi yabo, baya kuba seMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade besonwatyiswa nguAllâh; ke kaloku oko kukuAllâh; kokona kulungileyo kwabanyulu

    Verse 199

    Inene phakathi kwaBantu beNcwadi kukho abo bakholwayo kuAllâh nakoko kutyhilwe kuwe (wena Muhammad) nakoko kwatyhilwa kubo, bayazithoba phambi koAllâh. Abathengisi ngeeVesi zika-Allâh ngexabiso elincinane, okwabo iya kuba ngumvuzo ovela eNkosini yabo. Inene uAllâh Uyakhawuleza ukufaka embuzweni

    Verse 200

    Hini na nina bakholwayo! Nyamezelani, nibe nomonde ngakumbi, nilondoloze ummandla wenu ngokubeka imikhosi yenu ime isigxina kwiindawo utshaba olunokunihlasela kuyo, Moyikeni uAllâh, khon’ukuze nibe nempumelelo

    Unexpected Application Error!

    Unexpected token '<', "<!DOCTYPE "... is not valid JSON

    SyntaxError: Unexpected token '<', "<!DOCTYPE "... is not valid JSON