Back to Languages
Xhosa - Chapter 4
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Verse 1
Hini na bantu! Yoyikani iNkosi yenu, Eyanidalayo ngesiqu esinye (uAdam). Waza kuso Wadala umfazi waso[(uHawwâ) uEva] Waza kubo bobabini Wadala inyambalala yamadoda nabafazi; kananjalo moyikeni uAllâh loWo ninkqanga (amalungelo enu omnye komnye) ngaYe ningawaqhawuli amaqhina ezibeleko (okuzalana). Inene, uAllâh Uhleli Enijongile
Verse 2
Nikani iinkedama iimpahla1 zazo ningatshintshi izinto zenu [ezingento yanto (ngezazo)] ezilungileyo; ningatyi izinto zazo (amafa) ngokuthi nongezelele ezenu ngazo. Inene esi sisono esikhulu
Verse 3
Ukuba ninoloyiko lokuba hleze ningakwazi ukuphathisana neenkedama eziziintombi ngobulungisa, tshatani ke ngoko abafazi enibathandileyo, ngambini okanye ngantathu okanye ngane; kodwa ukuba ninoloyiko lokuba hleze ningabaphathi ngobulungisa, makabe mnye kuphela okanye abo izandla zenu zokunene zibabambileyo2. Oko kusondele ekunithinteleni ningenzi intswela bulungisa
Verse 4
Kananjalo banikeni abafazi (enibatshatileyo) imahr3 ngentliziyo entle; kodwa ukuba bathe ngokuzithandela kwabo banipha inxalenye yayo, yithatheni niyonwabele ningenaloyiko lwangozi
Verse 5
Ke kaloku ningathathi ingqwebo yenu niyinike izidenge uAllâh Aninike yona Ayenze ukuba ibe yindlela yesixhaso senu, koko bondleni nibambese ngayo, nithethe amazwi obubele nobulungisa kubo
Verse 6
Zivavanyeni iinkedama zide zifikelele ebudaleni bokuba zitshate; ukuba ke nizifumanise ukuba zinengqiqo epheleleyo, zikhululeni iimpahla zazo, kodwa ningazidli ngokuzidyakraza, nigxabhagxabhisa kuba nisoyikisela ukuba ziza kukhula kananjalo lowo usisityebi (kwabo bangabagcini bazo) makangathathi ntlawulo, kodwa ukuba ulihlwempu, makazithabathele okuselungelweni ngobulungisa (ngokusebenza kwakhe) ke kaloku xa nizikhululela iimpahla zazo thabathani amangqina abekhona phambi kwazo; kananjalo uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Afake abantu embuzweni
Verse 7
Kukho isabelo sabo bangamadoda nesabelo sabo basetyhini koko kushiywe ngabazali nabo bazizizalwana zabo ezisondele kakhulu kubo (ngokuzalana) enokuba iimpahla (ezo zishiywe ngabazali) zincinci okanye zininzi na, isabelo sazo sisemthethweni
Verse 8
Ke kaloku ukuba izizalwana, neenkedama namahlwempu zibe khona xa kusabiwa ilifa, bapheni kwimpahla leyo, nithethe ilizwi lobubele nobulungisa kubo
Verse 9
(Ababi belifa) abo mababe noloyiko olunjengolo bebeza kuba nalo ukuba ibingabo abo bashiye abantwana ababuthathaka ngasemva. Ngoko ke maboyike uAllâh bathethe amazwi alungileyo
Verse 10
Inene abo badla iimpahla zeenkedama ngentswela bulungisa, abadli nto yimbi ngaphandle koMlilo eziswini zabo, baya kutshiswa eMlilweni odwanguzayo
Verse 11
Ngokuphathelene nelifa (emalifunyanwe) ngabantwana uAllâh Uniyalela ukuba: umntwana oyindoda makanikwe isabelo esilingana nezababini basetyhini. Ukuba ngaba ziintombi zodwa, ezimbini okanye ngaphezulu, isabelo sazo siya kuba zizithathu ezibini elifeni, ukuba inye kuphela, isabelo sayo siya kuba sisiqingatha selifa (elo). Kubazali, iya kuba sisahlulo sesithandathu kumntu ngamnye kubo ukuba umfi lowo ushiye abantwana ngemva. Ukuba akanabantwana, kuphela ngabazali bakhe abaziindlalifa, umama uya kufumana isithathu; ukuba umfi ushiye abantakwabo okanye (oodadewabo), umama uya kufumana isahlulo sesithandathu. (Ulwabiwo lwelifa lwenziwa) emva kokuhlawula onke amatyala nemiyolelo ashiye eyenzile. Ke nina anazi ukuba ngabaphi na kubo abasondeleyo kuni kubundlamafa, (anazi) nokuba ngabazali benu na nokuba ngabantwana benu na; (Ezi zi zabelo ezimiselweyo) zingumyalelo ka-Allâh. Yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 12
Ke kaloku oko kushiywe ngabafazi benu, isabelo senu siya kuba sisiqingatha ukuba bebengenabantwana, ukuba banomntwana, nofumana isine soko bakushiyileyo emva kokuhlawulwa kwamatyala nemiyolelo abashiye beyenzile. Koko kushiywe nini, isabelo sabafazi benu siya kuba sisahlulo sesine ukuba anishiyanga bantwana ngemva; kodwa ukuba nishiye umntwana, (abafazi benu) bofumana isahlulo sesibhozo soko kushiywe nini emva kokuhlawulwa kwamatyala nemiyolelo enishiye niyenzile. Ukuba indoda okanye owasetyhini olifa lakhe labiwayo akashiyanga bazali okanye udadewabo, ngamnye kwaba babini ufumana isahlulo sesithandathu; kodwa ukuba bangaphezulu kwesibini, baya kwabelana ngesahlulo sesithathu, emva kwamatyala nemiyolelo ashiye eyenzile, khon’ukuze kungabikho lahleko yenzekayo (nakuwuphi na kubo). Lo ngumyalelo ka-Allâh; kananjalo uAllâh nguSolwazi uSozinceba
Verse 13
Le yimiqathango (emiselwe) nguAllâh, nabani na othobela uAllâh noMthunywa waKhe (uMuhammad) uya kungeniswa eMiyezweni ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, ahlale apho, kwaye oko iya kuba yimpumelelo enkulu
Verse 14
Ke lowo ungaMthobeliyo uAllâh noMthunywa waKhe aze agabadele atsibe imiqathango yaKhe, Yena Uya kumphosa eMlilweni, ahlale apho ngonaphakade; kwaye uya kufumana isingcungcuthekiso esilihlazo
Verse 15
Abo basetyhini kuni benza ukrexezo4 thabathani ubungqina bamangqina amane phakathi kwenu ngokuchasene nabo; ukuba baye bangqina, bagcineni ezindlwini de ukufa kufike kubo okanye Ade uAllâh Aninike myalelo (wumbi)
Verse 16
Ke kaloku abantu ababini (indoda nomfazi) phakathi kwenu abenze isenzo sokukrexeza bohlwayeni bobabini. Ukuba bathe baguquka benza izenzo zobulungisa bayekeni. Inene uAllâh nguMxoleli uSozinceba
Verse 17
UAllâh Wamkela kuphela inguquko yabo benza ububi bengazi bebangwa nabubudenge baze baguquke emva koko; ngabo uAllâh Aya kubaxolela kananjalo uAllâh nguSolwazi uSobulumko
Verse 18
Ayinto yanto inguquko yabo baqhubeka nokwenza izenzo zokungcola kude ukufa kufikele omnye wabo aze athi: “Ngoku ndiyaguquka;” ukanti nabo bafa bengekakholwa. Bona Sibalungiselele isohlwayo esibuhlungu
Verse 19
Hini na nina bakholwayo! Anivumelekanga ukuthabatha abafazi nibenze ilifa lenu kungengantando yabo; kananjalo anifanelangakubaphathagadalala, ukuzenithabatheinxalenye yemahr enibanike yona, ngaphandle kokuba benze isenzo esicacileyo sokrexezo; hlalani nabo ngokuhloniphekileyo. Ukuba niyabachasa kungenzeka ukuba nichasa into ekuyeyona uAllâh Azisa okulunge kakhulu ngayo. `alayhi wasallam, wayalela ukuba indoda enomfazi wayo ebanjwe elukrexezweni nomfazi otshatileyo obanjwe elukrexezweni mabaxulutywe ngamatye bafe emva kokuba bevumile ngokwabo ukuba bayenzile loo nto okanye kubekho amangqina amane ababonileyo ngethuba besabelana ngesondo, hayi behamba kunye okanye behleli kunye okanye bencokola kunye koko makababone bedibene ngesondo
Verse 20
Ke ukuba nifuna ukuthatha omnye umfazi endaweni yomnye nibe sele nimnikile omnye kubo i’Kintâr6, musani ukuhlutha nentwana kuyo; ingaba nina beningayithabatha ngobugwenxa ngokungekho lungelweni nangokusesonweni esicacileyo
Verse 21
Ningathini ukuyihlutha ekubeni omnye ebesele eyile7 komnye, ukanti bona bebesele bethabathe umnqophiso kuni wesifungo ongqingqwa
Verse 22
Ke kaloku ningabatshati abafazi ababetshatwe ngootata benu; ngaphandle koko kwenzeka kwilixa eladlulayo; inene (oko) kwakulihlazo neyona nto ichaseke kakhulu, ikwayindlela engcolileyo
Verse 23
Abangavumelekanga kuni (ukuba nibatshate): ngoomama benu, iintombi zenu, odade wenu; oodadobawo benu, oomakazi benu, iintombi zabantakwenu, iintombi zoodade benu, umama (ongengowakho) okondlileyo ngokukuncancisa (ebeleni lakhe), iintombi ezingengodade benu enincanciswe belenilinye nazo, oomama babafazi benu, iintombi zabafazi benu eziphantsi kogcino lwenu, zizalwa ngabafazi benu esele ningenile kubo kodwa ke akusosono kuni (ukuzitshata) ukuba beningekangeni koomama bazo, abafazi boonyana benu abaphuma kwezenu izinqe neentombi ezimbini ezingoodade azinakwendela ndodeninye kuni ngaxeshanye8, ngaphandle koko sekwenzeke kwilixa elidlulileyo. Inene uAllâh nguMxoleli nguSozinceba
Verse 24
Abanye eningavumelekanga (ukubatshata) ngabafazi asele betshatile, ngaphandle kwamakhobokazana asesandleni senu sokunene. Umisa ngolo hlobo ke uAllâh kuni. Bonke abanye bavumelekile, ukuba nibafuna ngokomtshato ngemahr eniyithatha kwingqwebo yenu, nifuna ubunyulu, ningenzi zenzo zokudibana ngesondo ngokungekho mthethweni, ke abo nithe nonwabela ukwabelana nabo ngesondo, banikeni imahr yabo njengoko kumiselwe; kodwa ke ukuba nithe emveni kokuba besele nivumelene ngemahr nagqiba kwelokuba maniyongeze akukho sono kuni. Inene uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 25
Ke kaloku abo kuni bangenamandla okutshata abafazi abakholwayo, abakhululekileyo, bangatshata kwiintombi ezikholwayo zamakhoboka asesandleni senu sokunene. Kwaye uAllâh Unolwazi olugcweleyo ngokholo lwenu; omnyeungowomnyekuni. Batshateningemvumeyezizalwane zabo, nibanike imahr ngendlela eyamkelekileyo. Zona (iintombi ezingabathinjwa) mazibe ngabantu abanyulu ingabi ngabakrexezikazi, abarheletyayo. Kananjalo xa betshatiwe baza emva koko benza izenzo zokrexezo, isohlwayo sabo, siya kuba sisiqingatha sesabafazi abakhululekileyo, abangatshatanga9. Oku kuni kokwabo banoloyiko lokulinyazwa enkolweni yabo nasemizimbeni yabo; kodwa kuya kulunga kakhulu kuni ukuba nisebenzise ukuzibamba nokuzeyisa. Kananjalo uAllâh nguMxoleli, nguSozinceba
Verse 26
UAllâh Ufuna ukwenza kucace (okuvumelekileyo noko kungavumelekanga), kuni Anibonise neendlela zabo bangaphambili kunani, Amkele nenguquko yenu, uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 27
UAllâh Ufuna ukwamkela inguquko yenu, kodwa abo balandela iinkanuko zabo banqwenela ukuba nina bakholwayo niphambuke ngamandla nimke (eNdleleni eLungileyo)
Verse 28
UAllâh Ufuna ukunenzela lula; kananjalo umntu wadalwa waba buthathaka
Verse 29
Hini na nina bakholwayo! Musani ukutyelana ingqwebo yenu ngentswela bulungisa ngaphandle kokuba oko kulunaniselwano phakathi kwenu, ngemvumelwano eninayo phakathi kwenu. Kananjalo ningazibulali (ningabulalani). Inene uAllâh nguSozinceba kuni
Verse 30
Ke lowo wenze oko ngenjongo yokuhlasela nentswela bulungisa, Siya kumphosa eMlilweni, kwaye kulula oko kuAllâh
Verse 31
Ukubakeniyaziphephaizonoezikhulu, ezoningavumelekanga ukuba nizenze, Siya kunixolela izono zenu (ezincinane), Siningenise kwisango elihloniphekileyo (ePaladesi)
Verse 32
Kananjalo ninganqweneli izinto uAllâh Athe Wenza abanye benu ukuba bagqwese abanye ngazo. Amadoda aya kufumana umvuzo woko akusebenzeleyo, kanti nabafazi baya kuwufumana umvuzo woko bakusebenzeleyo. Ke kaloku cela uAllâh Akuphe iziBele zaKhe. Inene uAllâh nguMazi wezinto zonke
Verse 33
Kumntu wonke sinyule indlalifa yoko kushiywe ngabazali nezizalawana. Nakwabo nenze isibhambathiso (sobuzalwana nabo), banikeni isabelo sabo semfanelo. Inene uAllâh liNgqina phezu kwezinto zonke
Verse 34
Amadoda ngabakhuseli nabalondolozi babafazi ke ngoko uAllâh Wenze omnye kubo wamgqwesa omnye, kuba bathatha, bachithe kwabanako (ukubondla) ke ngoko abafazi abangabakhonzi benene baba nentobeko (kuAllâh nakubayeni babo) balondoloze okomyeni xa engekho yena oko uAllâh Abayalele ukuba bakulondoloze. Ke kaloku abo bafazi nibabona ukuba isimilo sabo sigwenxa, bayaleni [kuqala, (ukuba bayaqhubeka nokunganiphulaphuli)] musani ukwabelana nabo ngomandlalo (ukuba abayeki) nibabethe; kodwa ukuba babuyela enguqukweni, musani ukugrumba (uchuku kubo). Inene uAllâh Uphakamile Mkhulu
Verse 35
Ukuba ninoloyiko lokuphela kwemvisiswano phakathi (kwendoda nomfazi wayo) tyumbani abaxolelanisi babe babini, omnye ibe ngowakulomyeni omnye ibe ngowakulomfazi; ukuba bobabini bafuna uxolo uAllâh Uya kulwenza uxolelwaniso. Inene uAllâh Unolwazi lwezinto zonke
Verse 36
Kananjalo khonzani uAllâh ningayamanisi namnye kuYe. Baphathenikakuhleabazali,izihlobo,iinkedamanabasweleyo, ummelwane osondeleyo ngokuhlobana, ummelwane ongesosihlobo (sakho), umhlobo wakho osecaleni kwakho, umhambi (odibana naye) nabo basezandleni zenu zokunene. Inene uAllâh akabathandi abo banekratshi baqhayisayo
Verse 37
Abo bangamagqolo11 baze bayalele abanye ukuba babe nobugqolo, bafihle oko bakuphiwe nguAllâh kuvela kubuBele baKhe. Thina Silungiselele abo bangakholwayo isohlwayo esilihlazo
Verse 38
Nabo banikela ngegqwebo yabo besenzela ukubonwa ngabantu, bangakholwa nokukholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela (bangabahlobo bakaShaytân) ke lowo uzithabathela uShaytân ukuba abe ngumhlobo wakhe, unonjani yena ukuba mbi umhlobo
Verse 39
Ibiza kuba yintoni ilahleko kubo ukuba bebekholiwe kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, banikela ngamalizo koko uAllâh Abaphe kona ukuba kube sisixhaso sabo? Kananjalo uAllâh Unolwazi ngabo
Verse 40
Inene! UAllâh Akabenzi nobungangesuntswana elincinane ubugwenxakodwaukubakukhookulungileyo(okwenziweyo) Uyakuphindaphinda, Akhuphe kuYe umvuzo omkhulu
Verse 41
Kazi okokuba kuza kuba njani na ke xa Simisa ingqina kwisizwe ngasinye, Simise wena (Muhammad) ukuba ube lingqina ngokuchasene naba bantu! (amaMuslim nama- Arabhu ngokubanzi)
Verse 42
Ngaloo Mini abo bangakholwayo, bangamthobeliyo uMthunywa (uMuhammad), baya kunqwenela ukuba akwaba bebengabangcwatyiweyo phantsi komhlaba kodwa abasayi kukwazi ukufihla nokuba ibe nye inyaniso kuAllâh
Verse 43
Hini na nina bakholwayo musani ukusondela kwiSalâh nikwimeko yokunxila de niyazi into eniyithethayo naxa nikwimeko yokungahlambuluki12 ngaphandle kwamaxa nithabathe uhambo nisendleleni [kungekho manzi (okanye indlela yenu inqumla eMasjid] de nihlambe imizimba. Kanti ke xa nigula okanye niseluhambeni okanye omnye kuni uvela kuzikhulula kwindlu yangasese okanye benidibene (ngesondo) nabafazi, nize ningafumani manzi, yenzani itayammum ngomhlaba ococekiley, o nihlikihle ngawo ubuso benu nezandla, inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
Verse 44
Awubabonanga na wena abo babenikwe inxalenye yesiBhalo ukuba bathenga indlela egwenxa, baza banqwenelela nina ukuba nibe sekulahlekeni
Verse 45
UAllâh Unolwazi olugcweleyo ngeentshaba zenu, yaye uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMncedi
Verse 46
Phakathi kwabo bangamaYuda, kukho abasusa amazwi kwindawo yawo yemfanelo bathi: “Siyaliva ilizwi lakho (Muhammad) singathobeli,” sikumamela senze ungevi kwanto.” (Baze bathi): “Râ’inâ”, bagqwethe amalwimi abo begculela inkolo (yeIslam) ukanti ukuba babethe, “Siyeva, sithobele, senze siqonde”, bekuya kubalungela oko, kube koko kuchanekileyo; kodwa uAllâh Ubaqalekisile ngokungakholwa kwabo, ke kaloku bona abakholwa ngaphandle kwabambalwa (kubo)
Verse 47
Hini na nina babenikwe isiBhalo (maYuda nani maKhristu) kholwani koko Sikutyhilileyo (kuMuhammad) kungqina oko kukuni, Singekade Sonakalise ubuso (benu) Sibujike bujonge ngemva okanye Sibuqalekise njengoko Saqalekisa abaphuli beSabatha, kwaye uMyalelo ka-Allâh uhlala uphunyeleliswa
Verse 48
Inene uAllâh Akakuxoleli ukwayanyaniswa kwamahlulelane kuYe, kodwa Uyamxolela lowo Athande ukumxolela ngaphandle kowenze loo nto, Lowo wayamanisa amahlulelane kuAllâh, inene yena uziyilele isono esibi ngokugqithisileyo
Verse 49
Ingaba akuwabonanga na loo (maYuda naloo maKhristu) Abangela kuwo ubungcwele. Nakanye, uAllâh Ungcwalisa lowo Amthandileyo, yaye abazi kuphathwa ngentswela bulungisa enokuba ingangomsontwana wepete yedatilisi encwelwe yangumcwe omde
Verse 50
Khawujonge indlela abaqambe ubuxoki ngayo ngoAllâh, yaye oko kwanele kukodwa ukuba kube sisono esicacileyo
Verse 51
Awubabonanga na abo babenikwe inxalenye yesiBhalo? Babekholelwa kuJibit13 nakuTâghût14 baza bathi kumakholwa bona bangabona bakhokeleke ngcono kuneNdlela yamakholwa
Verse 52
Bona ngabo uAllâh Abaqalekisileyo, ke lowo uqalekiswe nguAllâh awusayi kumfumanela mncedi
Verse 53
Okanye mhlawumbi nabo banesabelo kulongamelo? Ukuba bekunjalo bebengazi kukwazi ukunika uluntu nentlantsi yento ekumva wepete yedatilisi
Verse 54
Okanye bamonela abantu (uMuhammad nabalandeli bakhe) ngoko uAllâh Abaphe kona kuvela kubuBele baKhe? Ngenene Sapha usapho lukaIbrâhîm iNcwadi nobulumko saza kananjalo Salunika ubukumkani obukhulu
Verse 55
Abanye kubo bayakholwa kuye (uMuhammad) bambi kubo bajika ubuso babo babujongise (kude) kuye; ke kaloku isiHogo sibafanele bona ukubatshisa
Verse 56
Inene!Abo baye bangakholwa kwiiVesi zeThu Siya kubatshisa eMlilweni. Zithi zisakutsha ziphele izikhumba zabo, Sibafake ezinye izikhumba khon’ukuze bave isohlwayo. Inene uAllâh Unamandla, nguSobulumko
Verse 57
Ke bona abo bakholwayo, benze izenzo zobulungisa, Siya kubangenisa eMiyezweni ekumpompoza amanzi ngaphantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade. Phakathi apho baya kuba nabalingane abanyulu, Size Sibangenise emithunzini ebanzi nanzulu (yePaladesi)
Verse 58
Inene uAllâh Uniyalela ukuba nibuyisele izinto ebenizigcinisiwe (nebenizibolekiwe) kubaninizo naxa nigweba phakathi kwabantu, gwebani ngobulungisa. Enjani yona ukulunga imfundiso eniyinikwa nguAllâh! Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona
Verse 59
Hini na nina bakholwayo! Thobelani uAllâh nithobele noMthunywa nabo benu basemagunyeni, ukuba ninento eningavisisaniyo ngayo, yibhekiseni kuAllâh noMthunywa waKhe ukuba niyakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Oko kokona kungcono nokona kulungileyo ukufikelela kwisigqibo esisiso
Verse 60
Akubaboni na abo (bahanahanisi) bathi bayakholwa koko kutyhilwe kuwe, nakoko kwatyhilwa ngaphambili kunawe, okokuba banqwenela ukuba makugwetywe [kwiimbambano zabo (ngabagwebi)] abangabenzi bobubi nangona babeyalelwe ukuba mabangabamkeli (abo bagwebi). Kodwa uShaytân ufuna ukubalahlekisa babe kude (eNdleleni ethe Tye)
Verse 61
Kananjalo xa kusithiwa kubo, “Yizani koko uAllâh Akutyhilileyo nakuMthunywa,” uya kubabona abahanahanisi betshikila bekufulathela ngenxa yenkcaso
Verse 62
Kazi okokuba kuza kuba njani na xa behlelwa lishwangusha phezu kwabo ngenxa yoko kwenziwe zizandla zabo, bona bafika kuwe befunga ngoAllâh (besithi): “Besingafuni nto yimbi thina ngaphandle koxolelwaniso!”
Verse 63
Bonabangabo(bahanahanisi) uAllâhAkwaziyookusezifubeni zabo, ke ngoko yithi gu bucala kubo (ungabohlwayi) kodwa balumkise; uthethe ilizwi elinemvakalo kubo ligqobhozele emiphefumlweni yabo
Verse 64
ASizanga Sithumele Mprofeti (Singamthumeleli) ukuba athotyelwe ngemvume ka-Allâh. Ukuba bona (abahanahanisi) bebethe besakuzona imiphefumlo yabo beza kuwe (Muhammad), bacela itarhu kuAllâh, noMthunywa wabacelela itarhu: Inene bebeza kuMfumana uAllâh EnguMxoleli, uSozinceba
Verse 65
Kodwaakunjalo,(Ndifunga) ngeNkosiyakho, abanakukholwa de benze wena ugwebe phakathi kwabo kwiimbambano zabo, baze bangafumani kuphikiseka kuzo (izigwebo zakho) bazamkele ngokuzinikele ngokupheleleyo
Verse 66
Kanti ke ukuba beSisuke Sabayalela (Sathi), “Zibulaleni”15 okanye (Sithi): “Shiyani amakhaya enu,” bebeya kuba mbalwa kakhulu kubo abebeza kuyenza loo nto; kodwa ukuba bebekwenzile oko babeyalelwe kona bekuya kulunga kakhulu kubo oko, kwaye bekuza komeleza (ukholo) lwabo
Verse 67
Inene beSiya kubapha umvuzo omkhulu ovela kuThi
Verse 68
Kananjalo beSiya kubakhokelela eNdleleni ethe Tye
Verse 69
Abo bathobela uAllâh no Mthunywa (uMuhammad) baza kuba kwiqela labo uAllâh Athululele uBabalo lwaKhe phezu kwabo, (babe)] kwiqela labaProfeti, abanyanisekileyo, abafelukholo namalungisa. Anjani wona ukuba nyulu amadlelane
Verse 70
Obo bubuBele obuvela kuAllâh, kwaye uAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMazi weento zonke
Verse 71
Hini na nina bakholwayo! Hlalani nilumkile (ngalo lonke ixesha) yiyani phambili (edabini) ningamaqela ngamaqela okanye niye phambili nonke ngaxeshanye
Verse 72
Ngokungathandabuzekiyo phakathi kwenu ukhona onga angashiyeka ngasemva (angayi kulwa eNdleleni ka-Allâh). Xa nithe nahlelwa lilishwa, uthi yena: “Inene uAllâh Undithandile (Wandenza) ukuba ndingabikho phakathi kwabo”
Verse 73
Kodwa xa ubuBele (uloyiso nexhayelo) bunifikele buvela kuAllâh (aqale) athi, ngokungengathi azanga kwabakho maqhina abuhlobo phakathi kwenu naye: “Kwowu madoda! Akwaba bendikunye nabo; bendiya kuzuza impumelelo enkulu (isabelo esihle sexhayelo)”
Verse 74
Ke kaloku loo makholwa athengisa ngobomi (bawo) beli hlabathi (ebuthengisela) uBomi oBuzayo makalwe eNdleleni ka-Allâh, (kuba) lowo ulwa eNdleleni (ka-Allâh), aze abulawe okanye azuze uloyiso, Siya kumnika umvuzo omkhulu
Verse 75
Yintoni kanye ngani ukuba ningalwi eNdleleni ka-Allâh, (nilwele) nabo bangenamandla (okuzikhusela), baphethwe kakubi, bacinezelekileyo eluntwini, abafazi nabantwana, abasikhalo sabo sikukuthi: “Nkosi yethu! Khawusisindise kwesi sixeko sibantu baso bangabacinezeli; Usivelisele umntu ovela kuWe oza kusikhusela, Usivelisele kananjalo umntu ovela kuWe oza kusinceda”
Verse 76
Abo bakholwayo, balwa eNdleleni ka-Allâh, babe bona abo bangakholwayo besilwa endleleni yongendawo (uShaytân). Ngoko ke yilwani ngokuchasene nabahlobo bakaShaytân. Inene iyelenqe likaShaytân lahlala lingento yanto
Verse 77
Awubabonanga na wena abo babexelelwe ukuba babambe izandla zabo (ekulweni) benze iSalâh, banikele ngeZakâh kodwa kwathi kusakuyalelwa ukuba balwe; iqela elithile kubo lasuka loyika abantu langa loyika uAllâh okanye nangaphezulu. Bathi: “Yini na Nkosi yethu ukuba Usiyalele ukuba silwe? Awungesiniki ixesha elifutshane na Usimele?” Yithi wena: Eyona nto imfutshane lulonwabo lwalo mhlaba. UBomi oBuzayo bulunge ngaphaya kulowo uMoyikayo uAllâh, kwaye anizi kuphathwa ngentswela bulungisa (Nditsho) nengangomsonto oncwelwe wamde wepete yedatilisi
Verse 78
Naphi na apho nikhoyo, ukufa kuza kunifikela enokuba ningade nibe sezinqabeni ezakhiwe zaqina zaphakamela phezulu (kangakanani na)! Ukanti xa okulungileyo kubafikele bathi, “Oku kuvela kuAllâh,” kodwa bathi xa ububi bubahlele, bathi, “Oku kuvela kuwe (Muhammad)”. Yithi ke wena: Zonke izinto zivela kuAllâh, ngoko ke yintoni egwenxa ngaba bantu ukuba baswele ukuqonda naliphi na ilizwi
Verse 79
Nantoni na elungileyo ekuhlelayo, isuka kuAllâh, Ukanti nantoni na engendawo ekuhlelayo, isuka kwisiqu sakho, kwaye wena (Muhammad) Sikuthumele ukuba ube nguMthunywa eluntwini, yaye uAllâh Wanele (Eyedwa) ukuba abe liNgqina
Verse 80
Lowo uthobela uMthunywa (uMuhammad), uthobela uAllâh, ke lowo ujibilikayo, wena (Muhammad) Asikuthumelanga ukuba ube ngumlondolozi wabo
Verse 81
Bathi: “Siyathobela,” kodwa besakuba bemkile kuwe (Muhammad) iqela elithile kubo lichithe ubusuku bonke liqulunqa ngokuchasene noko ukuthethayo. Kodwa uAllâh Ubhala phantsi (amayelenqe abo obusuku) yithi gu bucala, usuke kubo ubeke ithemba lakho kuAllâh. UAllâh Wanele Eyedwa ukuba Abe nguMlawuli wemicimbi yenu
Verse 82
Abayithabatheli ngqalelo na i’Kur`ân? Ukuba ibivela komnye ongengoAllâh bebeya kufumana ukungangqinelani okuninzi kuyo
Verse 83
Bathibakufikelwanokubayintoninaenxulumenenokhuseleko okanye uloyiko, bayibhengeze (eluntwini lonke); kanti ukuba bebenokuyazisa uMthunywa okanye (bayazise) abo balawulayo phakathi kwabo, abaphandi bokwenene bebeza kuyiqonda (kakuhle) kubo. Ukuba bekungekho ngenxa yenceba ka-Allâh kuni, ninge nilandele uShaytân ngaphandle kwabambalwa kuni
Verse 84
Ke (wena Muhammad) yilwa eNdleleni ka-Allâh, wena (awuzi kuthabatha xanduva lwamntu) ngaphandle kwesiqu sakho, kananjalo phembelela amakholwa (ukuba nawo aye kulwa kunye nawe), kungenzeka okokuba uAllâh Uza kuwabamba amandla angendawo abangakholwayo. UAllâh Unamandla kakhulu Unamandla nasekohlwayeni
Verse 85
Lowo ucengela okulungileyo uya kufumana umvuzo woko, nalowo ucengela okungcolileyo uza kufumana isahlulo kumthwalo woko. UAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
Verse 86
Xa nibuliswa ngombuliso, nina bulisani ngongcono kunawo xa niwubuyisa umbuliso lowo kungenjalo wubuyiseni ngolingana kwanalowo beniwunikiwe. Inene uAllâh nguMmisi matyaleni Onocoselelo ngaphezu kweento zonke
Verse 87
UAllâh akukho thixo ngaphandle kwaKhe inene Yena Uza kuniqokelela ndawonye nonke ngeMini yoVuko, (Mini leyo) kungekho ntandabuzo ngayo. Ngubani na onenyaniso ngaphezu koAllâh
Verse 88
Yintoni na kanye ngani ukuba nahlukane nibe ngamaqela amabini ngokuphathelene nabahanahanisi? UAllâh Ubabuyisele emva (ekungakholweni) ngenxa yoko bazenze kona. Ingaba wena ufuna ukukhokela lowo uAllâh Amenze walahleka? Kwaye lowo uAllâh Amenze walahleka, asokuze umfumanele neyiphi na indlela
Verse 89
Baninqwenelela ukuba nilahle ukholo nina njengoko nabo balulahlayo, nize ngaloo ndlela nifane nabo. Ke nina musani ukubathabatha nibenze iitshomi zenu de bafuduke ngokwecebo lika-Allâh (baye kuMuhammad eMadinah), kodwa ukuba baye bakreqa (kwi-Islam), babambeni nibabulalele naphi na apho nibafumana khona. Kananjalo ningabathabathi (abanye babo nibenze) iitshomi nabancedisi (benu) kubo
Verse 90
Ngaphandle kwabo bazimanya neqela eliphakathi kwenu, neninesivumelwano (soxolo) nalo, nabo beza kuni ezintliziyweni zabo bebophelelekile ukuba bangalwi nani bekwabophelelekile ukuba bangalwi nabantu bakubo. Ukuba uAllâh Ebethanda, inene Ebengabanika amandla phezu kwenu, yaye bebeza kunilwa. Ke ngoko ukuba bayarhoxa kuni, bangalwi nani banikeni uxolo, uAllâh Akanivulelanga ndlela ngokuchasene nabo
Verse 91
Nakubafumana abanye benqwenela ukuba selukhuselekweni lwenu, babe selukhuselekweni nakubantu bakubo. Maxa onke bebuyiselwa ekuhendweni bayanikezela kuko. Ke kaloku ukuba abasuki kuni, banganiniki luxolo, bangazibambi izandla zabo (ekunilweni) bathatheni nibabambe nibabulale naphi na apho nibafumana khona. Kumcimbi wabo (banjalo) Sininikile igunya elicacileyo ngokuchasene nabo
Verse 92
Akulolungelo kwikholwa ukuba libulale ikholwa ngaphandle kokuba oko kwenzeke ngempazamo; ke lowo ubulele ikholwa makakhulule ikhoboka elikholwayo ahlawule (nemali yegazi)17 eyimbuyekezo, inikwe usapho lomfi ngaphandle kokuba bayayala (besenza inceba). Ukuba umfi ube ngowecala labantu abalwa nani kodwa elikholwa yena, ukukhulula ikhoboka likholwayo (kungummiselo kuni):ukuba ebengowecala labantu eninesivumelwano sokwenza imbumba nabo, imali yegazi mayihlawulwe nini kusapho lwakhe, kukhululwe nekhoboka elikholwayo. Nabani na ke osifumana esi sohlwayo (sokukhulula ikhoboka) singaphaya kwamandla, (akhe) uya kuzila iinyanga ezimbini zilandelelana ngendlela yokufumana inguquko kuAllâh. UAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 93
Nabani na obulele ikholwa ngabom, imbuyekezo yakhe iya kuba sisiHogo, ahlale apho, ngonaphakade, ingqumbo ka- Allâh nesiqalekiso sika-Allâh, zibe phezu kwakhe, yaye isohlwayo esikhulu silungiselelwe yena
Verse 94
Hini na nina bakholwayo! Xa nisiya (kulwa) eNdleleni ka- Allâh, yiphandeni (inyaniso) ningathi kumntu onibulisayo (ngokwamkela i-Islam nithi): “Awulilo ikholwa wena” kuba nifuna izinto eziphinda ziphele zeli hlabathi. Zininzi ngaphaya kokuqonda iinzuzo namaxhayelo kuAllâh. Njengoko yena esenjalo okwakaloku nje nani naninjalo ngaphambili Wada uAllâh Wanenzela uBabalo lwaKhe, ke ngoko, qaphelisisani kubandlululo lwenu. UAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
Verse 95
Abo bangamakholwa bahlala (ekhaya), ngaphandle kwabo baziimbedlenge, (nabalimeleyo), abalingani nabo bazabalaza nzima balwe eNdleleni ka-Allâh ngobutyebi babo nangobomi babo. UAllâh Ubahlele ngokwamahlelo abo bazabalaza nzima balwe ngobutyebi babo nangobomi babo, bangentla kwabo bahlala (ekhaya). Kuye ngamnye kubo uAllâh Uthembisa (ngePaladesi), kodwa uAllâh Uthanda abo balwayo ngaphezu kwabo bahlala [ekhaya (yaye) Uza kubanika] umvuzo omkhulu
Verse 96
Amabakala (aphakamileyo) avela kuYe, noxolelo nenceba. Kwaye uAllâh nguMxoleli Ohlala Enenceba
Verse 97
Inene! Abo iingelosi zibathathayo (ekufeni) lo gama bezenze gwenxa iziqu zabo (njengoko baye bahlala nabantu abangakholwayo nangona ukufuduka kwakunyanzelekile kubo, iingelosi ziya kuthi (kubo): “Nanikwimeko enjani nina (ehlabathini)?” Baphendule: “Sasibuthathaka, sicinezelekile emhlabeni”. Zize (iingelosi) zithi: “Ingaba umhlaba ka-Allâh wawungebanzanga ngokwaneleyo na ukuba nifuduke apho nanikhona?” Abo bantu banjalo baya kufumana ikhaya labo esiHogweni, esinjani ukungcola sona isiphelo sohambo
Verse 98
Ngaphandle kwabo bangenamandla nabacinezelekileyo, amadoda, abafazi nabantwana abangenandlela yimbi abanokwenza ngayo, bengenalo necala abanokuya kulo
Verse 99
Kubo aba, kukho ithemba lokuba uAllâh Uya kubaxolela kuba uAllâh Uyazihlambulula izono, Axolele Aphinde Axolele
Verse 100
Lowo ufudukayo (emke kowabo) ngenxa ka-Allâh uya kufumana emhlabeni iindawo zokuhlala ezininzi nokuphila okuninzi ngoAllâh. Kananjalo lowo ushiya iwabo aze abe ngumngcucalazi ka-Allâh noMthunywa waKhe, aze asutywe kukufa, inene umvuzo walowo uyimfuneko enkulu ukuba awufumane kuAllâh kwaye uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
Verse 101
Kananjalo nina xa niseluhambeni elizweni, akuyi kuba sisono kuni ukuba niyayifinyeza iSalâh ukuba ngaba noyikisela ukuba abangakholwayo banganifaka enkathazweni, inene abangakholwayo baya kuhlala beziintshaba zenu eziselubala
Verse 102
Xa wena (Muhammad) ukunye nabo (ubakhokele kwiSalâh) elinye iqela labo maliphakame (lithandaze) kunye nawe liphethe izikhali zalo, bakugqiba ukuguqa nokuqubuda mababambe iindawo zabo ngemva, kuze elinye iqela ebe lingekathandazi (iSalâh) lize kuthandaza nawe lihlale linako konke ukulumka, liphethe izikhali (zalo).Abo bangakholwayo banqwenela okokuba akwaba beningenankathalo ngezikhali zenu nemithwalo yenu, khon’ukuze banihlasele ngesihlandlo esinye, kodwa (noko kunjalo) akuyi kubakho sono kuni ukuba nithe nazibeka phantsi izikhali zenu ngenxa yokuphazanyiswa yimvulakanyengenxayokubanigula, kodwahlalaninilumkile ngalo lonke ixesha. Inene, uAllâh sele Ebalungiselele sohlwayo esisisonyeliso abangakholwayo
Verse 103
Nakugqiba ukwenza iSalâh, mkhumbuleni uAllâh nimi ngeenyawo, nihleli phantsi, (naxa nilele) ngamacala enu, kodwa nakuzifumana ningekho ngozini yenzani iSalâh, inene iSalâh ingummiselo kumakholwa ngamaxesha ayo amiselweyo
Verse 104
Ningabi yekeyeke ekuleqeni utshaba; ukuba ngaba niva ubunzima, nabo oku kwabo beva ubunzima njengoko nani nibuva, kodwa nina ninethemba elivela kuAllâh abangenalo bona, uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 105
Inene Thina Sikuthumelele iNcwadi (i’Kur’ân) ngenyaniso khon’ukuze ukwazi ukugweba phakathi kwabantu ngoko uAllâh Akubonise kona, ke ngoko uze ungabi ngomthetheleli wezingcoli
Verse 106
Kananjalo cela itarhu kuAllâh, Inene, uAllah nguMxoleli, uSozinceba
Verse 107
Uze ungaxoxi uthethelele abo bazikhohlisayo, Inene, uAllâh Akathandi namnye ongumngcatshi, nongumoni
Verse 108
Bangafane bazifihle izono zabo ebantwini, kodwa angekhe bazifihle kuAllâh kuba Yena Usoloko Enabo (ngolwazi lwaKhe), xa bequlunqa ngobusuku amazwi Angawathandiyo, yaye uAllâh Uhlala: Ekujongile oko bakwenzayo
Verse 109
Ke kaloku nina ningabo babathethelelayo kubomi beli hlabathi, kazi ngubani na oza kuba ngummeli wabo ngoMhla wokuGqibela
Verse 110
Nabani na owenza ukungcola okanye azone umphefumlo wakhe kodwa emva koko acele itarhu kuAllâh uya kumfumana uAllâh EnguMxoleli, uSozinceba
Verse 111
Lowo uzuze isono usizuzele yena kuphela. Yena uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 112
Ke lowo uzenzele isiphoso okanye isono, aze atyhole mntu wumbi ngaso ongenatyala, inene lowo uzithwalise umthwalo wokuxoka usesonweni ngokucacileyo
Verse 113
Ukuba uBabalo neNceba ka-Allâh belungekho phezu kwakho (wena Muhammad) inene iqela elithile kubo ngelenze isigqibo sokukulahlekisa, kodwa (enyanisweni) abalahlekisi namnye umntu ngaphandle kokuzilahlekisa kwabona buqu, kwaye akukho ngozi banokuyenza kuwe. UAllâh Uthumele kuwe iNcwadi (i’Kur`ân nobulumko, Wakufundisa noko ube ungakwazi), ke ngoko lukhulu uBabalo luka-Allâh kuwe wena (Muhammad)
Verse 114
Akukho kulunga kuninzi lweencoko abazenza ekhusini ngaphandle kwalowo uyalela ukunikezelwa kwamalizo okanye ukwenziwa kokulungileyo okanye uxolelaniso phakathi koluntu; kwaye lowo wenza oku ngenxa yokufuna ukukholisa uAllâh. Thina Siya kumnika umvuzo omkhulu
Verse 115
Nabani na ophikisa, achase uMthunywa (uMuhammad) emva kokuba iNdlela elungileyo sele iveziwe kuye, aze alandele ndlela yimbi engeyiyo eyamakholwa, Siya kumgcina lowo kuloo ndlela azikhetheleyo, Size Simtshise esiHogweni, esinjani sona (ukuba sibi) isiphelo sohambo
Verse 116
Inene uAllâh Akasixoleli (isono) sokwayamanisa amahlulelane kuYe, kodwa Uyamxolela lowo Athandeukumxolela izono ezingesiso eso, lowo wayamanisa amahlulelane kunqulo luka-Allâh, ulahleke wakude lee (eNdleleni ethe Tye)
Verse 117
Bona (bonke abo banqula ezinye izinto ezingenguYe uAllâh); abanquli nto yimbi ngaphandle kwezithixwazana ezingenguYe (uAllâh), kwaye abanquli nto yimbi ngaphandle koShaytân, owahlala engumgwiliki
Verse 118
UAllâh Wamqalekisa (uShaytân) waza wathi uShaytân: “Mna ndiya kuzithabathela iqela elithile lezicaka zaKho
Verse 119
Inene bona ndiya kubalahlekisa, yaye kananjalo ndiya kubaphembelela iinkanuko zobuxoki; ndibayalele ukuba bacazulule iindlebe zezilwanyana (iinkomo, iigusha nezinye), kananjalo mna ndiya kubayalela ukuba bayitshintshe indalo eyadalwa nguAllâh. Ke kaloku lowo uzithabathela uShaytân ukuba abe ngumncedi wakhe endaweni ka-Allâh, lowo inene uselahlekweni ecace gca
Verse 120
Yena (uShaytân) wenza izithembiso kubo, aze abavuselele iinkanuko zobuxoki, kanti izithembiso zikaShaytân azinto yanto ngaphandle kokuba yinkohliso
Verse 121
Ikhaya labo banjalo sisiHogo, kwaye abayi kufumana neyiphi na indlela yokuphuncula kuso
Verse 122
Kodwa abo bakholwayo, benze izenzo zobulungisa, Thina Siya kubangenisa eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, baze bahlale apho ngonaphakade. Isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. Kanti ngakabani na amazwi ayinyaniso ukugqitha aka-Allâh
Verse 123
Akuyi kwenzeka ngokwentando yenu (neminqweno) yenu nina (maMuslim), ndawonye nabo bangaBantu beNcwadi nabani na lowo wenza ukungcola, uya kufumana imbuyekezo yako, yaye akayi kufumana mkhuseli namncedi ngaphandle koAllâh
Verse 124
Ukanti lowo wenza izenzo zobulungisa, oyindoda okanye ongowasetyhini, olikholwalokwenene, abanjalobazakungena ePaladesi, kwaye akuyi kubakho nengakanani na intswela bulungisa eya kwenziwa kubo nditsho nengangesuntswana elikumva wepete yedatilisi
Verse 125
Ngubani ongcono enkolweni ngaphezulu kwalowo uzinikeleyo kuAllâh, aze abe yi’Muhsin’18 alandele inkolo kaIbrâhîm umHanîfa19 kananjalo uAllâh Wamthabatha uIbrâhîm Wamenza umhlobo waKhe
Verse 126
Kananjalo zezika-Allâh zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni. UAllâh Usoloko Ezirhangqele zonke izinto
Verse 127
Bayakubuza ngomyalelo ongumthetho omayela nabasetyhini, yithi: uAllâh Uyaniyalela ngabo, nangoko kucengcelezwa kuni kuseNcwadini kuphathelene neenkedama eziziintombi eningazinikiyo isahlulo esisemthethweni sazo nibe kwanina ninqwenela ukuzitshata, ke kaloku ngokuphathelene nabantwana ababuthathaka abacinezelekileyo nize nina nime niqine nimele ukwenziwa kobulungisa kwiinkedama kanti nabuphi na ubulungisa enibenzayo, uAllâh Uya kusoloko Enolwazi ngabo
Verse 128
Ukuba ngaba umfazi woyikisela inkohlakalo okanye ukushiywa yindoda, akuyi kubakho sono kubo ukuba benza izivumelwano zoxolo phakathi kwabo; yaye ukwenza uxolo yiyona nto ilungileyo, intonayo iintliziyo zabantu zikhukuliseka nokunyoluka, kodwa ke ukuba nenza ubulungisa nizikhwebule ekungcoleni, inene, uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
Verse 129
Anisokuze nikwazi ukwenza ubulungisa obufezekileyo kubafazi benu enokuba ningada ninqwenele ukwenza oko ngenzondelelo engakanani na, ke musani ukutyekela kakhulu ngakomnye kubo (nibayeke abanye bengahoyekanga) kanti ke ukuba nenza ubulungisa, nenze konke okulungileyo, noyike uAllâh ngokuzigcina kude kwizinto ezigwenxa, uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
Verse 130
Ukuba bayahlukana (ngoqhawulo mtshato), uAllâh uya kubonelela umntu ngamnye ngendyebo evela kubuBele baKhe. UAllâh nguMboneleli Owaneleyo ukunika indalo yaKhe iimfuno zayo, nguSobulumko
Verse 131
Kananjalo zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni zezika- Allâh.Yaye Sacebisa aBantu beNcwadi ngaphambili kunani, nakuni maMuslim (Sithi): yoyikani uAllâh nigcine uxanduva lwenu kuYe, kodwa ukuba anikholwa, (yazini okokuba) zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni zezika-Allâh, kwaye uAllâh Wahlala esisiTyebi, Ufanelwe ziindumiso zonke
Verse 132
Kananjalo zezika-Allâh zonke izinto ezisemazulwini nasemhlabeni. Yaye uAllâh Wanele eYedwa ukuba Abe nguMlungelelanisi wemicimbi
Verse 133
Ukuba Uyathanda, Usenokuniguzula, nina bantu! Aphinde Avelise abanye. UAllâh Unamandla ngaphezulu kweento zonke
Verse 134
Lowo unqwenela (ukufumana) umvuzo wakhe kubomi beli hlabathi; ke kaloku umvuzo wobomi beli hlabathi nowoBomi oBuzayo ukuAllâh (Yedwa). Kananjalo uAllâh nguSokuva, uSokubona
Verse 135
Hini na nina bakholwayo! Yimani nomelele, niqinele inyaniso nibe ngamangqina ka-Allâh, enokuba oko kuya kuba kuchasene na nani buqu, okanye abazali benu, okanye izizalwana zenu, enokuba ngabazizityebi na okanye abangamahlwempu. UAllâh nguYena Mkhuseli Ulungileyo kubo (kunani). Musani ke ukulandela iminqweno yenu kuba hleze niphambuke ekwenzeni ubulungisa; ke kaloku ukuba nithe nabugqwetha ubungqina okanye nala ukubunika, inene, uAllâh Ukwazi kakuhle oko nikwenzayo
Verse 136
Hini na nina bakholwayo! Kholwani kuAllâh, noMthunywa waKhe (uMuhammad), nakwisiBhalo (i’Kur’ân) Asityhile kuMthunywa waKhe, nakwisiBhalo Asityhile kwabo bangaphambili (kunaye). Nabani na lowo ungakholwayo kuAllâh, kwiingelosi zaKhe, kwiziBhalo zaKhe, kubaProfeti baKhe, nakwiMini yokuGqibela, onjalo ulahleke wakude lee (eNdleleni eNgqalileyo)
Verse 137
Inene abo bakholwayo, baphinde bangakholwa, baqhubeke okungakholwa; uAllâh Akayi kubaxolela, Engayi kubakhokelela nokubakhokelela (eNdleleni ethe Tye)
Verse 138
Nika iindaba zovuyo kubahanahanisi zokuba okwabo iya kuba sisohlwayo esingcungcuthekisayo
Verse 139
Abo bathabatha abangakholwayo babenze abahlobo babo endaweni yabakholwayo, ingaba bafuna intlonipheko, ulawulo okanye ukuzukiswa ngabo? Inene lonke uzuko, intlonipheko, namandla ngaka-Allâh
Verse 140
Kananjalo sele kutyhiliwe kuwe esiBhalweni (i’Kur’ân) okokuba xa usiva iiVesi zika-Allâh ziphikwa, zigculelwa wena musa ukuchopha nabo (benza loo nto) de bancokole ncoko yimbi kunaleyo. (Kodwa ukuba ubunokuhlala nabo) inene ubuza kuba ngomnye wabo banjengabo. UAllâh Uza kubaqokelela ndawonye abahanahanisi esiHogweni
Verse 141
Abo (bahanahanisi) balindela, babukele nina; xa nizuze uloyiso oluvela kuAllâh, bathi: “Besingekho kunye nani na?” kodwa bathi ukuba abangakholwayo baye bazuza impumelelo, bathi (kubo): “Ayisithi na abaye baba nobunkcubabuchopho kunani, asinikhuselanga ke kumakholwa?” UAllâh Uza kugweba phakathi kwenu (nonke) ngoMhla woVuko. Engasokuze uAllâh Anike abangakholwayo indlela yokuba noloyiso phezu kwamakholwa
Verse 142
Inene abahanahanisi banga bangakhohlisa uAllâh, kodwa (isuke) ibe nguYe Okhohlisa bona. Naxa bephakamela ukwenza iSalâh bema ngokunqena besenzela ukubonisa abantu, yaye bona abamkhumbuli uAllâh, ngaphandle (njee) kokukancinane
Verse 143
Bayahexa-hexa phakathi koku nokuyaa; bathi bengapha babe bengaphaya, ke lowo uAllâh Amyekele ekulahlekeni, akuyi kumfumanela iNdlela ethe Tye
Verse 144
Hini na nina bakholwayo! Musani ukuthabatha abangakholwayo nibenze abahlobo benu endaweni yabakholwayo. Ingaba nifuna ukunika uAllâh ubungqina obucacileyo ngokuchasene nani kusini na
Verse 145
Inene abahanahanisi baya kuba ngabona bangaphantsi eMlilweni, yaye akuyi kubafumanela mncedi bona
Verse 146
Ngaphandle kwabo baguqukayo (ebuhanahanisini), benze ubulungisa, babambelele nkqi kuAllâh, bahlambulule inkolo yabo ngenxa ka-Allâh, abo ke baya kuba kunye namakholwa. Kananjalo uAllâh Uza kupha amakholwa umvuzo omkhulu
Verse 147
Uza kunohlwayela ntoni uAllâh ukuba niyawenza umbulelo kuYe nikholwa nokukholwa kuYe. UAllâh nguSokubulela, uSolwazi
Verse 148
UAllâh Akathandi ukuba okungcolileyo kuthethwe esidlangalaleni ngaphandle kokuba (kuthethwa) ngulowo woniweyo. UAllâh nguSokuva, uSolwazi
Verse 149
Enokuba nina bantu nikuveza elubala na okulungileyo (enikwenzelweyo) okanye nikufihle, okanye nixolele okungalunganga (okwenziwe kuni) Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba, nguSomandla
Verse 150
Inene abo bangakholwayo kuAllâh nakubaThunywa baKhe, banqwenele ukwenza umahluko phakathi koAllâh nabaThunywa baKhe (ngokukholwa kuAllâh kodwa bangakholwa kubaThunywa baKhe), besithi, “Siyakholwa kwabanye kodwa asikholwa kwabanye”, bafune ukuthabatha indlela ephakathi
Verse 151
Inene bona bangabangakholwayo. Yaye abangakholwayo sibalungiselele isohlwayo esilihlazo
Verse 152
Ke kaloku abo bakholwa kuAllâh nakubaThunywa baKhe bangenzi mahluko phakathi kwakhe nawuphi na kubo, siya kubanika imivuzo yabo; uAllâh nguMxoleli Ohlala Enenceba
Verse 153
Abantu beNcwadi bakucela ukuba wenze incwadi ihle ize kubo isuka ezulwini. Inene bona bacela uMûsâ ukuba enze izinto ezinkulu nangaphezulu kunaleyo, xa bathi kuye: “Khawusibonise uAllâh ekuhleni”, kodwa babethwa ngeendudumo zezulu nokubaneka ngenxa yokungcola kwabo. Bakhonza nethole emva kokuba imiqondiso ecacileyo ifikile kubo, kanti nangoko Sabaxolela. Sanika uMûsâ umqondiso ocacileyo wolawulo
Verse 154
Kananjalo ngenxa yomnqophiso wabo, Saphakamisa intaba phezu kwabo (Saphinda kwesinye isihlandlo) Sathi (kubo): “Ngenani elusangweni niqubude ngokuzithobileyo.” Kananjalo Sabayalela ukuba: “Musani ukugabadela ngomhla weSabatha, Sathabatha kananjalo umnqophiso oqinisekisiweyo kubo
Verse 155
Ngenxa yokwaphula kwabo umnqophiso wabo nangenxa yokungazamkeli kwabo iiVesi zika-Allâh, nangenxa yokugwinta kwabo abaProfeti ngokungekho lungelweni, nangenxa yokuthi: “Iintliziyo zethu ziqanyangelwe”. Nakanye, uAllâh Ufake itywina ezintliziyweni zabo ngenxa yokungakholwa kwabo, ke kaloku abakholwa bona ngaphandle njee kokukancinane
Verse 156
Ngenxa yokungakholwa kwabo nokuthetha izityholo ezimasikizi ngoMaryam
Verse 157
Nangenxa (yokuqhayisa) bathi: “Sambulala uMesiya u’Isâ (uYesu) unyana kaMaryam, uMthunywa ka-Allâh, kodwa bengazanga bambulale, bengazanga bambethelela nasemnqamlezweni, koko imfano (imbonakalo) ka’Isâ (yaba kumntu wumbi), ke abo bakuphikisayo oku bazele ziintandabuzo, abalandeli nto yimbi ngaphandle koqash- qash, kuba ngenene, abazanga bambulale
Verse 158
Kodwa yena uAllâh Wamnyusela kuYe. Yaye uAllâh nguSomandla, uSobulumko
Verse 159
Kwaye akukho namnye kuBantu beNcwadi ongayi kunyanzeleka ukuba akholwe kuye (u’Isâ) phambi kokufa kwakhe. Kananjalo ngoMhla woVuko yena uya kuba lingqina ngokuchasene nabo (aBantu beNcwadi)
Verse 160
Ngenxa yezenzo ezigwenxa zamaYuda, Senza izidlo ezithile ukuba zibe yinqambi kubo ezazikade zivumelekile kubo nangenxa yokuthintela abanye ukuba (bangangeni) eNdleleni ka-Allâh
Verse 161
Nangenxa yokuba bathabatha iRibâ, Ribâ leyo babengavunyelwanga ukuba bayitye nokuba bangatyi iingqwebo zabanye abantu ngobugwenxa (ngokunyobisa). Ke kaloku abangakholwayo Sibalungiselele isohlwayo esibuhlungu
Verse 162
Kodwa ke abo phakathi kwabo bazinzileyo elwazini, namakholwa akholwa koko kuthunyelwe kuwe (Muhammad) nakoko kwathunyelwa ngaphambili kunawe; nabo benza iSalâh, banikele ngeZakâh, bakholwe nakuAllâh nakwiMini yokuGqibela, ngabo eSiya kubanika umvuzo omkhulu
Verse 163
Inene, Sathumela isiTyhilelo kuwe (Muhammad) njengoko Sathumela iSityhilelo kuNûh nabaProfeti abeza emva kwakhe; kananjalo Sathumela isiTyhilelo kuIbrâhîm, uIsmâ’îl, uIs- hâ’k, uYa’kûb nakwizizwe, ku’Isâ, uAyyûb, uYûnus noHârûn uSulaymân, kanti uDâwûd Samnika iZabûr20 (IiNdumiso)
Verse 164
NabaProfeti eSibakhankanyileyo kuwe ngaphambili, nabaProfeti esingabakhankanyanga kuwe, kanti uMûsâ uAllâh Wathetha naye ngqo
Verse 165
AbaProfeti bona bangabaphathi beendaba ezivuyisayo ndawonye nezo zilumkisayo khon’ukuze abantu bangakwazi ukuzithethelela ngokuchasene noAllâh emva (kokuba babenikwe) abaProfeti. Yaye uAllâh nguSomandla, uSobulumko
Verse 166
UAllâh Unika ubungqina boko Akuthumele kuwe (Muhammad) (oko) Ukuthumele (kuwe) ngolwazi lwaKhe, neengelosi ziyangqina. UAllâh UliNgqina ngokwaneleyo
Verse 167
Inene, abo bangakholwayo, baze bathintele (abantu bangangeni) eNdleleni ka-Allâh balahleke bakude lee (eNdleleni ethe Tye)
Verse 168
Inene, abo bangakholwayo benza ubugwenxa, abayi kuxolelwa nguAllâh, Engayi kubakhokelela nakwiyiphi na iNdlela (elungileyo)
Verse 169
Ngaphandle kwendlela eya esiHogweni, bahlale apho ngonaphakade; kwaye oku kulula kuAllâh (ukuba Akwenze)
Verse 170
Hini na bantu! UMthunywa ufikile kuni esiza nenyaniso evela eNkosini yenu. Ke kaloku kholwani kuye, konilungela oko, kodwa ukuba anikholwa (kuye), Inene konke okusemazulwini nasemhlabeni kokuka-Allâh. Kananjalo uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 171
Hini na Bantu beNcwadi! Musani ukutsiba imida enkolweni yenu, ningathethi nto ngoAllâh ngaphandle kweyinyaniso. UMesiya u’Isâ, unyana kaMaryam wayengeyonto yimbi ngaphandle kokuba nguMthunywa ka-Allâh nelizwi laKhe Awababala ngalo uMaryam noMoya (oyiNgcwele) odalwe nguYe; ke ngoko kholwani kuAllâh nakubaThunywa baKhe. Musani ukuthi: “Bathathu (ubathathu emnye)! Yiyekeni loo nto, kolunga kuni oko, kuba uAllâh nguThixo Omnye, uzuko lonke malube kuYe, Yena Uphakamile, (Ukude lee) ukuba abe nonyana. Yena kokwaKhe konke okusemazulwini nokusemhlabeni. UAllâh UnguMlondolozi Owaneleyo wemicimbi (yezidalwa zaKhe)
Verse 172
UMesiya akasoze akhukhumale, ale ukuba abe sisiCaka sika-Allâh, kanti neengelosi ezizezona zisondele kakhulu (kuAllâh). Ke kaloku lowo walayo ukuMnqula Yena (uAllâh) aze akhukhumale, abo banjalo Uza kubaqokelela (Abaqundanisele) kuYe
Verse 173
Ke kwabo bakholwayo benze imisebenzi elungileyo, Yena Uya kubanika umvuzo wabo oyimfanelo yabo (Abanike) ngakumbiokuvelakwiziBelezaKhe. Kebonaabobangafuniyo ukuMnqula Yena, bekhukhumele nokukhukhumala Uza kubohlwaya ngesona sohlwayo sakha sabuhlungu yaye abayi kufumana bani ngaphandle koAllâh oya kuba ngumkhuseli okanye umncedi
Verse 174
Hini na bantu! Inene ubungqina obuluqilima bufikile kuni buvela eNkosini yenu Yaye Sinithumelele ukukhanya okucacileyo (i’Kur’ân)
Verse 175
Ke bona abo kakholwayo kuAllâh, baze babambelele nkqi kuYe, Uya kubangenisa eNcebeni naseluBabalweni lwaKhe, Abakhokelele kuYe ngeNdlela ethe Tye
Verse 176
Bayakubuza wena ngomyalelo ongumthetho. Yithi wena: ngokuka-Allâh, mayela nee-Al-kalâlah21, ukuba kufe indoda ingenamntwana ishiya ngasemva udade wayo, (udade wayo lowo) uya kufumana isiqingatha selifa elo (layo). Ukuba umfi lowo ibingumntu wasetyhini ongashiyi mntwana, umnakwabo uya kulithabatha ilifa elo lakhe. Ukuba (ushiya) oodade wabo ababini, baya kufumana izahlulo zesithathu ezibini zelifa elo, ukuba ushiya abanakwabo noodade wabo, oyindoda uya kufumana isabelo esisiphinda kabini esalowo ungowasetyhini. Wenza njalo ke uAllâh ukunicacisela (uMthetho waKhe) ukuze ningaphambuki. UAllâh nguMazi weento zonke