Back to Languages
Xhosa - Chapter 53
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Verse 1
(Ndifunga) ngenkwenkwezi xa isihla
Verse 2
Ugxa wenu (uMuhammad) akalahlekanga yaye akenzanga mpazamo
Verse 3
Engathethi okomnqweno wakhe
Verse 4
Asinto yimbi (le ‘Kur’ân) ngaphandle kokuba sisiTyhilelo esityhiliweyo
Verse 5
Ufundiswe ngonamandla amakhulu (uJibrîl)
Verse 6
Ongenasiphene, yena waphakama waba ngemo yakhe yokwenene
Verse 7
Lo gama waye kwindawo ephakamileyo yolundi
Verse 8
Weza, wehla phantsi
Verse 9
Waba kumgama ongangobude bezaphetha ezibini okanye nganeno (kunoko)
Verse 10
Watyhila (uJibrîl) kwisicaka saKhe (uAllâh) awakutyhilayo
Verse 11
Intliziyo (ingqondo) ayizanga ixoke ngoko yakubonayo
Verse 12
Niza kumphikisa na nina ngoko wakubonayo
Verse 13
Kananjalo wambona yena (uMuhammad) ngenene kwisihlandlo sesibini
Verse 14
NgakwiSidratul Muntaha
Verse 15
Kufutshane nayo (iSidratul Muntaha) kukho umyezo wokhuseleko (iPaladesi)
Verse 16
Yabona wathi usakugqunywa uMthi womLote yiloo nto yayiwugqumile
Verse 17
Amehlo (OMprofeti uMuhammad) akalaqaza (ajonge kwenye indawo) engazanga agabadele
Verse 18
Yena (wayibona ngenene eyona miqondiso mikhulu yeNkosi yakhe)
Verse 19
Ke (nina) nibajongile na ooAl- Lat- noAl ‘Uzzâ
Verse 20
NoManât, ongowesithathu kubo
Verse 21
Ingaba okwenu ngabesiduna na ize kuYe ibe ngabesikhomokazi
Verse 22
Oko ke (ukuba kunjalo) kukwaba okungenabulungisa
Verse 23
(Lawo) akanto yimbi ngaphandle kokuba ngamagama (njee) eniziqambele ngokwenu nina kunye nookhokho benu (magama lawo) uAllâh Angathumelanga gunya (ngawo) Abalandeli nto ngaphandle koqash-qash noko kunqwenelwa yimiphefumlo yabo, ukanti sele sifikile kubo isiKhokelo esivela eNkosini yabo
Verse 24
Ingaba umntu unako (konke) akunqwenelayo
Verse 25
Kodwa uBomi belizayo bobuka-Allah nobokuqala
Verse 26
Zingaphi iingelosi ezisezulwini ezintethelelo yazo ingayi kunceda nto ngaphandle kokuba uAllâh Ade Anike imvume kulowo Athande ukumnika namamkeleyo
Verse 27
Inene abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo bathiya iingelosi amagama esikhomokazi
Verse 28
Yaye malunga noko abanalwazi, akukho nto balandela yona ngaphandle koqash qash, inene, uqash-qash akancedi nto ngokuchasene nenyaniso
Verse 29
Wena zikhwebule kulowo utshikilela umyalezo weThu ongafuni nto ngaphandle kobomi beli hlabathi
Verse 30
Lowo ngumyinge wolwazi lwabo, inene iNkosi yakho yiYona, Yaziyo okokuba ngubani na olahlekileyo eNdleleni yaYo, ikwayiYo kananjalo Eyaziyo ukuba ngubani na okuso isiKhokelo
Verse 31
Kananjalo kokuka-Allah okusemazulwini nasemhlabeni khon’ukuze Abuyekeze abo benza ukungcola (ngesohlwayo) ngoko bakwenzayo, Abuyekeze nabo benza okulungileyo (ngomvuzo) omhle
Verse 32
Abo baziphephayo izono ezikhulu nezenzo ezingcolileyo, benze ezincinane kuphela, inene iNkosi yenu Iphangalele kuxolelo (lwezono), Yona Inazi kakuhle xa Inivelisa4 emhlabeni naxa naniizintsana ezibelekweni zoomama benu. Ngoko ke musani ukubanga ukuba ninyulu, Yena nguYena Waziyo ukuba ngubani na oMoyikayo
Verse 33
Umbonile na lowo utshikileyo wafulathela, (i-Islam)
Verse 34
Waza wanikela kancinane waphinda wayeka
Verse 35
Ingaba unalo na ulwazi lokungabonwayo, ukuze abone
Verse 36
Akachazelwanga na ngokwakuseziBhalweni zikaMûsâ
Verse 37
NezikaIbrahim, owazalisekisayo
Verse 38
Akukho mthwali wamithwalo uya kuthwaliswa umthwalo womnye
Verse 39
Kananjalo akukho nto umntu (aya kuyifumana) ngaphandle kwaleyo wayizabalazelayo
Verse 40
Kwaye inene umzamo wakhe uza kubonwa
Verse 41
Aze abuyekezwe ngawo ngembuyekezo egcweleyo
Verse 42
Kananjalo eNkosini yakho kulapho isiphelo sikhoyo
Verse 43
Inene yiYo (iNkosi yakho) Eyenza umntu ahleke aphinde alile
Verse 44
IkwayiYo Eyenza ukufa Inike ubomi
Verse 45
IkwayiYo Edala abalingane oyindoda nowasetyhini
Verse 46
Ngeqabaza lembewu yomntu xa likhutshiwe
Verse 47
Kuze (kube yimfuneko) kuYe (ukuba Adale) enye indalo
Verse 48
NguYe kananjalo Otyebisayo5 Anelise
Verse 49
Kananjalo nguYe iNkosi kaSirius
Verse 50
Ukanti Yena Watshabalalisa abantu bokuqala bakwa’Ad
Verse 51
NabakwaThamûd nabo Akazanga Abasindise
Verse 52
Nabantu bakwaNûh ngaphambili. Inene yayingabo abaya ababi nabulungisa baba ngabacinezeli
Verse 53
Ke kaloku Wazitshabalalisa izixeko ezabhedululwayo Wazikhahlela phantsi
Verse 54
Wabagqumelela ngoko Wabagqumelela ngako
Verse 55
ZiziphinakeezintsikelelozeNkosiyenuniyakuzithandabuza
Verse 56
Lo (Mprofeti) nguMlumkisi njengabanye abaLumkisi bamandulo
Verse 57
IMini esondelayo isondele (yona)
Verse 58
Mayela nayo akukho bani ngaphandle koAllâh Onokuyishenxisa
Verse 59
Ingaba le ntetho iyanimangalisa kusini na
Verse 60
Ke kaloku nina niyahleka anilili
Verse 61
Nibe nisadlalisa ngokuzonwabisa
Verse 62
Qubudani ke nina (maMuslim) kuAllâh niMnqule. (Yena Yedwa)