Back to Languages
Xhosa - Chapter 60
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Verse 1
Hini na nina bakholwayo, musani ukuthabatha iintshaba zaM neentshaba zenu (nizenze) abahlobo benu, lo gama zingakholwanga koko kwafika kuni (i’Kur’ân) kuyinyaniso, ekubeni babegxothe uMprofeti nani ngenxa yokuba nakholwayo kuAllâh, iNkosi yenu. Xa niphumele iJihâd (ukulwa) eNdleleni yaM nifuna indlela yokwamkeleka kuM, (musani ukubathabatha njengabahlobo benu). Nina nibabonisa uthando (emfihlakalweni) ukanti Mna Ndikwazi kakuhle enibonisana ngako nabo emfihlakalweni noko nibaxelela kona. Ke kaloku owenza oko phakathi kwenu ulahleke ngokwenene eNdleleni elungileyo
Verse 2
Ukuba bangafumana ulongamelo phezu kwenu, bona baya kuba ziintshaba kuni, bolule izandla namalwimi abo angcolileyo ngokuchasene nani, yaye baninqwenelela ukuba ningakholwa
Verse 3
Asokuze izizalwana zenu okanye abantwana benu banincede nto; ngeMini yoVuko. Yena (uAllâh) Uya kugweba phakathi kwenu. Kananjalo uAllâh Uyakubona enikwenzayo
Verse 4
Ke kaloku Sele niwufumene owona mzekelo mhle kuIbrâhîm nabo babekunye naye, xa bathi kubantu bakubo, “Inene thina siyazahlulakuninakuloontoniyinqulayongaphandlekoAllâh. Siyaniphika, kananjalo sele kuvele ubutshaba nenzondwano phakathi kwethu nani ngonaphakade de nikholwe kuAllâh Yedwa,” ngaphandle nje kokuba uIbrâhîm waye wathi kuyise “Mna ndiya kukucelela itarhu inene, kodwa (andinagunya) lokukwenzela nantoni na ngokuchasene noAllâh: Nkosi yethu kukuWe apho sixhomekekileyo, kukuWe nalapho sibuyela khona kananjalo Wena Usisiphelo sohambo (lwethu)
Verse 5
Nkosi yethu! senze singabi yonto yokungcungcuthekiswa ngabangakholwayo, Usixolele Wena, Nkosi yethu. Inene nguWe uSobunganga, uSobulumko
Verse 6
Ke kaloku Inene nina kubo (ooIbrahim) nibe nowona mzekelo mhle kuye nabani na othemba lakhe linguAllâh neMini yokugqibela. Ke kaloku nabani na ofulathelayo inene uAllâh Akadingi nto ngoWokudunyiswa
Verse 7
Mhlawumbi uAllâh Uya kufaka phakathi kwenu nabo beniziintshaba kubo; uthando. Ke kaloku uAllâh Unamandla yaye uAllâh nguMxoleli, Unenceba
Verse 8
UAllâh Akanaleli kwabo banganilwiyo ngenxa yenkolo (yenu) benganigxothi nakumawenu ukuba nibaphathe kakuhle nenze ubulungisa kubo. Inene uAllâh Uyabathanda abo benza ubulungisa
Verse 9
UAllâh Unalele kuphela kwabo banilwayo ngenxa yenkolo (yenu) banigxothe nokunigxotha kumakhaya enu bancedisane nokugxothwa kwenu, (Akanivumeli ke) ukuba nenze ubuhlobo nabo, nabani na ke owenza ubuhlobo nabo abo (benza loo nto) ngabo kanye abangabenzi bobubi
Verse 10
Hini na nina bakholwayo! Xa abafazi abakholwayo befika kuni bengabafuduki, baphenyeni (bacikideni). UAllâh nguYe Owaziyo ngokubhekiselele kukholo lwabo. Ke kaloku ukuba ngaba nibazi bengamakholwakazi, musani ukubabuyisela kwabangakholwayo, bona abangobafazi abavumelekileyo ngokusemthethweni kubo kanti nabo abangobayeni abavumelekileyo ngokusemthethweni kubo. Kodwa ke nikani abangakholwayo ababekuhlawulile (ngokubatshata). Ke kaloku akukho sono kuni ukuba niyabatshata xa nibanikileyo (abo bayeni babo babashiyileyo) imbuyekezo yabo efanekileyo. Kananjalo ningagcini maqhina omtshato nabafazi abangakholwayo koko bizani oko benikuhlawulile (ngabo). Nibavumele nabo babize oko babebekuhlawulile (ngani)1 Olo lugwebo luka Allâh; Uya gweba Yena phakathi kwenu, ke kaloku uAllâh, Uyazi, Unobulumko
Verse 11
Ke kaloku ukuba ngaba nawuphi na umfazi uthe wemka kuni waya (kwicala) labangakholwayo nize nina nibize imbuyekezo yoko nakuhlawulayo ngabo, (kodwa bala bona), naza naphuma naya edabini (leGrazwa ngokuchasene nabo bangakholwayo) naza nafumana ixhayelo, hlawulani ngenxalenye yelo xhayelo okulingana noko kumele ukuhlawulwa loo madoda ashiywe ngabafazi bawo noyike uAllâh loWo nikholwa kuYe
Verse 12
Hini na wena Mprofeti, xa abafazi abakholwayo befika kuwe (beze kwenza isibhambathiso), bevuma kuWe okokuba abasayi kwayamanisa nto kuAllâh, abayi kuba, abayi kukrexeza bengasayi kubabulala abantwana babo (ukuqhomfa), bengasayi kuthetha ubuqhetseba ngabom besenza ubuxoki (ngokuthi abantwana ababazeliswe ngamadoda wambi batyhole abayeni babo ngabo bantwana). Bengasayi kungakuthobeli wena ngoko kulungileyo. Samkele ke isibhambathiso sabo ubacelele itarhu kuAllâh. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
Verse 13
Hini na nina bakholwayo musani ukwakha ubumbano nabantu uAllâh Anomsindo ngakubo. Bona balilahla (kudala) ithemba (lomvuzo) kuBomi oBuzayo njengabangakholwayo balilahlayo ithemba lokudibana nabo bangabemi basemangcwabeni