Back to LanguagesPrevious ChapterNext Chapter
Xhosa - Chapter 71 - Nuh
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink
Verse 1 — Surah Nuh 71:1
Inene, Thina Sathumela uNûh kubantu bakubo, (Sisithi): “Lumkisa abantu bakuni phambi kokuba bafikelwe sisohlwayo esibuhlungu.”
Verse 2 — Surah Nuh 71:2
Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Inene mna ndinguMlumkisi ocacileyo kuni
Verse 3 — Surah Nuh 71:3
(Ndisithi kuni):‘KhonzaniuAllâh, noyikeYena, nindithobele.’
Verse 4 — Surah Nuh 71:4
Wathi, ‘(UAllâh) Uya kunixolela izono zenu Aze Animele (Ngesohlwayo) ixesha elikhethiweyo. Inene ixesha elikhethwe nguAllâh xa sele lifikile, aliyi kubanjezelwa, ukuba benisazi.’”
Verse 5 — Surah Nuh 71:5
Wathi: “Nkosi yam inene mna ndibamemile abantu bakuthi ubusuku nemini.”
Verse 6 — Surah Nuh 71:6
Kodwa ukubamema kwam akubenzelanga nto ngaphandle (kokubongezelela) ukubaleka (enyanisweni)
Verse 7 — Surah Nuh 71:7
Kananjalo maxa onke ndibamema (ndisithi kubo) Uya kuba xolela Wena, (Basuka) bafake iminwe yabo ezindlebeni zabo, bazigqume ngeengubo zabo bale bakhukhumale ngenkukhumalo (enkulu)
Verse 8 — Surah Nuh 71:8
Ndibamemile esidlangalaleni
Verse 9 — Surah Nuh 71:9
Ndaphinda ndenza isibhengezo, (ndathetha) nabo ekhusini
Verse 10 — Surah Nuh 71:10
Ndisithi (kubo): “Celani itarhu eNkosini yenu. Inene Yona, nguMxoleli wanaphakade
Verse 11 — Surah Nuh 71:11
Yona Iya kunithumelela (imvula) esibhakabhakeni ingumkhumezelo
Verse 12 — Surah Nuh 71:12
Iya kunandisela ubutyebi nabantwana, Ininike izitiya, nemilambo.”
Verse 13 — Surah Nuh 71:13
Yintoni na ngani le nto ningamoyikiyo uAllâh, ningenalo nethemba lomvuzo (ovela kuYe)
Verse 14 — Surah Nuh 71:14
Lo gama Yena Wanidala ngokwamanqanaba ahlukeneyo
Verse 15 — Surah Nuh 71:15
Aniboni na ukuba uAllâh Wawadala kanjani na amazulu asixhenxe, elinye phezu kwelinye
Verse 16 — Surah Nuh 71:16
Wenza inyanga yaba kukukhanya apho, ilanga lona laba sisibane
Verse 17 — Surah Nuh 71:17
UAllâh Wanikhupha eluthulini lomhlaba
Verse 18 — Surah Nuh 71:18
Emva kwethuba Uza kunibuyisela kwakuwo (umhlaba lowo) Aphinde Anibuyise kwakhona (ngeMini yoVuko)
Verse 19 — Surah Nuh 71:19
Kananjalo uAllâh Unenzele umhlaba waphangalala
Verse 20 — Surah Nuh 71:20
Khona ukuze nihambe apho kuwo ezindleleni ezivulekileyo
Verse 21 — Surah Nuh 71:21
UNûh wathi: “Nkosi yam baye abandithobela mna, balandela lowo ubutyebi bakhe nabantwana bakhe bungamongezeleli nto ngaphandle kwelahleko
Verse 22 — Surah Nuh 71:22
Kananjalo bona baqulunqe iyelenqe elikhulu
Verse 23 — Surah Nuh 71:23
Bathi: “Ningabashiyi oothixo benu; ningamshiyi uWadd, uSuwâ, uYagrhûth uYa-’û’k noNasr
Verse 24 — Surah Nuh 71:24
Kananjalo balahlekise abaninzi. Ke kaloku (Wena Allâh) ‘Ungabandiseli nto abenzi bobubi ngaphandle kokulahleka”’
Verse 25 — Surah Nuh 71:25
Ngenxa yezono zabo baye batshoniswa emanzini baza bangeniswa eMlilweni. Abazanga bafumana mncedi wumbi endaweni ka-Allâh
Verse 26 — Surah Nuh 71:26
Ke kaloku uNûh wathi: “Nkosi yam Ungashiyi namnye kwabangakholwayo phezu komhlaba
Verse 27 — Surah Nuh 71:27
Ukuba Ubashiyile, baya kulahlekisa izicaka zaKho yaye abayi kuzala nto ngaphandle kwezingcoli (ezinoburheletya), ezingakholwayo
Verse 28 — Surah Nuh 71:28
Nkosi yam! Ndixolele mna nabazali bam nongena endlwini yamelikholwanamakholwanamakholwakazionke. Kekaloku kubenzi bobubi ungongezi nto ngaphandle kwentshabalalo.”