Back to Languages

    Xhosa - Chapter 74

    Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

    Verse 1

    Hini na wena uzithe wambu ngeengubo

    Verse 2

    Vuka ulumkise

    Verse 3

    INkosi yakho (uAllâh) Yenze nkulu

    Verse 4

    Iimpahla zakho uzicoce

    Verse 5

    Ubumdaka ubuphephe (unqulo lwezithixo)

    Verse 6

    Ungenzi inceba ufune engaphezulu (kunayo) wena

    Verse 7

    Kodwa mayela neNkosi yakho yiba nomonde

    Verse 8

    Ke kaloku lakuvuthelwa iXilongo

    Verse 9

    Loo Mini iya kuba yiMini enzima

    Verse 10

    Kwabangakholwayo ayiyi kuba lula

    Verse 11

    Ndiyeke ke Mna nalowo Ndamdala NdiNdedwa

    Verse 12

    Ndampha imfumba yobutyebi

    Verse 13

    Nabantwana bekhona (kuye)

    Verse 14

    Ndandlala (into yonke) phambi kwakhe, Ndimenzela lula ubomi bakhe

    Verse 15

    Kanti usanqwenela ukuba Ndimongezelele ezinye

    Verse 16

    Nakanye! Inene yena uye waba nendelelo mayela neeVesi zeThu

    Verse 17

    Mna Ndiya kumgubungela ngesohlwayo esibuhlungu

    Verse 18

    Inene yena wacinga waqulunqa

    Verse 19

    Makaqalekiswe ke ngendlela awaqulunqa ngayo

    Verse 20

    Kwakhona makaqalekiswe ngendlela awaqulunqa ngayo

    Verse 21

    Waphinda wacinga kwakhona

    Verse 22

    Wafingi’iintshiya wakhangeleka enomsindo

    Verse 23

    Wabuya umva ekhukhumele

    Verse 24

    Wathi: “Le (‘Kur’ân) asinto yimbi ngaphandle kokuba ngumlingo obonelwe kubantu bakudala

    Verse 25

    Le asinto yimbi ngaphandle kokuba lilizwi lomntu!”

    Verse 26

    Mna ke Ndiya kumqhubela eSa’kar1 (eMlilweni wesiHogo)

    Verse 27

    Yintoni na engakwenza wazi ukuba iyintoni na iSa’kar

    Verse 28

    Ayishiyi nto kuyo, ingashiyi nto (ingayitshisanga)

    Verse 29

    Ijika (yenze mnyama) izikhumba

    Verse 30

    Phezu kwayo (iSa’kar) lishumi elinethoba (leengelosi)

    Verse 31

    Ke kaloku Asibenzanga abalindi boMlilo (wesiHogo) baba yinto yimbi ngaphandle kweengelosi. Kananjalo Asilenzanga layinto yimbi inani lazo ngaphandle kokuba libe luvavanyo lwabo bangakholwayo kwanokuba abo babenikwe isiBhalo baqonde baneliseke kwanokuba abo bakholwayo bande elukholweni nabo babenikwe isiBhalo namakholwa bangabi nakuthandabuza kwanokuba abo bantliziyo zabo zinesifo (abahanahanisi) nabangakholwayo bathi: “Uthetha ukuthini na uAllâh ngawo lo mzekelo?” Ngolo hlobo ke uAllâh Ulahlekisa lowo Athande ukumlahlekisa Akhokele lowo Athande ukumkhokela. Ukanti akukho namnye owaziyo amajoni eNkosi yakho ngaphadle kwaYo. Ke kaloku (ukukhankanywa koMlilo) akunto yimbi ngaphandle kokuba yinkumbuzo ebabantwini

    Verse 32

    Nakanye! (Ndifunga) ngenyanga

    Verse 33

    Nangobusuku xa busimka

    Verse 34

    Nangentseni xa iba mhlophe

    Verse 35

    Inene wona [uMlilo (yintuthumbiso)] enkulu

    Verse 36

    Unjengesilumkiso kubantu

    Verse 37

    Khona ukuze lowo uthandayo phakathi kwenu aqhubeke (nokukholwa) okanye ahlale phantsi (engakholwa)

    Verse 38

    Wonkeumphefumlouyakubanjwangaloontouyisebenzeleyo

    Verse 39

    Ngaphandle kwamadlelane okunene

    Verse 40

    Aya kuba seMiyezweni, ebuzana

    Verse 41

    Ngabaphuli-mthetho

    Verse 42

    (Ebabuza okokuba): Yintoni na enifake eSa’kar?”

    Verse 43

    Baya kuthi bona: “Sasingengabo abanye babo babethandaza

    Verse 44

    Sasingondli namahlwempu

    Verse 45

    Kananjalo sasidla ngokuthetha amampunge (ngabo babethandaza)

    Verse 46

    Kwaye sasidla ngokuyiphika iMini yembuyekezo

    Verse 47

    “Sada safikelwa kukufa okwakungathandabuzeki.”

    Verse 48

    Ngoko ke ayiyi kubanceda nto intethelelo yabo nabaphi na abathetheleli

    Verse 49

    Yintoni kanye ngabo le nto bayitshikilelayo inkumbuzo

    Verse 50

    Babe ngathi ziimbongolo zasendle ezothukileyo

    Verse 51

    Ezibaleka ingonyama

    Verse 52

    Ukusuka apho umntu ngamnye kubo unqwenela ukuba anikwe isiBhalo esele sandlaliwe

    Verse 53

    Nakanye! Kodwa bona abanaloyiko loBomi oBuzayo

    Verse 54

    Nakanye! Inene yona (i’Kur’ân) yinkumbuzo

    Verse 55

    Ke kaloku lowo ufunayo uya kuyikhumbula

    Verse 56

    Kananjalo abayi kukhumbula nto ngaphandle koko uAllâh Athande ukuba bakukhumbule. Yena Ufanelwe kukoyikwa, Wanele ukuba Axolele