Back to Languages
Xhosa - Chapter 76
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Verse 1
Ingaba akuzanga khe kubekho xesha na emntwini apho waye eyinto engafanelanga kukhankanywa na
Verse 2
Inene Samdala UMntu ngomxube weqabaza lembewu yomntu khon’ukuze Simvavanye; kananjalo Samenzela ukuva nokubona
Verse 3
Samkhokela eNdleleni, nokuba uyabulela na okanye akabuleli
Verse 4
Kananjalo Silungiselele abangakholwayo amakhonkco namakhamandela neDangatya
Verse 5
Inene wona amalungisa aya kusela indebe (yewayini) exutywe neKâfûr
Verse 6
Umthombo ekuza kusela izicaka zika-Allâh ezingamalungisa (kwaye); ziwenza umpompoze ungaphezi
Verse 7
Abo ke ngabo bazalisekisa izifungo zabo boyike neMini ekungcola kwayo kuya kuba banzi
Verse 8
Kananjalo bona bapha (abanye) ukutya nangona nabo bekuthanda (kodwa bakunike) abahlwempuzekileyo, noyinkedama, nongumthinjwa
Verse 9
(Besithi): “Sinondlela ukukholisa uAllâh, asinqweneli mvuzo nambulelo kuni
Verse 10
Inene thina soyika iMini enzima evela eNkosini yethu nephethe unxunguphalo, eya kwenza ubuso bubonakale busoyikeka.”
Verse 11
Ngoko ke uAllâh uya kubasindisa bona ebubini baloo Mini, Abaphe ukukhanya kobuhle nolonwabo
Verse 12
Kananjalo imbuyekezo yabo iya kuba yiPaladesi, nezambatho zesilika ngenxa yokuba kaloku bona baba nomonde
Verse 13
(Bona baya kuba) behleli zava ezihlalweni zabo (ezimfuma- mfuma), abayi kubona langa nangqele apho
Verse 14
Ngentla kufutshane nabo iya kuba yimithunzi yayo [iPaladesi (neziqhamo)] zayo ukuba bazinqothule, ziya kuthotyelwa ezantsi ukuba zivumele (ukunqothulwa)
Verse 15
Kananjalo kuya kuhanjiswa phakathi kwabo izitya neendebe eziya kuba zidalwe zacwenga
Verse 16
Iigilasi ezicwengileyo ezenziwe ngesilivere ezimlinganiselo wazo wenziwe ngabo
Verse 17
Kananjalo baya kunikwa indebe (yewayini) exutywe nejinja (ginger)
Verse 18
(Basele), kumthombo ophakathi (ePaladesi) obizwa ngokuba yiSalsabîl
Verse 19
Kuya kuba kuhamba-hamba amakhwenkwana enziwe ngonaphakade. Xa uwabona ungacinga ukuba aziiperile ezisarhaziweyo
Verse 20
Naxa ujonga apho (ePaladesi) uya kubona ubumnandi nobungangamsha (bokwenene)
Verse 21
Baya kwambathiswa izambatho eziluhlaza zesilika esulungekileyo, engqindilili. Kananjalo baya kuhonjiswa ngezacholo zesilivere Ize iNkosi yabo Ibanike isiselo esihlambululayo
Verse 22
(Kananjalo kuya kuthiwa): “Inene oku kuni ngumvuzo kananjalo, umzamo wenu uyabulelwa.”
Verse 23
Inene SiThi Abathumele i’Kur’ân kuwe (Muhammad), amathuba ngamathuba
Verse 24
Yiba nomonde ke ngesigqibo seNkosi yakho, ungathobeli (nawuphi na) umoni phakathi kwabo okanye ongenambulelo
Verse 25
Ke kaloku khumbula igama leNkosi yakho (emthandazweni) ekuseni nangokuhlwa
Verse 26
Nasebusuku qubuda kuYo uYizukise ngobusuku (obo)
Verse 27
Inene abo [bangakholwayo (baleqa)], bathande ubomi balo mhlaba beshiya ngemva kwabo iMini ebuhlungu
Verse 28
SiThi ababadalayo Sabomeleza izimo zabo, kanti Sithanda Singayijika imbonakalo yabo ngotshintsho (olwahluke) kwaphela
Verse 29
Inene le Vesi (ye‘Kur’ân) isisiyalo, ngoko ke lowo uthandayo makazithabathele iNdlela eya eNkosini yakhe
Verse 30
Ukanti nina aningekhe nikwazi, ngaphandle kokuba kuthande uAllâh. Inene uAllâh nguSolwazi nguSobulumko
Verse 31
Yena Uya kungenisa kwinceba yaKhe lowo Amthandileyo. Abenzi bobubi ke bona Ubalungiselele isohlwayo esibuhlungu