Back to LanguagesPrevious ChapterNext Chapter
Xhosa - Chapter 8 - Al-Anfal
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana — Permalink
Verse 1 — Surah Al-Anfal 8:1
Bayakubuza wena (Muhammad) ngeenzuzo zemfazwe. Yithi: “Iinzuzo zezika-Allâh noMthunywa.” Ke yoyikani uAllâh nilungise yonke imibandela eninembambano ngayo phakathi kwenu, nithobele uAllâh noMthunywa waKhe (uMuhammad) ukuba ningamakholwa
Verse 2 — Surah Al-Anfal 8:2
Amakholwa kuphela ngabo bathi xa kukhankanywa uAllâh, bazive benokungcangcazela ezintliziyweni zabo naxa iiVesi zaKhe zicengcelezwa kubo, bande elukholweni; yaye bona babeka ithemba labo eNkosini yabo
Verse 3 — Surah Al-Anfal 8:3
Abenza iSalâh, bachithe (kumalizo) ngoko sibaphe kona
Verse 4 — Surah Al-Anfal 8:4
Abanjalo ke ngamakholwa okwenene. Okwabo iya kuba yimigangatho yentlonipheko eNkosini yabo, noxolelo nembonelelo yobubele
Verse 5 — Surah Al-Anfal 8:5
Njengoko iNkosi yakho wena (Muhammad) Yakwenza ukuba uphume emzini wakho ngenyaniso; Inene inxalenye phakathi kwabo bakholwayo yayikuchasile oko
Verse 6 — Surah Al-Anfal 8:6
Bexoxa bephikisana nawe ngenyaniso emva kokuba yayisele yenziwe yacaca kubo, basuka babangathi baqhutyelwa ekufeni bejongile
Verse 7 — Surah Al-Anfal 8:7
Khumbulani kananjalo ngethuba uAllâh Enithembisa ngelinye iqela lomkhosi wotshaba ukuba liya kuba lelenu, kodwa ke uAllâh Wathanda ukumisela inyaniso ngelizwi laKhe, nokuba Anqumle iingcambu zabangakholwayo
Verse 8 — Surah Al-Anfal 8:8
Khon’ukuze Enze inyaniso ibe noloyiso Abuyisele (umva) ubuxoki bungabi nto yanto, nangona abenzi bobubi beyichasile nje (inyaniso)
Verse 9 — Surah Al-Anfal 8:9
(Nikhumbule) okokuba nina nacela uncedo eNkosini yenu Yaza Yaniphendula (Isithi): “Ndiya kunincedisa ngewaka leengelosi, enye emva kwenye zilandelelana
Verse 10 — Surah Al-Anfal 8:10
UAllâh Wakwenza oko ukuba kube ziindaba ezivuyisayo, kwanokuba iintliziyo zenu zibe sekuphumleni ngako oko. Kananjalo alukho uloyiso ngaphandle koluvela kuAllâh. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko
Verse 11 — Surah Al-Anfal 8:11
Nikhumbule kananjalo okokuba Yena Wanigquma ngobuthongo ukuba bube lukhuseleko lwenu, Wenza namanzi (emvula) ukuba ehle phezu kwenu esuka esibhakabhakeni, ukunihlambulula ngawo, Asuse iingcinga zokungcola zikaShaytân kuni, nokunomeleza iintliziyo zenu, Wanomeleza neenyawo zenu
Verse 12 — Surah Al-Anfal 8:12
Khumbulani kananjalo okokuba iNkosi yenu Yatyhila kwiingelosi (Yathi): “Mna Ndikunye nani, ke yomelezani abo bakholwayo. Ndiya kufaka ixhala ezintliziyweni zabo bangakholwayo, bageceni ke ezintanyeni, nibaxabele iminwe yabo yonke neenzwane (zabo).”
Verse 13 — Surah Al-Anfal 8:13
Oku kungenxa yokuba baye badelela abaMthobela uAllâh noMthunywa waKhe. Nabani na ke lowo udelela, angaMthobeli uAllâh noMthunywa waKhe, kulowo Wohlwaya kabuhlungu uAllâh
Verse 14 — Surah Al-Anfal 8:14
Esi sisohlwayo senu, singcamleni ke; kananjalo inene kwabo bangakholwayo iya kuba sisohlwayo soMlilo
Verse 15 — Surah Al-Anfal 8:15
Hininaninabakholwayo! Xanihlangenenabobangakholwayo edabini, ningaze nijike nize ngomva kubo
Verse 16 — Surah Al-Anfal 8:16
Ke lowo uthe wabazela ngomva ngemini enjengaleyo ngaphandle kokuba uya kuba ehlenga-hlengisa ngendlela yemfazwe, okanye ehlehla umva esiya kumabutho (ecala lakhe), uya kuba uzitsalela ingqumbo ka-Allâh. Kanti nekhaya lakhe liya kuba sisiHogo, hayi ububi besiphelo solo hambo
Verse 17 — Surah Al-Anfal 8:17
Ayinini enababulalayo koko nguAllâh Owababulalayo. Nawe Wena (Muhammad) kwakungatshuli wena xa wawutshula (iintolo zakho) koko nguAllâh Owayetshula, khon’ukuze Acikide amakholwa ngovavanyo olulungileyo luphuma kuYe. Inene uAllâh nguSokuva, uSolwazi
Verse 18 — Surah Al-Anfal 8:18
Le yinyaniso yaye ngenene uAllâh Uyalubhangisa uqulunqo lwenkohliso lwabangakholwayo
Verse 19 — Surah Al-Anfal 8:19
Ukubanina(bangakholwayo) benisolokonithandazelauloyiso nomgwebo, umgwebo ufikile ke ngoku kuni; ukanti ukuba niyayeka kobangcono (oko) kuni, ukanti ukuba niphindela kwasedabini naThi Siyaphindela, ukanti imikhosi yenu ayiyi kuninceda nto; enokuba ingaba mikhulu kangakanani na; Inene uAllâh Ukunye nabakholwayo
Verse 20 — Surah Al-Anfal 8:20
Hini na nina bakholwayo! Thobelani uAllâh noMthunywa waKhe, ningajiki nimshiye yena nisiva
Verse 21 — Surah Al-Anfal 8:21
Kananjalo ningabi njengabo bathi: “Sivile”, kodwa bengevanga nto
Verse 22 — Surah Al-Anfal 8:22
Inene! Ezona zidalwa zibi ziphilayo kuAllâh zizithulu nezimumu, ezingaqiqiyo
Verse 23 — Surah Al-Anfal 8:23
Ukuba uAllâh Ebe nento Ayaziyo elungileyo ngabo, Ebeya kubenza bamamele; ukanti enokuba Ebengabenza bamamele, bebeza kuphinda bajibilike baphikise
Verse 24 — Surah Al-Anfal 8:24
Hini na nina bakholwayo! Mphenduleni uAllâh noMthunywa xa Enibizela koko kuza kuninika ubomi, nazi kananjalo okokuba uAllâh Uyafika phakathi komntu nentliziyo yakhe. Kananjalo inene nina niza kuqokelelwa kuYe nonke
Verse 25 — Surah Al-Anfal 8:25
Kananjalo yoyikani isilingo esingachaphazeli nje abo benu benza ububi (koko sichaphazela bonke abalungileyo nabangendawo). Nazi ukuba uAllâh Unesohlwayo esibuhlugu kakhulu
Verse 26 — Surah Al-Anfal 8:26
Khumbulani ukuba nanibambalwa ningenamandla elizweni, nisoyika nokuba abantu banganiqweqwedisa, kodwa Yena Wanibonelela ngendawo yokhuseleko, Wanomeleza ngoncedo lwaKhe, Wanibonelela kananjalo ngezinto ezilungileyo khon’ukuze nibe nombulelo
Verse 27 — Surah Al-Anfal 8:27
Hini na nina bakholwayo! Ningamngcatshi uAllâh noMthunywa waKhe, ningangcatshi nezinto ezigciniswe kuni nisazi
Verse 28 — Surah Al-Anfal 8:28
Yazini kananjalo okokuba izinto zenu nabantwana benu bazizilingo kuni kanti eneneni kuAllâh kukho umvuzo omkhulu
Verse 29 — Surah Al-Anfal 8:29
Hini na nina bakholwayo! Ukuba niyathobela noyike uAllâh, Yena Uya kuninika iFur’kân1 Aze Anicamagushele izono zenu, Anixolele; Yaye uAllâh nguMnini buBele oMkhulu
Verse 30 — Surah Al-Anfal 8:30
Ukhumbule ukuba abangakholwayo baqulunqa ngawe (Muhammad) (befuna) ukukubamba, okanye bakubulale, okanye bakugxothe (kowenu); baqulunqa ke naYe uAllâh Waqulunqa, kanti uAllâh nguYena uqulunqa ngaphezulu kunabaqulunqi
Verse 31 — Surah Al-Anfal 8:31
Xa iiVesi zeThu (ze’Kur’ân) zicengcelezwa kubo bathi: “Sivile; nathi sithanda singayitsho into efana nale. Le (‘Kur’ân) asinto yimbi ngaphandle kokuba ziintsomi zabantu bakudala.”
Verse 32 — Surah Al-Anfal 8:32
Khumbula ukuba bathi: “O Allâh! Ukuba ngaba le ‘Kur’ân iyinyaniso evela kuWe ngenene, Thulula amatye phezu kwethu avela esibhakabhakeni kaloku, kungenjalo Uthobe isohlwayo esibuhlungu phezu kwethu.”
Verse 33 — Surah Al-Anfal 8:33
UAllâh Akayi kubohlwaya lo gama wena (Muhammad) usephakathi kwabo, Engayi kubohlwaya lo gama bezicelela uxolelo lwezono (kuAllâh)
Verse 34 — Surah Al-Anfal 8:34
Uya kuthini ukungabohlwayi uAllah ekubeni bona bethintela abantu ukuba bangangeni eMasjid eNgcwele, ekungekho balindi bayo ngaphandle kwabanyulu. Kodwa uninzi lwabo alwazi
Verse 35 — Surah Al-Anfal 8:35
Imithandazo yabo eNdlwini ka-Allâh yayingento yanto ngaphandle kokusebeza nokuqhwaba izandla. Ke ngoko ngcamlani isohlwayo kuba kaloku nina naye nangakholwa
Verse 36 — Surah Al-Anfal 8:36
Inene abo bangakholwayo, bade bachithe nobutyebi babo ukwenzela ukuthintela abantu bangangeni eNdleleni ka- Allâh, baza kuqhubeka ukwenza loo nto kodwa ekugqibeleni iza kuphethuka ibazisele imbandezelo phezu kwabo yaye futhi baza koyisakala. Abo bangakholwayo baza kuqundaniswa esiHogweni
Verse 37 — Surah Al-Anfal 8:37
Ukuze uAllâh Ahlule abangcolileyo kwabalungileyo, Acumbe abangcolileyo abanye phezu kwabanye, Abafumbe ndaweninye Abajule esiHogweni. Abo ke ngabo baya kuba ngabalahlekelwa
Verse 38 — Surah Al-Anfal 8:38
Yithi kwabo bangakholwayo, ukuba banokuyeka [ukungakholwa, (izenzo)] zabo zamandulo ziya kuxolelwa. Kodwa ukuba baye babuyela, umzekelo wabo bohlwaywayo bangaphambili kunabo sele ubandulele kakade (ukuba ube sisilumkiso)
Verse 39 — Surah Al-Anfal 8:39
Yilwani nabo kude kuphele intshutshiso ize nenkolo ibe yeka-Allâh Yedwa. Kodwa ukuba bayayeka, Inene uAllâh Ukubona konke oko bakwenzayo
Verse 40 — Surah Al-Anfal 8:40
Ukuba bajibilikile, yazini ke ngoko okokuba uAllâh nguMkhuseli wenu, Onjani Yena ukulunga uMkhuseli! Onjani Yena ukulunga uMncedi
Verse 41 — Surah Al-Anfal 8:41
Yazini kananjalo okokuba nantoni na eyeyexhayelo eniyifumeneyo, isinye kwisihlanu (¹/ th) sayo siya kunikelwa kuAllâh, noMthunywa, nabazizizalwana (zoMprofeti) ezisondele kakhulu kuye nakwiinkedama, nakumahlwempu, nakubahambi, ukuba nikholiwe (ngenene) kuAllâh nakoko Sikutyhilileyo (i’Kur’ân) kwisiCaka seThu (uMuhammad) ngomhla ekwahlulwa ngawo okulungileyo kokungendawo. Ngalaa mini kwaqubisana ngayo imikhosi emibini [kwidabi laseBadr (Inene)] uAllâh Uyakwazi ukwenza izinto zonke
Verse 42 — Surah Al-Anfal 8:42
Yabonani! ngethuba nina (Mkhosi wamaMuslim) naningasentilini bona bekude kuyo kwelinye icala yabe inqwelo yabo yeempahla ikumhlaba ongezantsi kwenu. Enokuba nanisele nenze idinga lokubonana, Inene naningekhe nibe saphumelela kwelo dinga. Kodwa (nagagana ke nabo) khon’ukuze uAllâh Afezekise into esele yamiselwa kwangaphambili, ukuze abo kwakufuneka betshatyalalisiwe, batshatyalaliswe emva kobungqina obucacileyo, nabo kwakufuneka bedle ubomi, badle ubomi emva kobungqina obucacileyo. Inene uAllâh, nguSokuva, uSolwazi
Verse 43 — Surah Al-Anfal 8:43
Khumbula ngethuba uAllâh Wabaveza bembalwa kuwe ephupheni lakho (Muhammad); ukuba Wayebaveze bebaninzi kuwe, inene ngenanityhafile, yaye futhi ngenaxoxa naphikisana ekwenzeni isigqibo. Kodwa uAllâh Wanisindisa. Inene Yena nguMazi wokusezifubeni
Verse 44 — Surah Al-Anfal 8:44
Khumbulani kananjalo ukugagana kwenu (nabo), Yena Wanibonisabonabengathibambalwaemehlwenienu Wanenza nani nabonakala nibambalwa emehlweni abo, khon’ukuze uAllâh Afezekise into eyayisele imiselwe kwangaphambili yaye zonke izinto zibuyela kuAllâh
Verse 45 — Surah Al-Anfal 8:45
Hini na nina bakholwayo! Xa nihlangana nomkhosi wotshaba, qinani ngokuchasene nabo, nikhumbule igama lika-Allâh kakhulu khon’ukuze nibe nempumelelo
Verse 46 — Surah Al-Anfal 8:46
Kananjalo thobelani uAllâh noMthunywa waKhe, ningaphikisani, hleze nityhafe nimkelwe nangamandla, yibani nomonde. Inene uAllâh Unabo banomonde (banyamezelayo)
Verse 47 — Surah Al-Anfal 8:47
Ningabi njengabo baphuma emizini yabo beqhayisa khon’ukuze babonwe ngabantu, bathintele abantu bangangeni eNdleleni ka-Allâh; ukanti uAllâh nguMrhangqeli wako konke oko bakwenzayo
Verse 48 — Surah Al-Anfal 8:48
Yabonani uShaytân wenza izenzo zabo ezingcolileyo zaba ngathi zilungile kubo wathi kubo: “Akukho mntu ebantwini onokunoyisa nina namhlanje. Yaye mna ndingummelwane wenu (ndiya kuba nani ndinincedise).” Kodwa yathi yakujamelana imikhosi yomibini, wabaleka wemka yena esithi: “Inene mna andinanto yakwenza nani. Inene mna ndibona eningakuboniyo nina. Inene mna ndiyamoyika uAllâh kuba uAllâh Ubuhlungu esohlwayweni”
Verse 49 — Surah Al-Anfal 8:49
Kekalokuabahanahanisibekunyenabobanesifoezintliziyweni zabo, bathi: “Aba bantu (amaMuslim) bakhohliswe yinkolo yabo.” Kodwa lowo ubeka ithemba lakhe kuAllâh, uAllâh, nguSomandla, nguSobulumko
Verse 50 — Surah Al-Anfal 8:50
Ukuba unokukhe ubukele xa iingelosi zikhupha imiphefumlo kwabo bangakholwayo (xa besifa); zibabetha ebusweni babo nasemiqolo yabo, (zisithi): “Ngcamlani ke isohlwayo soMlilo odwanguzayo.”
Verse 51 — Surah Al-Anfal 8:51
“Oku kungenxa yoko kwenziwa zizandla zenu, inene uAllâh AkangoMsweli bulungisa kwizicaka zaKhe
Verse 52 — Surah Al-Anfal 8:52
Njengesimilo sabantu bakwaFir’awn, nabo bangaphambili kubo, bazala iiVesi zika-Allâh, Wabohlwaya ke uAllâh ngezono zabo. Inene uAllâh, nguSomandla, Ubuhlungu esohlwayweni
Verse 53 — Surah Al-Anfal 8:53
Oku kunjalo kuba uAllâh Akasokuze Aluguqule uBabalo Alunike abantu de abo bantu baguqule okungaphakathi eziqwini zabo. Inene uAllâh nguSokuva, uSolwazi
Verse 54 — Surah Al-Anfal 8:54
Njengesimilo sabantu bakwaFir’awn, nabo bangaphambili kunabo bayiphika imiqondiso yeNkosi yabo Sabatshabalalisa ke ngenxa yezono zabo, Sabatshonisa abantu bakwaFir’awn ngokuba babengabagabadeli
Verse 55 — Surah Al-Anfal 8:55
Inene ezona zidalwa zibi kweziphilayo phambi koAllâh ngabo bangakholwayo, yaye futhi abayi kukholwa
Verse 56 — Surah Al-Anfal 8:56
Bona ngabo uthi xa wenze umnqophiso nabo bawaphule umnqophiso wabo maxa onke yaye abamoyiki nokumoyika uAllâh
Verse 57 — Surah Al-Anfal 8:57
Ke ukuba uthe wazuza ulongamelo phezu kwabo emfazweni, bohlwaye kanobom ukuze ugxothe abo basemva kwabo (abangabalandeli babo) ukuze bafunde isifundo
Verse 58 — Surah Al-Anfal 8:58
Ukuba wena (Muhammad) woyikisela ukungcatshwa ngabantu, jula lo mnqophiso wabo (phaya), uwuphindisele kwakubo, ngohlobo olukwafanayo nolo lwabo (kungabikho mnqophiso phakathi kwakho nabo). Inene uAllâhAkabathandi abangcatshi
Verse 59 — Surah Al-Anfal 8:59
Ke kaloku abo bangakholwayo mabangacingi ukuba bangaphuncula esohlwayweni. Inene abasokuze bazisindise (kwisohlwayo sika-Allâh)
Verse 60 — Surah Al-Anfal 8:60
Zilungiseleleni ngokuchasene nabo kangangoko ninako, namahashe emfazwe (iinkanunu neentolo-mlilo, neenqwelo zokulwa) nenzele] ukufaka ixhala ezintshabeni zika-Allâh neentshaba zenu, nezinye eningazaziyo, kodwa zisaziwa nguAllâh. Nantoni na ke eniya kuyichitha eNdleleni ka-Allâh iya kubuyekezwa kuni, yaye aniyi kuphathwa ngokungenabulungisa
Verse 61 — Surah Al-Anfal 8:61
Kodwa ukuba batyekela ngaseluxolweni, tyekela ngakulo nawe, ubeke ithemba (lakho) kuAllâh. Inene, Yena nguSokuva, uSolwazi
Verse 62 — Surah Al-Anfal 8:62
Kekalokuukubabayakukhohlisa, ineneuAllâh, WanelekuWe. NguYe Okuxhasileyo ngoncedo lwaKhe nangamakholwa
Verse 63 — Surah Al-Anfal 8:63
Kananjalo nguYe Omanyanise iintliziyo zawo (amakholwa), enokuba wena ubungada unikele ngako konke okusemhlabeni, ubungekhe uzimanye iintliziyo zabo, kodwa uAllâh Uzimanyile Yena. Inene Yena nguSolwazi uSobulumko
Verse 64 — Surah Al-Anfal 8:64
Hini na Mprofeti uAllâh Wanele kuwe Eyedwa nakumakholwa alandela wena
Verse 65 — Surah Al-Anfal 8:65
Hini na Mprofeti, khuthaza amakholwa ukuba alwe. Ukuba ngaba kukho abantu abanyanisekileyo abangamashumi amabini phakathi kwenu, baya koyisa amakhulu amabini, ukanti ukuba ngaba kukho abantu abalikhulu phakathi kwenu abanyanisekileyo baya koyisa iwaka labo bangakholwayo ngokuba bangabantu abangenangqiqo
Verse 66 — Surah Al-Anfal 8:66
Ngoku ke uAllâh ulwenze lwalula uxanduva lwenu kuba Uyazi okokuba kukho ubuthathaka kuni. Ke ukuba ngaba kukho abalikhulu abanyamezelayo phakathi kwenu baya koyisa amakhulu amabini, kananjalo ukuba ngaba kukho abaliwaka abanyanisekileyo phakathi kwenu baya koyisa amawaka amabini ngemvume ka-Allâh. Kwaye uAllâh Ukunye nabo bancekelelayo
Verse 67 — Surah Al-Anfal 8:67
AyikokoMprofeti okokuba abe namabanjwa emfazwe (aze awakhulule ngentlawuliso) engadanga wohlwaya (iintshaba zakhe) kanobom emhlabeni. Nina ninqwenela izinto ezintle zeli hlabathi (imali yentlawuliso yokukhulula abathinjwa), kodwa Yena uAllâh Uninqwenelela uBomi Obuzayo. Kananjalo uAllâh nguSomandla uSobulumko
Verse 68 — Surah Al-Anfal 8:68
Ukuba kwakungekho ngenxa yommiselo ongenxa engaphambili ovela kuAllâh, isohlwayo esibuhlungu ngesanihlela ngenxa yoko nakuthathayo
Verse 69 — Surah Al-Anfal 8:69
Konwabeleni ke ngoko oko nikufumeneyo kulixhayelo lemfazwe, kuvumelekileyo kukwalungile nokulunga. Kodwa noyike uAllâh, Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
Verse 70 — Surah Al-Anfal 8:70
Hini na Mprofeti yithi kubathinjwa abasezandleni zenu! “Ukuba uAllâh Unento elungileyo Ayaziyo ezintliziyweni zenu, Uya kuninika into engcono kunaleyo ithathiweyo kuni, kananjalo Uya kunixolela, yaye uAllâh nguMxoleli uSozinceba
Verse 71 — Surah Al-Anfal 8:71
Kodwa ukuba banenjongo yokukungcatsha wena (Muhammad) bangcatsha uAllâh kwangaphambili. Ke kaloku Yena Unike wena amandla ngaphezu kwabo yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Verse 72 — Surah Al-Anfal 8:72
Inene abo bakholwayo, baza bafuduka bazabalaza ngamandla, balwa ngezinto zabo nangobomi babo eNdleleni ka-Allâh nabo babanika igwiba babancedisa nokubancedisa aba (bonke) ngamadlelane omnye komnye. Ke bona abo bakholwayo kodwa abafuduka (beze kuwe wena Muhammad) akuyi kuba namthwalo wokubakhusela de bafuduke (nabo beze kuwe); kodwa ke xa befuna uncedo lwakho ngenkolo, kuluxanduva lwakho ukubakhusela ngaphandle kwamaxa bechasene nabantu enenze umnqophiso wobumbano nabo. Kananjalo uAllâh Ukubona konke oko nikwenzayo
Verse 73 — Surah Al-Anfal 8:73
Abo bangakholwayo balubumbano omnye komnye ukanti ukuba nina anenzi njalo kuya kubakho intshutshiso nengcinezelo emhlabeni, nobutshinga obuninzi nogabadelo
Verse 74 — Surah Al-Anfal 8:74
Ke bona abo bakholwayo, bafuduka, bazabalaza ngamandla eNdleleni ka-Allâh bekunye nabo babanika igwiba noncedo aba ngamakholwa enyaniso, okwabo luxolelo nesixhaso esibubuBele
Verse 75 — Surah Al-Anfal 8:75
Nabo bakholwa emva koko, bafuduka, bazabalaza ngamandla ndaweninye nani, bakunye nani. Kodwa zona izizalwana zegazi zisondele omnye komnye (ngokuphathelene nelifa) ngokommiselo omiselwe nguAllâh. Inene uAllâh nguMazi wezinto zonke