Back to Languages
Xhosa - Chapter 90
Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Verse 1
Ndifunga ngesi sixeko (saseMakkah)
Verse 2
Wena (Muhammad) ungummi okhululekileyo wesi sixeko
Verse 3
Nangomzali nangoko akuzeleyo
Verse 4
Inene umntu Simdalele ekubulalekeni
Verse 5
Ucinga ukuba akakho onamandla ngaphezu kwakhe
Verse 6
(Ude) athi (eqhayisa): “Ndichithe ubutyebi (bam) obuninzi!”
Verse 7
Ucinga ukuba akakho ombonayo na
Verse 8
Asimenzelanga amehlo amabini na
Verse 9
Nolwimi nemilebe emibini
Verse 10
Sambonisa iindlela ezimbini (eliqhina nehlayo)
Verse 11
Kodwa akazamanga, ukalinyuka iqhina
Verse 12
Yintoni na enokukucacisela okokuba liyintoni na iqhina
Verse 13
Kukukhulula ikhoboka
Verse 14
Okanye ukondla (abantu) ngemini yendlala
Verse 15
(Ukondla) inkedama esondeleyo (kuwe ngokuzalana)
Verse 16
Okanye ihlwempu eliqhwanda uthuli. (ngenxa yentlupheko)
Verse 17
Aze abe ngomnye wabo bakholwayo (kwi-Islam) abathi bakhuthazane ukunyamezela nomonde. Bakhuthazane kananjalo ngokuba nyulu nangokuba nemfesane
Verse 18
Bona abo ngabo bangasekunene (abahlali basePaladesi)
Verse 19
Ke bona abo bangakholwayo kwiiVesi zeThu, (ze`Kur’ân) bona ngabo bangasekhohlo (abahlali basesiHogweni)
Verse 20
UMlilo uya kubagubungela