Back to Languages

    Xhosa - Chapter 95

    Translation by Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

    Verse 1

    Ndifunga ngomkhiwane nangomnquma

    Verse 2

    Nangentaba yeSinayi

    Verse 3

    Nangesi sixeko sokhuseleko (saseMakkah)

    Verse 4

    Inene umntu Samdala ngesona simo silungileyo

    Verse 5

    Saphinda Samthobisela kowona mgangatho uphantsi

    Verse 6

    Ngaphandle kwabo bakholwayo benze imisebenzi yobulungisa. Okwabo iya kuba ngumvuzo ongeze usilele

    Verse 7

    Yintoni ke emva koku enibangela ukuba niyiphike inkolo

    Verse 8

    AyingoAllâh na Oyena Mgwebi Unobuluko kubagwebi